IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/07 iphe. 22
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Impilo Esemgangathweni—Ngaba Kukho Utshintsho?
    Vukani!—2000
  • Unyango Olulolunye—Isizathu Sokuba Abaninzi Balusebenzise
    Vukani!—2000
  • Unyango Olukhethayo
    Vukani!—2000
  • Iziqulatho
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 9/07 iphe. 22

Izimvo Zabafundi BakaVukani!

Xa Ukugula Kungasekho! (Januwari 2007) Xa nisithi abanye abantu “bachitha imali nexesha elininzi kunyango olungasebenziyo nolusenokuba yingozi,” kubonakala ukuba nibhekisela kwezinye iindlela zonyango, kuba eli nqaku liye lahlolisisa enoba ezo ndlela zonyango ziyasebenza yaye zikhuselekile kusini na. Ngaba oku kuthetha ukuba uVukani! uncomela amayeza aqhelekileyo njengangeyongozi nawona asebenzayo? IU.S. General Accounting Office inobungqina obuninzi obusenza sikholelwe ukuba amayeza aqhelekileyo ayingozi yaye akasebenzi.

UG. C., waseUnited States

“UVukani!” uyaphendula: Unyango obelukade lujongwa njengolungeyongozi yaye lusetyenziswa, kamva kuye kwabonwa ukuba luyingozi. Oko kuye kwenzeka kumayeza aqhelekileyo nakwezinye iintlobo zonyango. Kububulumko ukuba wazi ngenzuzo neengozi zohlobo oluthile lonyango olusebenzisayo enoba ngamayeza aqhelekileyo okanye olunye uhlobo lonyango uze uqiniseke ukuba olo hlobo lonyango alungqubani nemigaqo yeBhayibhile. Mntu ngamnye ufanele azenzele izigqibo. “UVukani!” akancomeli naluphi na uhlobo olukhethekileyo lonyango. AmaKristu ayakuphepha ukugweba okanye ukuhlab’ amadlala uhlobo lonyango abanye abantu abalukhethayo. Unyango oluqhelekileyo okanye uhlobo oluthile lonyango alusoze lukuphelise ukugula. UBukumkani bukaThixo bubo kuphela obuya kuphelisa ukugula.—ISityhilelo 21:3, 4.

Ndiya ‘Kutsiba Njengexhama’ (Agasti 2006) Umonde nokuthobeka kukaFrancesco Abbatemarco kuye kwandichukumisa. Akazange nje azame ukoyisa imiqobo emzimbeni ukuze akhonze uYehova kodwa woyisa nesimo sakhe sengqondo esibi. Amava akhe andincede ndakhumbula ukuba, kungakhathaliseki ukuba sikweyiphi imeko, sinokumkhonza uYehova ngokwamandla ethu. Kwakhona aye andikhuthaza ndabona indlela ukusebenzisa imigaqo yeLizwi likaThixo okuye kwamnceda ngayo ukuze enze utshintsho oluphawulekayo ebomini bakhe.

UN. G., waseKhambodiya

Yayimininzi imiqobo ekwakufuneka uFrancesco ayoyise. Kodwa emva nje kokuba efumene inyaniso wakulungela ukumelana nayo enenzondelelo. Ungumzekelo omhle ngokuzimisela xa esenza into. Ndinethemba lokuba amava akhe aza kubakhuthaza nabanye njengokuba eye enjenjalo nakum.

UM. D., waseMzantsi Afrika

Ndilithandile kakhulu eli nqaku! Akwaba bendinokukhe ndithethe naye uFrancesco Abbatemarco ndimchazele indlela amava akhe aye andikhuthaza ngayo ukuze ndenze okungakumbi ekukhonzeni uYehova.

UJ. B., waseUnited States

Ndithi maz’ enethole Francesco ngomzekelo wakho omhle wokuba nenzondelelo nokunyamezela. Ndiqinisekile ukuba kwinkqubo entsha uya kutsiba njengexhama. Yazi ukuba unabazalwana noodade abakuthandayo nabakuthandazelayo.

US. G., waseRashiya

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share