Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Kwenzeke Ntoni Kuthando? (Matshi 2006) Intsingiselo yothando igqwethekile kweli hlabathi siphila kulo yaye uSathana ufuna ukulutshayela luthi tu. Amanqaku afana nala asinceda sikwazi ukubonakalisa uthando ngezenzo nangokungazingci. Ndiyiqonda ngokupheleleyo ngoku indlela uYehova afuna silusebenzise ngayo olu phawu lunamandla. Maz’ enethole.
UY. B., waseUnited States
Ndaziva ndililolo xa abahlobo bam abasenyongweni bafudukela kwibandla ekuthethwa kulo ulwimi lwasemzini. Kuthe nje xa ubulolo sele buthabath’ unyawo ndafumana eli phephancwadi. Ndiwabulela ngakumbi amazwi asisikhumbuzo athi, “Ukuba ufuna ukuthandwa, nawe bonisa uthando.” Ukususela ngoku ndizimisele ‘ukuphangalala’ ndize ndithande abanye ngentliziyo yam yonke ukuze ndibe nabahlobo abatsha.—2 Korinte 6:12, 13.
UM. T., waseJapan
Ukwaluphala Ukujamelana Nale Ngxaki (Februwari 2006) Ngamany’ amaxesha ndivakalelwa kukuba abantu abadala baphoswa kwesinomhlwa. Ndineminyaka eli-11 ndinyamekela umyeni wam ongakwazi ukuzenzela nto. Ngamany’ amaxesha ndiziva ndililolo. Ndifunde amanqaku akulo Vukani! ndaphulaphula ikhasethi ngokuphindaphindiweyo. Eli phephancwadi yeyona nto ibifuneka. Ndibamba ngazo zozibini.
US. T., waseJapan
Amalungu Angengowamvelo (Februwari 2006) Enkosi ngenqaku elithetha ngamalungu angengowamvelo. Xa ndandineenyanga ezine ndikhulelwe, safumanisa ukuba umntwana wethu wayeza kuzalwa engenazo iingalo nemilenze yaye wayenokufakelwa amalungu angengowamvelo xa enonyaka ubudala. Eli nqaku lifike ngenyanga kanye uDaryl egqiba unyaka. Ngoku ufunda ukuma nokuhamba. Mna nomyeni wam sikhangele phambili xa uDaryl eya “kutsiba njengexhama.”—Isaya 35:6.
UY. A., waseFransi
Ubomi Bunayo Injongo (Oktobha 22, 2001 wesiNgesi) Ndiye ndafunda lo Vukani! izihlandlo eziliqela, ingakumbi xa ndiziva ndidandathekile. Le nkcazelo ifana neyeza kum, kodwa yona ayiphelelwa lixesha. Amacebiso akweli phephancwadi asinceda sikwazi ukucombulula iingxaki zethu. UVukani! undenza ndomelele yaye undenza ndizive ndikhathalelwe. Ndivuya kakhulu yaye ndinombulelo ngokukhunjuzwa ukuba “ubomi bunayo injongo!”
UP.T., waseMadagascar
IiPilgrim neePuritan—Zazingoobani? (Februwari 2006) Indothusile indlela egqwethwe ngayo inyaniso kweli nqaku. Kukho isizathu esibambekayo sokuba amaIndiya aseMntla Merika engawubhiyozeli umhla weThanksgiving, nina nisuke nayicezela inyaniso.
Igama alichazwanga, eUnited States
“UVukani!” uyaphendula: Kaloku, injongo yeli nqaku ibingekuko ukuthetha ngembali yombhiyozo we-“Thanksgiving Day.” Zininzi iincwadi kuquka ne-“Encyclopædia Britannica” ezithi ngokwindla lowe-1621 iiPilgrim zabhiyoza iintsuku ezintathu nabahlobo bazo abangamaIndiya. Oku kucaciswa kwileta eyabhalwa nguEdward Winslow yomhla kaDisemba 11, 1621. Phofu ke, kwiminyaka eyalandelayo, kwabakho iiholide ze-“thanksgiving” ekwakubhiyozelwa ngazo izinto ezininzi ngaphandle kwesivuno. Eyona “thanksgiving” ingathandwayo yabhiyozelwa ngowe-1673 yiRhuluneli yaseMassachusetts Bay Colony, uJohn Winthrop emva kwendyikitya eyabulawa kwamakhulu amaIndiya asePequot. Ngoko ke, siyasiqonda isizathu sokuba abanye abafundi besenokukhutyekiswa ngumbhiyozo weThanksgiving Day.