Okwenzeka Ehlabathini
◼ Suku ngalunye abantu bazama ukwenza ubuqhetseba kwi-Internet izihlandlo ezizizigidi ezimalunga nama-5,7.—MAGAZINE, ESPEYIN.
◼ IJapan lelinye lamazwe anomlinganiselo ophakamileyo wabantu abazibulalayo. Unyaka wama-2005, ibingunyaka wesibhozo eli lizwe linabantu abazibuleleyo abangaphezu kwama-30 000.—MAINICHI DAILY NEWS, EJAPAN.
◼ “Kwiminyaka engama-500 edluleyo abantu baye babangela iintlobo zezilwanyana ezingama-844 zinyamalale okanye ziphele.—IUCN, WORLD CONSERVATION UNION, ESWITZERLAND.
◼ Ngokwengxelo karhulumente, isi-6 ekhulwini sabemi baseBritani ngamafanasini. Ngowama 2005 kuye kweli lizwe kwawiswa umthetho othi “kuvumelekile ngabantu abangamafanasini ukuba ‘batshate’ nokuba bafumane amalungelo” afanayo nawamadoda nabafazi abatshatileyo.—THE DAILY TELEGRAPH, ENGILANI.
Iintaba Zomkhenkce Zinyibilika Ngokukhawuleza
Iphephancwadi iScience lithi: “Iintaba ezinkulu zomkhenkce zinyibilika ngokukhawuleza kwiiNtaba Zomkhenkce zaseGreenland.” Iikhamera ezisemajukujukwini zibonisa ukuba kule minyaka mihlanu idluleyo, kuye kwanyibilika umkhenkce ngokuphindwe kabini, lo mkhenkce ugubungela iikhilomitha ezili-12 ngonyaka. Kwiminyaka elishumi edluleyo, kunyibilike umkhenkce osusela kwiikyubhiki zeekhilomitha ezingama-90 ngonyaka ukusa kwiikyubhiki zeekhilomitha ezingama-220 ngonyaka. Izazinzulu zicinga ukuba “amanzi olwandle aza kwanda kakhulu ngaphezu kokuba bekucingwa.”
Iicawa Zibhiyozela Ukuzalwa KukaDarwin
Iicawa “zamaKristu” eziphantse zibe ngama-450 eUnited States ziye zabhiyozela umhla wokuzalwa we-197 kaCharles Darwin, ngoFebruwari 2006. Lo mbhiyozo uye waquka “iintshumayelo ezigxininisa kwelokuba ingcamango zakhe zendaleko ziyahambisana nobuKristu nokuba akuyomfuneko ukuba amaKristu akhethe phakathi konqulo nenzululwazi.” Ngokutsho kwephephandaba iChicago Tribune, uMichael Zimmerman, ingcali ngendalo nentloko yezifundo kwiKholeji YeeNcwadi ZeBhayibhile Nenzululwazi, kwiUniversity of Wisconsin-Oshkosh, nongumququzeleli walo mbhiyozo, wathi: “Akunyanzelekanga ukuba wenze ukhetho olunjalo. Unokuzamkela zombini.”
Ubukrwada Emsebenzini
IWall Street Journal ithi: “Ubukrwada emsebenzini bunokubangela inkampani ilahlekelwe lixesha, abantu bangazimiseli emsebenzini abanye bayeka ukusebenza. Kuhlolisiso olwenziwe kubantu abangama-3 000, kuye kwafunyaniswa ukuba abangama-90 ekhulwini baye “baphathwa ngendlela ekrwada emsebenzini.” Isiqingatha sabo “sachitha ixesha elininzi sixhalabile ngenxa yaloo mpatho,” “ama-25 ekhulwini kubo bathi, baye bayekelela umxakatho emsebenzini wabo,” yaye umntu omnye kwabasibhozo uye wawushiya umsebenzi. Ngokutsho kwalo lindixesha uChristine Porath, unjingalwazi oyintloko kwiYunivesithi ekuMzantsi Khalifoniya uthi: “Ukuyekelela umxakatho, ukungabikho kwabantu emsebenzini kunokwenziwa bubukrwada kuloo nkampani.”
Inkunkuma Eninzi Elwandle
Ekuqaleni kowama-2006, iHonolulu Advertiser ithe, inkunkuma elwandle iye “yanwenwela kumazantsi olwandle lwaseHawaii, yadudulela iminatha emidala yokuloba kunxweme lweZiqithi.” Amaza atyhalela le nkunkuma ukusuka kuMantla ePasifiki ukusa kweyona ndawo izolileyo elwandle, kodwa kwezinye iimeko le nkunkuma iye yafikelela naseHawaii. Ngowama-2005 “kuye kwafumaneka izinto eziyinkunkuma ezingama-2 000,” kunye neminatha yokuloba engaphezu kwe-100. Inkunkuma iyingozi kubomi boomatiloshe. UCharles Moore, umseki weAlgalita Marine Research Foundation, uthi: “Zaphela kudala iintlanzi ezitya ukutya okufanelekileyo. Iintlanzi ezikhoyo zitya iiplastiki.”