Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ngaba Ndinengxaki Kwindlela Enditya Ngayo?
“Ngamanye amaxesha xa ndiza kutya ndiye ndoyike ndize ndingcangcazele. Ndoyika ukutyeba. Ndazixelela, ‘Ndifanele ndihle ngeekhilogram ezi-2.’”—UMelissa.a
“Ndifuna ukuba mhle yaye ndiyakoyika ukutyeba. Kodwa andifuni ukuba kubekho mntu oyaziyo into yokuba ndiyahlanza emva kokuba ndityile. Ndisuka ndibe neentloni.”—UAmber.
“Ndiyazixelela ndisithi: ‘ . . . Ndiza kuzenza kakuhle izinto namhlanje . . . ’ Kamva ngolo suku ndiye ndingakwazi nokuzibamba nditye ukutya okuninzi, ndiphanga. Emva koko ndiziva ndinetyala kube ngathi mandife.”—UJennifer.
UFUNA ukuba mhle yaye yinto eqhelekileyo leyo. Ufuna ukuthuthuzelwa xa unxunguphele okanye udandathekile. Akukho nto iphosakeleyo nalapho. Kodwa ukuba ufana nala mantombazana akhankanywe kweli nqaku, kusenokwenzeka ukuba unengxaki. Ukuba kunjalo, akuwedwa. Inyaniso ikukuba, ulutsha oluninzi—uninzi lwalo ingamantombazana—lunengxaki kwindlela olutya ngayo.b
Makhe sihlolisise iaronexia, ibulimia nokubhukuxa. Sigulo ngasinye kwezi sineempawu ezingafaniyo, kodwa kuzo zonke ukutya kujongwa ngenye indlela. Ukuba nawe unengxaki efanayo nezi zilandelayo, qiniseka ukunokulufumana uncedo. Unako ukuncedakala!
Ukuhlolisisa Okwenzekayo
◼ IANOREXIA. Enoba inciphe kangakanani, intombazana enearonexia xa izibuka esipilini ibona umntu otyebe ngokugqithiseleyo. Ilungele ukwenza nantoni na ukuze yehlise umzimba. Enye intombazana enearonexia ithi: “Ndiye ndiqiniseke ukuba ndiyazibala iicalories zokutya endiza kukutya. Ndiyiceba kusengaphambili into endiza kuyitya evekini, ngamanye amaxesha andityi, yaye ndenza umthambo kakhulu xa ndicinga ukuba nditye gqitha. Ndisela iipilisi zokuhambisa ezintandathu ngosuku.”
Kungekudala, iimpawu zeanorexia ziqalisa ukubonakala. Uphawu oluqhelekileyo kukuncipha komzimba, kwakhona abantu abanale ngxaki bawelwa ziinwele, isikhumba some, bayadinwa yaye amathambo aba buthathaka. Basenokungayi rhoqo okanye iinyanga zinokulandelelana bengayi exesheni.
Mhlawumbi ezi mpawu zisenokubonakala zingeyongozi, kodwa ungazikhohlisi—ianorexia isenokukubulala. Kolunye uhlolisiso kwafunyaniswa ukuba kubantu abaneanorexia abafayo banokuba li-10 ekhulwini, ngokuqhelekileyo bafa ngenxa yokusilela kwelungu elithile okanye ezinye iingxaki ezinento yokwenza nokungondleki kakuhle.
◼ IBULIMIA. Kunokuba ingatyi, intombazana enebulimia itya ibhukuxe, ukutya okuzicalories ezingama-15 000 ngeeyure nje ezimbini! Emva koko iyahlanza, ngokuqhelekileyo idla ngokusebenzisa iipilisi zokuhambisa ukuze ikhuphe oko kutya okanye iipilisi eziyenza ichame kakhulu.
Ngokuqhelekileyo ukuzingxala ngokutya kwenziwa kwindawo efihlakeleyo. Enye intombazana ithi: “Ukubuya kwam esikolweni, ukuba ndifike kungekho mntu, ndandizingxala ngokutya ndize ndihlanze. Ndandiyifihla loo nto.” Noko ke, emva koko, ndandidla ngokuziva ndinetyala. Le ntombazana ithi: “Ndandingonwabi, kodwa ndandisazi ukuba ndinokuyiyeka lento. Ndandinyuka ngezinyuko ndiye kuhlanza yaye ndandingeva nje isiqabu kodwa ndandiziva ndindim.”
Nakuba kunokubonakala ngathi kuluncedo, ukuhambisa kuyingozi. Ukusebenzisa kakubi iipilisi zokuhambisa kunokuyenza buthathaka inwebu engaphakathi yamathumbu yaye kusenokukhokelela ekubeni ubani adumbe okanye angenwe lula zizifo. Ukuba ubani usoloko ehlanza, oko kunokuphumela ekubeni aphelelwe ngamanzi emzimbeni, abolelwe ngamazinyo, kunokonakalisa umqala yaye kunokubangela nesifo sentliziyo.
◼ UKUBHUKUXA. Njengomntu onebulimia, umntu obhukuxayo utya kakhulu. Umahluko nje ukukuba akahambisi. Ngenxa yoko umntu obhukuxayo unokutyeba kakhulu. Noko ke, abanye bayazilambisa emva kokuba umntu ebhukuxile okanye enze umthambo kakhulu. Maxa wambi xa umntu obhukuxayo ezilambisa okanye enze umthambo, izalamane nabahlobo basenokungaqondi ukuba unengxaki.
Njengomntu oneanorexia nebulimia, umntu obhukuxayo ukujonga ngeny’ indlela ukutya. Xa enye intombazana ithetha ngayo nangabanye abantu abanale ngxaki ithi: “Ukutya sikuthanda gqitha, ngumhlobo ongaziwayo—mhlawumbi kuphela komhlobo wethu.” Omnye uthi: “Xa ubhukuxa, ayikho enye into ebalulekileyo ngaphezu kokutya—kuyathuthuzela—yaye emva kokuba ubhukuxile uye uzive unetyala yaye udandathekile.”
Nokuba akuhambisi emva kokutya, ukubhukuxa kuyingozi. Kunokukubangela ube nesifo seswekile, uxinezeleko lwegazi, isifo sentliziyo kuquka nezinye izifo. Kwakhona kunokumenza ubani adandatheke.
Ngaba Oko Kungenzeka Nakuwe?
Kakade ke, abantu abaninzi abafuna ukunciphisa umzimba okanye benze umthambo abanangxaki kwindlela abatya ngayo. Sekunjalo, emva kokuba uhlolisise oku kungasentla, usenokuzibuza enoba akuchwechwelwa yiloo ngxaki kusini na. Zibuze:
◼ Ngaba ndineentloni yindlela enditya ngayo?
◼ Ngaba ndiyayifihla kwabanye indlela enditya ngayo?
◼ Ngaba ukutya yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam?
◼ Ngaba ndiya esikalini ngaphezu kwesihlandlo esinye ngosuku?
◼ Ngaba ndixolele nantoni na ukuze ndinciphise umzimba?
◼ Ngaba ndiyahlanza okanye ndisela ipilisi zokuhambisa?
◼ Ngaba indlela enditya ngayo ichaphazela ubomi bam? Ngokomzekelo, ngaba ndikhetha ukuba ndedwa kunokuba nabanye ndisenzela ukuba ndibhukuxe okanye ndisele izinto zokuhambisa ndingabonwa?
Ukuba iimpendulo zakho kule mibuzo zibonisa ukuba unengxaki, zibuze:
◼ Ngaba ngokwenene ndiyakuvuyela ukuphila ngale ndlela?
Yintoni onokuyenza ngale meko ukuyo?
Thabatha Inyathelo Ngoku!
Inyathelo lokuqala, kukuvuma ukuba unengxaki. UDanielle uthi: “Emva kokuba ndicingile ngoku ndaqonda ukuba ndivakalelwa ngendlela efanayo namantombazana aneanorexia. Ndandisoyika ukuvuma ukuba ndandisenza into efanayo naleyo ayeyenza.”
Elesibini, thandaza kuYehova ngale ngxaki.c Cela ubulumko ukuze uqonde unobangela nokuze ukwazi ukuyoyisa. Unokuthandaza kanye ngendlela uDavide awathandaza ngayo: “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.”—INdumiso 139:23, 24.
Kwelinye icala, usenokukufumanisa kunzima ukwahlukana nalo mkhwa. Usenokuba ulikhoboka lokutya. Le yenye yezinto onokuyithandazela kuYehova. UDanielle kwafuneka enjenjalo. Uthi: “Ekuqaleni, ndandingakwazi ukwahlukana nalo mkhwa. Ngoko ke, kwafuneka ndithandazele umnqweno wokwahlukana nawo.”
Elesithathu, thetha nomzali okanye omnye umntu omdala onako ukukunceda. Abantu abadala abakukhathaleleyo abayi kukwenza ube neentloni. Kunoko, baza kuzama ukuxelisa uYehova, iBhayibhile ethi ngaye: “Akadelanga engazothekanga ngenkxwaleko yoxhwalekileyo; ibe ubuso bakhe akabufihlanga kuye, yaye xa ekhalela uncedo kuye umvile.”—INdumiso 22:24.
Enyanisweni, le ngxaki ayipheli lula. Kwezinye iimeko kuye kufuneke abantu abafundele ukunyanga le ngxaki.d Into ebalulekileyo kukuthabatha amanyathelo ukuze uyeke ukutya kakhulu. Oku koko kwenziwa yenye intombazana eyayinebulimia. Ithi: “Ngenye imini, ndaqonda ukuba ndandingasakwazi ukuphila ngaphandle kwepilisi zokuhambisa. Noko ke, ndandingaqinisekanga ukuba ndingakwazi ukwahlukana nazo. Ekugqibeleni, ndenza into ekwakunzima ukuyenza. Ndacela uncedo.”
Nawe unokwenz’ into efanayo!
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.
b Ngenxa yokuba uninzi lwabantu abanale ngxaki ingamabhinqa, eli nqaku libhekisa kuwo. Noko ke, imigaqo emininzi ekuthethwa ngayo apha isebenza nasemadodeni.
c Xa udandathekile, unokuqiniseka ukuba uYehova ukukhathalele ngokucamngca ngezi Zibhalo zilandelayo: Eksodus 3:7; INdumiso 9:9; 34:18; 51:17; 55:22; Isaya 57:15; 2 Korinte 4:7; Filipi 4:6, 7; 1 Petros 5:7; 1 Yohane 5:14.
d AmaKristu afanele aqiniseke ukuba naluphi na unyango alusebenzisayo alungqubani nemigaqo yeBhayibhile.
OFANELE UCINGE NGAKO
◼ Ngaba ucinga ukuba unokuba nengxaki kwindlela otya ngayo? Ukuba kunjalo, ngaba unokucela uncedo?
◼ Unokumnceda njani umhlobo wakho onengxaki yokutya kakhulu?
[Ibhokisi ekwiphepha 19]
“Ndicinga ukuba unengxaki . . .”
Ukuba ilungu lentsapho okanye umhlobo wakho uthetha loo mazwi, musa ukuzithethelela. Mhlawumbi umhlobo wakho uphawule ukuba umthungo ongasemva welokhwe yakho uqalisa ukuqhaqheka. Ngaba akuyi kumbulela kuba eye wakuxelela ungekaqhaqheki wonke? IBhayibhile ithi: “Kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.” (IMizekeliso 18:24) Xa umntu esiza kuwe efuna ukukunceda kwingxaki onayo, loo mntu ngumhlobo!
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 19]
“Ndimele ndibe nomzimba omncinane”
“Ndaqalisa ukunciphisa umzimba. Emva kokuba ndikhuphe izinyo lomhlathi ndandingakwazi ukutya. Ndaqala njalo ukuba neanorexia. Ukukhangeleka kakuhle nokuba nesinqe esincinane yaba yeyona nto ibalulekileyo kum. Ndandicinga ukuba ndityebile. Kodwa ndandibhitye ndingumcinga. Ngoku iinzipho zam azikhuli. Andisalambi! Ndiye ndaphunyelwa sisisu kangangezihlandlo ezine. Ndiye ndayeka ukuya exesheni ngaphambi kwexesha yaye isisu sam asisebenzi kakuhle. Kwakhona ndinesifo sokudumba kwamathumbu (colitis). Yonke le nto ibangelwa kukuba ndandifuna ukuba nomzimba omncinane.”—UNicole.
[Ibhokisi ekwiphepha 20]
Ukuba uvukwa likakade
Usenokwahlukana nalo mkhwa kodwa usenokuvukwa likakade kwiveki okanye iinyanga ezilandelayo. Ukuba oko kuyenzeka, musa ukunikezela. IBhayibhile iyavuma ukuba “ilungisa lisenokuwa kasixhenxe.” (IMizekeliso 24:16) Ukuvukwa likakade akuthethi kuthi akunakwahlukana nalo mkhwa. Kufuneka uqiniseke ngesigqibo osenzileyo sokwahlukana nokutya kakhulu. Umele uziqonde izinto ezikubangela ukuba uvukwe likakade yaye ufanele uthethe nabantu abanokukunceda.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 20]
Funda okungakumbi ngale ngxaki
Ukuba unengxaki ngendlela otya ngayo, funda izinto ezithetha ngayo. Okukhona usazi ngale ngxaki kokukhona uya kukwazi ukwahlukana nayo. Uya kuzuza ngokuphinda ufunde inkcazelo eluncedo efumaneka kuVukani! wesiNgesi kaJanuwari 22, 1999 iphepha 3-12, nowesiNgesi ka-Aprili 22, 1999, iphepha 13-15.
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
AMAZWI ABHEKISWA KUBAZALI
Ukuba intombi yakho ekwishumi elivisayo inengxaki yokutya kakhulu, yintoni onokuyenza? Okokuqala, phinda ufunde ngokucokisekileyo inkcazelo ekweli nqaku yaye ezinye iimpapasho ungazijonga kumbhalo osemazantsi okwiphepha 20. Zama ukwazi unobangela wokuba intombi yakho ibe nale ngxaki.
Kufunyaniswe ukuba abantu abaninzi abanengxaki kwindlela abatya ngayo bazijongela phantsi okanye bezibekel’ imilinganiselo ephakame gqitha. Qiniseka ukuba asinguwe obangele le ngxaki. Nceda intombi yakho izithembe. (Isaya 50:4) Ukuze iyeke ukuzibekela imilinganiselo ephakame gqitha, iBhayibhile ithi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.”—Filipi 4:5.
Kwakhona hlolisisa indlela wena okujonga ngayo ukutya nobungakanani bomzimba wakho. Ngaba ezo zizinto osoloko uthetha ngazo okanye ozenzayo? Khumbula ukuba ulutsha luyixhalabele gqitha indlela olukhangeleka ngayo. Kwanokuqhula ngokutyeba okanye ukuba ligxom-gxom kunokutyal’ imbewu yokungakhangeleki kakuhle engqondweni yomntwana.
Emva kokuba ucinge nzulu ngalo mba, thetha nentombi yakho ngokunyanisekileyo.
◼ Cinga kakuhle ngoko uza kukuthetha nexesha oza kukuthetha ngalo.
◼ Mchazele isizathu sokuba uxhalabile nomnqweno onawo wokumnceda.
◼ Musa ukothuka xa eqala ngokuzithethelela.
◼ Mphulaphule ngomonde.
Eyona nto ibalulekileyo kukuyinceda intombi yakho kule ngxaki inayo. Intsapho yonke mayincede lowo unengxaki ukuba ahlukane nalo mkhwa!
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Usenokuthandazela ukufuna ukwahlukana nalo mkhwa