Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Indlela Entsha Abhalwe Ngayo UVukani! Phezolo bendigqibezela ukufunda uVukani! kaJanuwari 2006. Ndiyayithanda le ndlela intsha abhalwa ngayo. Ngoku uVukani! liphephancwadi ekufuneka silifunde ngokucokisekileyo, libhalwe ngendlela eyenza lowo ulifundayo acinge. UYehova usalathisa ngoVukani! ukuze sikhule ngokomoya.
UB. N., waseKhanada
Ndineminyaka eli-16 ubudala. Amanqaku amatsha kaVukani! aza kusinceda kakhulu xa sifunda iBhayibhile. Amanye amanqaku anongcelele lwemibuzo enceda umfundi acinge ngoko akufundayo. Ndiyakuvuyela ukusebenzisa uVukani! kumsebenzi wesikolo. Ndinethemba lokuba niza kuqhubeka nipapasha le nkcazelo iluncedo.
US. N., waseNamibia
Ukholo Endinalo Lwandomeleza Njengoko Ndinesifo I-ALS (Januwari 2006) Emva kokuba ndifunde ngokwenzeka kuJason Stuart, zonke iingxaki endinazo zabonakala zingabalulekanga kangako. Ndaqonda ukuba uYehova uyayixabisa inkonzo esiyinikela kuye ngokweemeko zethu. Ndiyayincoma inkosikazi kaJason ngokuzincama kwayo nokuthembela kwayo kuYehova. Ndiza kuhlala ndicinga ngoko kwenzeka kuJason yaye kuza kundinceda ndimelane neengxaki ezisenokuvela kwixesha elizayo.
UC.R.S., wasePeru
Ndalila emva kokuba ndifunde ngebali likaJason. Ndandingalili nje kuba ndichukumisekile bubunzima awayekubo kodwa ngenxa yokuba ndiliNgqina likaYehova, ndandinelunda ngokuba nomzalwana wokomoya onjengaye. Ngokusuka kweli nqaku, ndakubona ukubaluleka kokuzilungela izilingo, kuba ‘ixesha nesihlo esingenakubonwa kwangaphambili’ sinokwehlela nabani na.—INtshumayeli 9:11.
UT. A., waseHungary
Umama wabulawa yi-ALS. Okwenzeka kuJason kwandichukumisa. Umzekelo wakhe wandikhuthaza ukuba ndiqhubeke ndishumayela ngokuzimisela. Ndithandazela ukuba uYehova aqhubeke emomeleza lo mzalwana nenkosikazi yakhe.
UL.Z.G., waseParaguay
Isibakala sokuba uJason wachitha ixesha esenza ufundisiso lobuqu ngoxa wayesempilweni nto leyo eyamenza womelela ngokomoya naxa wayejamelene nezilingo, oko kundenze ndazikis’ ukucinga. Kundenze ndazimisela ndaza ndanenzondelelo engakumbi ngofundisiso lwam lobuqu lweBhayibhile.
UY. M., waseJapan
Abantu Abaselula Bayabuza—Kutheni Ndizenzakalisa? (Januwari 2006) Njengoselula ndinengxaki yeziyobisi notywala, kodwa eyona ngxaki endimele ndilwe nayo kukuzenzakalisa. Ibilidabi elingapheliyo, kodwa amanqaku anjengeli aye andomeleza ukuze ndinyamezele. Ndiswele amazwi okuvakalisa uxabiso endinalo ngeli nqaku.
UE. C., waseUnited States
Bendizenzakalisa ukususela kwiminyaka yeshumi elivisayo. Ngoku ndineminyaka engama-56 ubudala. Ndineminyaka emine ngoku ndayeka ukuzenzakalisa, kodwa ngamanye amaxesha iingxaki zam zinkulu kangangokuba ndiye ndifune ukuzenzakalisa. Eli nqaku liye landichukumisa kakhulu. Liza kwenza abantu abanjengam bakwazi ukumelana neengxaki zemihla ngemihla.
Igama lakhe akalichazanga, ngowaseNetherlands
Ndineminyaka eli-17 ubudala yaye ndiyanibulela ngeli nqaku. Ndinengxaki yokuzenzakalisa. Kutshanje, ndiye ndazisika kwakhona. Emva koko, ndathetha nomama yaye ndamcela ukuba athandaze nam. Phezu kwayo nje le ngxaki ndinayo, ndiye ndafunda ukuba uYehova uyandithanda. Eli nqaku liye landinceda kakhulu yaye ndiyambulela uThixo ngalo!
UN. M., waseCzech Republic
“Ayinakwenzeka loo nto!” La ngamazwi endawathethayo xa ndabona eli nqaku. Ndineminyaka eli-18 ubudala. Bendizenzakalisa. Iintlungu ziyandinceda ukuze ndidambise ukudakumba. Amaxesha amaninzi ndiyazenzakalisa yaye andiyazi indlela endingalwa ngayo nezo mvakalelo. Ndothuka ndakubona eli nqaku. Iinyembezi zazehlela yaye ndambulela uYehova ngomthandazo. Kuphela kusentlanganweni kaYehova apho sinokufumana khona intuthuzelo enje!
UA. P., waseRashiya
Xa ndandineminyaka eli-14 ubudala ndaqalisa ukuzenzakalisa. Ngesinye isihlandlo kwafuneka ndisiwe esibhedlele ngenxa yokuzenzakalisa. Ukugcina idayari kuye kwandinceda kakhulu ndibone izinto endandikade ndizenza. Xa ndiziva ndifuna ukuzenzakalisa, ndibiza umhlobo oqondayo. Ukuthandaza kuye kwandinceda ngokukhethekileyo. Xa ndiziva ndingafaneleki ukuba ndithandaze, abahlobo nabadala abangamaKristu baye bathandaze nam. Kunzima ukwahlukana nalo mkhwa kodwa ndiye ndafunda indlela yokumelana nawo yaye ndiye ndamkela naluphi na uncedo endilufumanayo ukwenzela ukuba ndingade ndizenzakalise.
UN. W., waseJamani
Umfanekiso okwiphepha lokuqala leli nqaku unentombazana ezixhwitha iinwele yaye eli nqaku lithetha “ngoSara” owayezixhwith’ iinwele. Intombi yam inesigulo ekuthiwa yitrichotillomania yaye umntu onaso uye azixhwithe iinwele. Le meko inxulunyaniswa nokuba likhoboka lokuthile. Ibangelwa kukukhotyokiswa yinto ethile, kungekhona kukufuna ukuzenzakalisa. Xa umntu ezixhwitha iinwele loo nto ayithethi kuthi uyazenzakalisa.
UM. H., waseUnited States
“UVukani!” uyaphendula: Ibinzana elithi “trichotillomania,” liqale ukusetyenziswa ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19 yaye libhekisela kwisigulo esibangela umntu afune ukuzixhwitha iinwele. Njengokuba sibona emfanekisweni, ukuxhwitha iinwele yindlela abanye abaye bazenzakalisa ngayo. Noko ke, oku akuthethi kuthi wonke umntu ozixhwitha iinwele ochazwe kweli nqaku uyazenzakalisa. Njengokuba umfundi ongasentla esitsho, ngamanye amaxesha lo mkhwa sisigulo sokungakwazi ukuzibamba.
Nokuba kukweyiphi na imeko, ezinye iingcali zithi ifanele ijongwe into ebangela “itrichotillomania” ukwenzela ukuba umguli ngamnye afumane unyango oluza kumfanela. Ngenxa yoko, kusenokuba bubulumko ngabo banale ngxaki ukuba badibane nogqirha abaxilonge baze bafumane unyango.
Ubuya Kuphendula Uthini? (Januwari 2006) Ndiyalivuyela eli nqaku litsha! Abazukulwana bethu bafundiswa sithi yaye eli nqaku liza kubanceda kufundo lwabo lweBhayibhile lwemihla ngemihla nakumsebenzi wabo wesikolo. Siyabulela ngokubakhathalela kangaka abantu abaselula.
UB. E., waseUnited States
Eli nqaku linzima, kodwa ndiye ndivuye xa ndifumana impendulo! Phezolo bendifunda eli nqaku; libangel’ umdla! Xa sele ndimdala, ndingathanda ukunceda ekubhalweni kweli phephancwadi ukuze abanye abantu nabo bafunde ngoYehova!
UD. H., waseUnited States
Ndineminyaka esibhozo ubudala. Ekhaya sisebenzisa eli nqaku kwisifundo sentsapho. Siyakuvuyela ukuphanda. Inxalenye yalo ethi “Ndingubani?” inzima, kodwa siyayithanda loo nto. Qhubekani nomsebenzi omhle.
UC. W., waseUnited States