Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Iintaba—Isizathu Sokuba Zibe Luncedo Kuthi (March 22, 2005) Ukutyelela iGrand Tentons kwakungowona mbono umangalisayo ndakha ndawubona ebomini bam. Kodwa ukufunda indlela iintaba ezibaluleke ngayo kundishiye ndibambe ongezantsi. Ngoku ndizixabisa ngakumbi iintaba kunye noMdali obalaseleyo ongumyili wazo.
J. G., waseUnited States
Xa ndibona ubuhle bendalo kaYehova, ndisuke ndiphelelwe ngamazwi okuchaza indlela endivakalelwa ngayo. Nakuba uluntu luye ngokungenalusini lonakalisa indalo, sisenako ukubukela ubuhle beentaba. Ndiyakuvuyela ukuxelela abanye abantu indlela eliya kuba ngayo ikamva, njengoko kuthenjisiwe kwiNdumiso 72:16.
R. C., waseUnited States
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Ndifanele Ndenze Umsebenzi Ofuna Amandla? (Aprili 8, 2005) Ndisebenza kwinkampani yepeyinti yaye umphathi wayo ngutata, kodwa omnye umntu wandixelela ukuba kumsebenzi onjalo, akunyanzelekanga ukuba ndisebenzise ingqondo. Noko ke, eli nqaku liye labonisa ukuba, uYesu noPawulos babesenza umsebenzi wezandla. Ngoku ndikhuthele kumsebenzi wam, ibe ndiwenza ngokuzinikela. Ndizimisele ukuwenza kakuhle ukuze ndisebenzise obu buchule kwiiHolo zeNdibano nakwiiHolo zoBukumkani ezakhiwayo.
M. Y., waseJapan
Liye landinceda kakhulu eli nqaku! Lindikhumbuze ukuba, ukukhonza uYehova uThixo, yeyona njongo iphambili ebomini bethu yaye umsebenzi endiwukhethayo ufanele uhambisane neenjongo zakhe. Elo nqaku libangel’ umdla, liye landikhuthaza ukuba ndithabathe amanyathelo okuncedisa kumsebenzi wasekhaya. Okubaluleke nangakumbi, liye landinceda ndabona imbono kaYehova ngomsebenzi ofuna amandla.
Y. K, waseRashiya
Ubomi—Umjikelo Omangalisayo (Januwari 22, 2005, ngesiNgesi) Ndineminyaka eli-15 ubudala. Esikolweni kwiklasi yebhayoloji sifunde ngamandla okucola ukutya emzimbeni (metabolism). Xa ndaya neli phephancwadi esikolweni, utitshala webhayoloji wafundisa iklasi ngeli nqaku, ebonisa nemifanekiso ekulo. Emva koko, wonke umntu wayelifuna eli phephancwadi. Bucace mhlophe ubulumko bukaYehova ngokusuka kweli nqaku. Alithandabuzeki elokuba ukufanele ukudunyiswa. Ingathi alifiki ixesha apho yonke into ephilayo iya kudumisa uYehova!
Y. B., waseRashiya
“Ukuba Abantu Bebesazi!” (Januwari 8, 2005) Ndineminyaka eli-17 ubudala, ibe bendisoloko ndicinga ngokufudukela kwindawo apho kukho imfuneko yabavakalisi boBukumkani. Umzekelo kaDavid uye wandenza ndanomdla nangakumbi wokufudukela kwintsimi enjalo emva kokugqiba kwam isikolo. Ncedani niqhubeke nipapasha amanqaku ayimizekelo ekhuthazayo afana nala. Abantu abaselula njengam bafuna ukusoloko bekhuthazwa ukuze batyhalele phambili kumsebenzi wokushumayela.
K. O., wasePoland
Ndineminyaka engama-20 yaye ndiye andakwazi ukuzibamba iinyembezi xa bendifunda eli nqaku. Ndiye ndacinga ukuba ‘ukuba ndinokufa ndiselula, andifuni kuzisola kuba ndiye ndakubekela amangomso ukukhonza uYehova ngamandla am ephela!’ Usukelo endinalo kukuba ngumshumayeli wexesha elizeleyo kungekudala. Eli nqaku ndiza kulixhoma egumbini lam ukuze ndingayilibali indlela endiye ndavakalelwa ngayo xa bendilifunda. Enkosi ngokupapasha amanqaku amnandi ngolu hlobo.
N. N., Japan