IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/06 iphe. 10-12
  • Kutheni Ndizenzakalisa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndizenzakalisa?
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimvelaphi Ezingafaniyo
  • “Indlela Yokumelana Nokuxinezeleka”
  • “Amaxesha Amanqam”
  • Ndinokuyeka Njani Ukuzenzakalisa?
    Vukani!—2006
  • Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ezenzakalisa Emzimbeni Ngabom
    Vukani!—2013
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2006
  • Kutheni Ndizisika?
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 1/06 iphe. 10-12

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Ndizenzakalisa?

“Ndazisika ezihlahleni kangangokuba kwafuneka ndiye kuthungwa. Ngelo xesha, ndamxelela ugqirha ukuba ndisikwe yiglowubhu, andizange ndimxelele ukuba ndandizisike ngabom.”—Sasha, 23.

“Abazali bam baye baphawula ukuba ndinamanxeba, kodwa ayenganzulwanga kangako yayiyimikrwelwana nje. . . . Maxa wambi babebona eminye emitsha, ndandidla ngokuba nezizathu ezingacacanga zokuba ndibe nayo. . . . Ndandingafuni bayazi into yokuba ndiyazenzakalisa.”—Ariel, 13.

“Ndandizenzakalisa ukususela xa ndandineminyaka eli-11 ubudala. Ndandiyazi indlela uThixo awuxabise ngayo umzimba womntu, kodwa oko akuzange kundithintele.”—Jennifer, 20.

USENOKUBA uqhelene nabantu abafana noSasha, uAriel, okanye uJennifer.a Isenokuba ngumntwana ofunda naye, umntan’ akowenu, okanye isenokuba nguwe. EUnited States kuphela, kuqikelelwa ukuba abantu abazizigidi—uninzi lwabo lulutsha—luzenzakalisa ngabom ngeendlela ezahlukahlukeneyo njengokuzisika, luzitshise, okanye lugruzule isikhumba salo.b

Ngaba bazenzakalisa ngabom? Ngaphambili abantu abaninzi bacinga ukuba ukuzenzakalisa kunento yokwenza nesimbo okanye unqulo oluthile olungaqhelekanga. Noko ke, kwiminyaka yakutshanje, ukuzenzakalisa okuquka ukuzisika okanye ukuzicenta kuxhaphakile. Kubonakala ukuba baninzi abantu abavumayo ukuba banale ngxaki. UMichael Hollander umalathisi weziko lokunyanga uthi: “Ingcali nganye yezonyango ithi le ngxaki iyanda.”

Ukuzenzakalisa akufane kubulal’ emntu, kodwa kuyingozi. Ngokomzekelo, cinga ngoBeth. Uthi: “Xa ndizenzakalisa ndisebenzisa incakuba. Ndiye ndalala kwada kwakabini esibhedlele. Ngesinye isihlandlo ndasiwa kwigumbi labagula kakhulu ngenxa yamanxeba anzulu.” Njengabanye abanesi sigulo, uBeth waqhubeka nalo mkhuba de wamdala. Uthi: “Ndaqalisa ukuzisika xa ndandineminyaka eli-15 ubudala, yaye ngoku ndineminyaka engama-30 ubudala.”

Ngaba unengxaki efanayo okanye kukho umntu omaziyo onayo? Ukuba kunjalo, ingakudandathekisi loo nto. Uncedo lukho. Kwinkupho elandelayo kaVukani! kuza kuthethwa ngendlela abanokuncedwa ngayo abantu abazenzakalisayo.c Okokuqala, kuya kuba kuhle ukuba sithethe ngabantu abanesi sigulo nesizathu sokuba bazenzakalise.

Iimvelaphi Ezingafaniyo

Aba bantu bazisikayo abanakusuka nje babotshwe ngaband’ elinye njengokuba maxa wambi kuye kube njalo. Abanye basuka kwiintsapho ezineengxaki ezininzi, ukanti abanye basuka kwiintsapho ezonwabileyo. Uninzi lwabo aluphumeleli esikolweni, kodwa abanye, ngabafundi abakrelekrele. Ngamaxesha amaninzi, abantu abazenzakalisayo abacaci ukuba banale ngxaki, kanye njengokuba umntu okhathazekileyo engasoloko ebonakala ukuba usengxakini. IBhayibhile ithi: “Kwasekuhlekeni intliziyo inokuba buhlungu.”—IMizekeliso 14:13.

Kwakhona, abantu abazenzakalisi ngendlela efanayo. Ngokomzekelo, kolunye uhlolisiso kuye kwafunyaniswa ukuba abanye abantu abazenzakalisayo bakwenza oku kanye ngonyaka, ngoxa abanye ngokomlinganiselo kuba kabini ngosuku. Okubangel’ umdla kukuba, amadoda ngawona azenzakalisayo kunokuba kwakunjalo ngaphambili. Sekunjalo, le ngxaki ikho kakhulu kumantombazana akwishumi elivisayo.d

Nakuba beneemvelaphi ezingafaniyo, abantu abazenzakalisayo banomkhwa omnye abafana ngawo. Enye intyilalwazi ethetha ngolutsha ithi: “Ulutsha olukwishumi elivisayo oluzenzakalisayo luziva lungenamandla, akulula ukuba luzityand’ igila kwabanye abantu, luziva lungamalolo, okanye lungathandwa, luyoyika, yaye aluzixabisanga.”

Kakade ke, abanye basenokuthi ezi mpawu zichaziweyo zikho nakuwuphi na umntu oselula osakhulayo. Noko ke, kuba nzima ngakumbi kumntu ozenzakalisayo. Kuba kungelula ukuzityand’ igila kumhlobo amthembileyo, iingxaki zasesikolweni, ezasemsebenzini, okanye ezasekhaya zisenokuba ngaphaya kwamandla akhe. Akanasicombululo sazo yaye akukho mntu anokuthetha naye. Uye angakwazi ukunyamezela. Ekugqibeleni uza necebo: Ngokuzenzakalisa uziva efumene isiqabu kwingxaki yakhe, yaye uye aqhubeke nobomi—kangangethutyana.

Kutheni ebhenela ekuzenzakaliseni ukuze acombulule ingxaki anayo? Ngokomzekelo, cinga ngokwenzekayo xa ukwagqirha ibe kungekudala uza kuhlatywa ngenaliti. Njengokuba sele uza kuhlwatywa, ngaba awuye uzitswebe, ukuze ungayiva inaliti xa ingena? Umntu ozenzakalisayo wenza kanye loo nto, nangona yena ezenzakalisa. Kumntu ozenzakalisayo, ukuzisika kwenza angayiva kangako ingxaki anayo yaye ufumana isiqabu kwintlungu yakhe. Yaye intlungu yakhe inkulu kakhulu kangangokuba ukhetha ukuva intlungu emzimbeni. Mhlawumbi kungenxa yeso sizathu le nto elinye ibhinqa elizenzakalisayo lathi ukuzisika “kuliyeza lam xa ndinoloyiko.”

“Indlela Yokumelana Nokuxinezeleka”

Abantu abangaqhelananga nesi sigulo, ukuzenzakalisa kusenokubonakala kuyindlela yokuzama ukuzibulala. Kodwa akunjalo. USabrina Solin Weill, ongumhleli oyintloko wephephancwadi labakwishumi elivisayo ubhala athi: “Ngokuqhelekileyo, aba bantu bazama nje ukuphelisa intlungu yabo, kungekhona ubomi babo.” Ngenxa yoko, enye incwadi ikuchaza ukuzenzakalisa ‘njengokuhlangula ubomi kunokuzibulala.’ Kwakhona ikuchaza oku “njengendlela yokumelana nokuxinezeleka.” Luhlobo olunjani loxinezeleko?

Kuye kwafunyaniswa ukuba abantu abaninzi abazenzakalisayo, bebexhatshazwa besengabantwana okanye bengahoywanga. Kwabanye, iingxaki zasekhaya okanye ukunxila komzali ngunobangela wokuzenzakalisa. Le ngxaki kwabanye ibangelwa kukuba begula ngengqondo.

Kusenokwenzeka ukuba kukho nezinye iingxaki. Ngokomzekelo, uSara, wayezixhaphaza, kuba ecinga ukuba ufanele azenze izinto ngendlela egqibeleleyo. Nangona wayenze iimpazamo ezinzulu waza wafumana uncedo kubadala abangamaKristu, wayeziva enetyala ngeziphoso awayezenza imihla ngemihla. USara uthi: “Ndandicinga ukuba ndifanele ndizohlwaye yaye kum ukuzenzakalisa yayiyindlela endandizohlwaya ngayo. Indlela endandizohlwaya ngayo yayiquka ukuzitsal’ inwele, ukuzisika izihlahla neengalo, ukuzibetha ndize ndizigruzule kanobom, yaye bendizohlwaya ngokufaka isandla sam emanzini atshisayo, ndihlale phandle ngemini eqhaqhazelis’ amazinyo ndinganxibanga bhatyi, okanye ndingatyi imini yonke.”

Ngokuzenzakalisa, uSara wayebonisa ukuba uzithiyile. Uthi: “Kwakubakho amaxesha endandiye ndiyazi ukuba uYehova uzixolele iimpazamo zam, kodwa ndandingafuni ukuba enjenjalo. Ndandifuna ukuva ubuhlungu ngenxa yokuba ndandizithiyile. Nangona ndandisazi ukuba uYehova wayengasoze abe nayo indawo apho athuthumbisa khona abantu njengesihogo seNgqobhoko, ndandifuna nje ayenzele mna.”

“Amaxesha Amanqam”

Abanye abantu basenokubuza isizathu sokuba lo mkhwa ubonakale kumashumi eminyaka akutshanje. Noko ke, abafundi beBhayibhile bayazi ukuba siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Ngenxa yoko, abothuki xa besiva ngabantu—kuquka ulutsha—olunemikhwa ekunzima nokuyichaza.

IBhayibhile iyavuma ukuba “ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko.” (INtshumayeli 7:7) Iingxaki zolutsha olukwishumi elivisayo—kuquka neengxaki zobomi, kwezinye iimeko zinokuba ngunobangela wale mikhwa kuquka ukuzenzakalisa. Oselula oziva elilolo nocinga ukuba akukho mntu anokuthetha naye usenokubhenela ekuzisikeni kuba efuna isiqabu. Kodwa nasiphi na isiqabu esifumanekayo ngokuzenzakalisa sesokwexeshana. Ekuhambeni kwexesha ingxaki iphinda ibekho, njengokuba kunjalo nangokuzenzakalisa.

Ngokuqhelekileyo, abo bazenzakalisayo bafuna ukwahlukana nalo mkhwa kodwa bathi kunzima ukwahlukana nawo. Abanye abantu baye bahlukana njani nawo? Oko kuza kuthethwa ngako kwinqaku elikuVukani! kaFebruwari 2006 elinomxholo othi “Abantu Abaselula Bayabuza . . .Ndinokuyeka Njani Ukuzenzakalisa?”

[Imibhalo esemazantsi]

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

b Kukho umahluko phakathi kokuzenzakalisa, ukugqobhoza, okanye ukuvamba. Le yimikhwa engafaniyo nokuzenzakalisa. Bona uVukani! ka-Agasti 8, 2000, iphepha 18-9.

c ILevitikus 19:28 ithi: “Ningenzi ntlanga enyameni yenu ngenxa yomphefumlo oswelekileyo.” Eli siko lobuhedeni—elalisenzelwa izithixo ekwakucingwa ukuba zixolelanisa abantu nabantu abafileyo—lahlukile kulo mkhwa sithetha ngawo apha wokuzenzakalisa.

d Ngenxa yeso sizathu, xa sithetha ngomntu ozenzakalisayo siza kube sibhekisa kumabhinqa. Noko ke, imigaqo ekuthethwa ngayo apha isebenza kumadoda nakumabhinqa.

ESIFANELE SICINGE NGAKO

◼ Kutheni abanye abantu abaselula bebhenela ekuzenzakaliseni?

◼ Emva kokuba ufunde eli nqaku, ziziphi iindlela ezifanelekileyo ocinga ngazo ezinokukunceda khon’ ukuze umelane nokuxinezeleka?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]

“Kwasekuhlekeni intliziyo inokuba buhlungu.”—IMizekeliso 14:13

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]

“Ngokuqhelekileyo aba bantu bazama nje ukuphelisa intlungu yabo kungekhona ubomi babo”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]

Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’—2 Timoti 3:1

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share