Khawuze Kubethwa Ngumoya EVanuatu
NGUMBHALI KAVUKANI! ENEW CALEDONIA
Ngaba uziva uxhwalekile? Akungethandi ukukhe ubethwe ngumoya? Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho uphumle kamnandi ngemini ezolileyo kwisiqithi esikweleenjiko. Ngeliso lengqondo zibone uqubha kuloo manzi aluhlaza okwesibhakabhaka, uhamba-hamba kuloo mahlathi ashinyeneyo, okanye uncokola nabantu balapho abaziintlanga ngeentlanga. Ngaba isekho indawo entle ngolo hlobo apha emhlabeni? Ewe tyhini, isekho! Ifumaneka kwiziqithi ezithe qelele zaseVanuatu.
KUMMANDLA osenokuba usembindini phakathi kweOstreliya neFiji, kukho iziqithi ezincinane ezimile okwexhayi ezinokuba ngama-80 ngakumzantsi-ntshona wePasifiki. Ngokutsho kwezazi zokuma komhlaba, amacwecwe amakhulu asemathunjini omhlaba angqubana kule ndawo kwaza kwakho iintaba ezinde ubukhulu becala ezingaphantsi kwamanzi. Iincochoyi zezona ntaba zinde zalapha ziyavela ngaphezu kwamanzi, nto leyo ebangela kubekho iziqithi zaseVanuatu ezinamatye amakhulu. Namhlanje, kufuphi nala macwecwe kubakho iinyikima eziliqela ezibangele kwakho iintaba-mlilo ezisithoba. Abakhenkethi abangamadela-kufa basenokubona nothuthu oluseshushu lwentaba-mlilo kufuphi.
Kukho amahlathi amakhulu ashinyeneyo kwezi ziqithi. Apha kufumaneka umthi omkhulu ibanyan, yaye umphezulu wamasebe awo unokunaba ube ziimitha ezingama-70 ububanzi. Iindidi zemithi iiorchid ezingaphezu kwe-150 neefeni ezinokuba ngama-250 zihombise la mahlathi. Kulo mmandla kukho unxweme oluhle olunamanzi acwengileyo anenkitha yeentlanzi eziyimibalabala neengqaqa zolwandle. Abakhenkethi abalondoloza indalo bahamba besuka kwiindawo ngeendawo zomhlaba beze kuqubha needugongs ezithand’ ukudlala kwiSiqithi iEpi.a
Ubuzim Namahlelo Abaphangi
Abahloli bamazwe baseYurophu baqal’ ukufika eVanuatu ngowe-1606.b Kwezi ziqithi kwakuhlala izizwe ezinengcwangu, yaye yayixhaphake gqitha into yokutyiwa kwabantu. Ngelo xesha, amahlathi omthombothi, umthi onuka kamnandi noxatyiswe gqitha eAsia, wawuzithe wambu zonke iinduli zalapho. Benyeke ukuzenzel’ imali, abarhwebi baseYurophu bayigawula ngobuchule loo mithi. Emva koko babathimba abantu balapho baza bangamakhoboka.
La makhoboka ayethatyathwa asiwe eSamoa, eFiji naseOstreliya ukuze asebenze kumasimi eswekile nawomqhaphu. Xa kuthethwa, kuthiwa abantu balapha babezithandela ukuya kusebenza emasimini kangangeminyaka emithathu. Noko ke, inyaniso yona ikukuba, babethinjwa. Xa lo mkhwa wawubalasele ngasekupheleni kweminyaka yee-1800, amadoda aqolileyo angaphezu kwesiqingatha sabemi beziqithi zaseVanuatu babesebenza kwamanye amazwe. Inkoliso yawo zange iphinde ibuye. Phantse abantu beziqithi zePasifiki abangama-10 000 bafela eOstreliya, inkoliso ibulawa zizifo.
Kwakhona izifo ezazithwaxa abemi baseYurophu zagqugqisa nakwiziqithi zaseVanuatu. Abemi balapha babengakwazi ukumelana nesifo semasisi, ikholera, ingqakaqha nezinye izifo. Enye incwadi ithi: “Kwanomkhuhlane lo wawubetha kuthi waca isizwe sonke.” Kwezinye iziqithi abantu bancipha bade basisi-5 ekhulwini sabemi balapho.
Abashumayeli beNgqobhoko bafika eVanuatu ngowe-1839 yaye kwangoko bamenyelwa esidlweni—yaye kuthiwa kwatyiwa bona kweso sidlo sikhulu! Nabaninzi abalandelayo bafa ngendlela efanayo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha icawa yamaProtestanti namaKatolika zaba ziinkonzo eziphambili kwezi ziqithi. Namhlanje abemi balapha abangaphezu kwama-80 ekhulwini bangamalungu ezi cawa. Sekunjalo, umbhali uPaul Raffaele uthi: “Inkoliso yabantu balapha basawaxabisile amaxhwele, basebenzisa amatye athile angamakhubalo xa ubani efuna ukuthandwa, efuna ihagu yakhe ityebe okanye ebulala utshaba lwakhe.”
Kwakhona eVanuatu kukho elinye lawona mahlelo makhulu abaphangi. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, amajoni aseMerika asisiqingatha sesigidi adlula eVanuatu esiya kumadabi ayesiliwa kulwandle lwePasifiki. Abemi bezi ziqithi babebamb’ ongezantsi xa bebona ubutyebi obuninzi obabuze nala majoni. Ekupheleni kwemfazwe, la majoni aseMerika ashiya yonke loo mpahla, ahamba. Impahla eninzi eyayixabisa izigidi zeerandi yaphoswa elwandle. Amaqela onqulo, amahlelo abaphangi, akha izikhululo ezincinane zeenqanawa nezeenqwelo-moya aza enza umthambo esebenzisa izixhobo ezingathi zezamajoni ngenjongo yokutsal’ iindwendwe ukuba ziphinde zibuye. Nangoku, abemi abaninzi beSiqithi iTanna bathandaza kuJohn Frum—“umesiya ongazange abekho waseMerika” ekuthiwa ngenye imini uza kubuya, ebaphathele iimpahla ezininzi.
Izithethe Ezahlukahlukeneyo
Abemi balapha bathetha iilwimi ezininzi yaye banezithethe ezingafaniyo. Enye iincwadi yabakhenkethi ithi: “EVanuatu kukho ezona lwimi zininzi ehlabathini xa kuthelekiswa nenani labemi neelwimi ezithethwa kulo naliphi na elinye ilizwe ehlabathini.” Ubuncinane apha kuthethwa iilwimi ezili-105 nezinye iilwimi ezininzi zezizwana. IsiBislama—ulwimi oluthethwa kulo lonke eli lizwe—isiNgesi nesiFrentshi zonke ezi zilwimi ezisemthethweni.
Noko ke, abemi bezi ziqithi bafana ngento enye: Bawathanda gqith’ amasiko. Isiko lalapha elinenkqayi lokuchuma elenziwa kwiSiqithi iPentecost lide lamkelwa ehlabathini lonke njengomdlalo oyibungee jumping. Nyaka ngamnye ngexesha lokuvuna iyam, amadoda namakhwenkwe aziphosa ezantsi esuka kwiinqaba ezenziwa ngamaplanga eziziimitha ezingama-20 ukusa kwezingama-30 ukuphakama. Ukuze bangafi, aba bantu basindiswa nje yiminxeba emide ebotshelelwe emaqatheni. Ngokurheca ngentloko emhlabeni, banethemba lokuba baya kuwenza “uchume” umhlaba xa kulinywa kunyaka ozayo.
Abemi besiqithi iMalekula, baqale kule minyaka imbalwa idluleyo ukuziva bekhululekile xa benabanye abantu. Izizwe ezihlala apha kuthiwa ziiBig Nambas neeSmall Nambas. Ngaphambili aba bantu babengamazim aneengcwangu, kuthiwa umntu wokugqibela abamtyayo kwakungowe-1974. Kwakhona, isiko lokubopha iqhiya ize iqine kwintloko yosana ukuze intloko ibe tsolo laphela kwiminyaka edluleyo. Nanamhlanje amaNamba ngabantu abanobuhlobo ngendlela emangalisayo yaye bayakuvuyela ukuchazel’ iindwendwe ngezithethe zawo.
Abantu Abaseparadesi
Inkoliso yeendwendwe zityelela eVanuatu ukuze ziye kuphumla. Kodwa amaNgqina kaYehova afika kweli lizwe kwiminyaka enokuba ngama-70 eyadlulayo eze kunceda abantu balapha ngokomoya. Imigudu yamaNgqina kule ‘nxalenye ikude yomhlaba’ iye yavelisa iziqhamo ezihle. (IZenzo 1:8) (Funda ibhokisi ethi “Wayelikhoboka Lekava Ngoku NgumKristu.”) Ngowama-2006 amabandla amahlanu amaNgqina kweli lizwe achitha iiyure ezingaphezu kwama-80 000 eshumayela ngesigidimi seBhayibhile somhlaba ozayo oyiparadesi. (Isaya 65:17-25) Okuvuyisayo kukuba, loo Paradesi izayo iya kuziphelisa zonke iingcinezelo neengxaki zobomi bale mihla!—ISityhilelo 21:4.
[Imibhalo esemazantsi]
a Iidugongs zizilwanyana zaselwandle ezanyisayo ezitya utyani nezikhula zibe ziimitha ezisisi-3,4 ubude nezinokuba ziikhilogram ezingaphezu kwama-400 ubunzima.
b IVanuatu yayibizwa ngokuba yiNew Hebrides ngaphambi kokuba ifumane inkululeko ngowe-1980.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 17]
IZIQITHI EZINABANTU ABONWABILEYO
Ngowama-2006, isiqithi iVanuatu sasiphambili kwiHappy Planet Index. Olu xwebhu, olwayilwa yiNew Economics Foundation, umbutho wophando waseBritani, lwadwelisa amazwe ali-178 ngokulandelelana kwawo anabemi abonwabileyo, abaphila ixesha elide nabalondoloza imvelo. Iphephandaba iVanuatu Daily Post lithi “[IVanuatu] yaphuma phambili njengendawo enabantu abonwabileyo, abaphila iminyaka ephantse ibe ngama-70 nabangawonakalisi kangako umhlaba.”
[Umfanekiso]
Isinxibo salapha
[Inkcazelo]
© Kirklandphotos.com
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 17]
WAYELIKHOBOKA LEKAVA NGOKU NGUMKRISTU
UWillie, ohlala kwiSiqithi iPentecost, wayezintyintya ngotywala ekuthiwa yikava eselula. Obu butywala obenziwa ngokusila iingcambu zomthi wepepile. Suku ngalunye wayegoduka ebusuku egxadazela ukuphuma kwinkanti yekava. Kaloku uWillie lo, wayedad’ ematyaleni. Wayedla ngokuba ndlongondlongo aze ambethe umfazi wakhe, uIda. Ngenye imini, iNgqina likaYehova elalisebenza noWillie lacela ukufunda naye iBhayibhile. UWillie wavuma. Ekuqaleni uIda wayengayiginyi le nto. Kodwa njengokuba isimilo somyeni wakhe sasiya siphucuka, naye waqalisa ukufunda nabo. Bobabini benza inkqubela entle ngokomoya. Kungekudala, uWillie wayiyeka imikhwa yakhe emibi. Yena noIda babhaptizwa bangamaNgqina kaYehova ngowe-1999.
[Imaphu ekwiphepha 15]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
NEW ZEALAND
AUSTRALIA
PACIFIC OCEAN
FIJI
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Aba bantu benza i-“bungee jumping,” umdlalo oyingozi oyinxalenye yesiko lokuchuma
[Inkcazelo]
© Kirklandphotos.com
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]
© Kirklandphotos.com
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]
© Kirklandphotos.com
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
© Kirklandphotos.com