Okwenzeka Ehlabathini
◼ “Isiqingatha sabo bonke abantu abatshatileyo bayavuma ukuba baye abathembeka xa kufikelelwa kumbandela wemali—baye bawaxokisa amaqabane abo ngezinto abazithengileyo.”—ITHE WALL STREET JOURNAL, EUNITED STATES.
◼ “Umhlaba ongama-84 ekhulwini waseGrisi usenokuba yintlango yaye osisi-8 sele ungumqwebedu.”—IKATHIMERINI, (UHLELO LWESINGESI), EGRISI.
◼ ILateu, kwiSiqithi iTegua, eVanuatu, eOceania, isenokuba yidolophana yokuqala eyashiywa ngabantu—okanye silitsolise sithi yafuduswa—ngenxa yokuguquka kwemozulu. Ngokuphindaphindiweyo izindlu zalapho ziye “zangenwa ngamanzi ngenxa yezikhukula namaza andlongondlongo.”—IVANUATU NEWS, EVANUATU.
Bayanda Abantu Abaneminyaka Elikhulu Ubudala
Iphephandaba iNew Scientist lithi sekuyinto eqhelekileyo ukubona abantu esebephile iminyaka eli-100. Ehlabathini lonke sithethanje kukho abantu abanokuba ngama-200 000 abaneminyaka elikhulu nangaphezulu ubudala. Ukongezelela, ngokutsho kweli phephancwadi, abangama-66 kubo baneminyaka eli-110 ubudala. INew Scientist ithi kunzima ukuqinisekisa iminyaka yabona bantu badala, kodwa “ukungafumaneki kweengxelo ezinokuthenjwa kusenokuthetha ukuba abantu abafikelele iminyaka eli-110 ubudala basenokuba bali-450.”
Ubhaqiwe Umbulali Ofihlakeleyo
Iphephancwadi laseKhanada iMaclean’s lithi “iDNA efunyenwe kumazinyo afumaneke kumangcwaba amadala aseAthens incedile ukuze kubhaqwe” umbulali omdala. Kwincwadi yakhe ethi History of the Peloponnesian War, umbhali-mbali ongumGrike uThucydides uthetha ngesifo esathwaxa iAthene mhlawumbi ngowama-430 B.C.E nesabangela ukuba yoyiswe yiSparta kwimfazwe eyaliwa zezi zixeko zibini. Indlela lo kaThucydides asichaza ngayo ayicacanga ngokwaneleyo ukuze siqondakale. Noko ke, uhlolisiso olwenziwe kumthambo ongaphakathi ezinyweni okwaziyo ukugcina iintsholongwane kangangeenkulungwane uncede abaphandi bakwazi ukumbhaqa lo mbulali ufihlakeleyo, icesina.
Abakhweli Beenkamela Abaziirobhothi
Waphantsa wayekwa umdyarho weenkamela xa amaqela alwela amalungelo abantu kwiPersian Gulf agxeka ukusetyenziswa kwabantwana njengabakhweli beenkamela. Noko ke, abantu abazaziyo bathi, ukuze iinkamela zikwazi ukubaleka ngamandla, abakhweli bazo bafanele babe nobunzima obungaphantsi kweekhilogram ezingama-27, nto leyo eyenza ukuba nomntu okwishumi elivisayo angafaneleki. Iconjululwe njani le ngxaki? Kwenziwa iirobhothi. Abenzi bezinto baseSwitzerland benza irobhothi enobunzima obuziikhilogram ezingama-26 ye-elektroniki ebotshelelwa kwisali yenkamela. Ukuze oku kungayothusi inkamela, irobhothi inomzimba nelizwi elinjengelomntu. Iyakwazi ukungqiyama, ukuxhathisa, nokunqasha isabhokhwe nokuqhuba inkamela. Le robhothi ithandwa gqitha ngabanini beenkamela.
Imbewu Ehluma Emva Kweminyaka Engama-2 000
Imithi yesundu yakwaYuda mandulo, eyayixatyiswe gqitha ngenxa yobuhle bayo, umthunzi neyeza elifumaneka kuyo, yatshatyalaliswa kwiimfazwe zonqulo kwiMinyaka Yaphakathi. Kodwa ngoku iThe New York Times ithi, “Oogqirha nezazinzulu zakwaSirayeli ziye zakwazi ukuntshulisa imbewu yomthi wesundu ephantse ibe neminyaka engama-2 000 ubudala. Le mbewu ethiywe ngokuthi nguMethusela, yafunyanwa kumabhodlo embiweyo aseMasada,” inqaba eliliwa eyathinjwa ngamaRoma ngowama-73 C.E. Ingcali ngokulima kumhlaba oyinkqantosi, uGqr. Elaine Solowey, owantsulisa le mbewu, wathi iya kuthabatha iminyaka ngaphambi kokuba lo mthi mncinane uvelise isiqhamo, kuphela ukuba iluhlobo oluvelisa iziqhamo. Uthi, “enoba lo mthi awuvelisi siqhamo, kuya kubangel’ umdla ukuwubona ukhula.”