Zaphul’ intliziyo, Ziphelis’ ukholo
EMVA kokuba itsunami itshabalalise idolophana yaseSri Lanka ngoDisemba 2004, enye indoda yalapho yathi: “Kwakuqungquluze izidumbu kuyo yonk’ indawo yaye sasingazi ukuba indlu yethu yayindawoni.” Kwinqaku elithetha ngeentlekele zemvelo, umhleli wonqulo welinye iphephandaba wathi, “ndizibona ndithandaza ndibambe amazinyo.”
Abanye bacinga ukuba iintlekele zemvelo sisohlwayo esivela kuThixo. Omnye umbhali wemihlathi wachaza enye inkanyamba ngokuthi “linqindi likaThixo.” EUnited States, ezinye iinkokeli zonqulo zichaza iziganeko ezifana neNkanyamba uKatrina ngokuthi “yingqumbo kaThixo kwizixeko zaboni.” ESri Lanka, umBhuda onenzondelelo utyhola amaKristu ngetsunami, ewenza banzi nangakumbi umsantsa okhoyo kunqulo. Inkokeli yonqulo lwamaHindu ikholelwa kwelokuba isithixo uShiva sinomsindo ngenxa yokuba abantu bengaphili ngendlela efanelekileyo. Inkokeli yonqulo lwamaBhuda eUnited States yathi xa ithetha ngeentlekele zemvelo: “Asazi ukuba kutheni kusenzeka ezi zinto. Asazi nkqu nesizathu sokuba sibe lapha.”
Xa ubona izindlu ezingamabhodlo, izidumbu zabantu nabantu abantliziyo zityumkileyo, ngaba ukhe uzibuze lo mbuzo, ‘Kutheni uThixo evumele usizi olungaka?’ Okanye ngaba ucinga ukuba, ‘UThixo unezizathu ezivakalayo zokuba ezi zinto azivumele zenzeke, kodwa akazityhilanga ezo zizathu’? Kumanqaku alandelayo kuza kuhlolisiswa le mibuzo. Kwakhona, kuza kuxutyushwa namanyathelo anokunceda abantu abasengozini yokwenzakala okanye yokufa xa kusehla iintlekele zemvelo.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Iinkokeli zonqulo ezininzi azisazi isizathu sokuba uThixo evumele iintlekele zemvelo