IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/08 iphe. 26-29
  • Ndimele Ndilijonge Njani Ixesha Endilibekelweyo Lokufika?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndimele Ndilijonge Njani Ixesha Endilibekelweyo Lokufika?
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki
  • Kutheni Ndimele Ndibe Sekhaya Kusesemini Kangaka?
    Vukani!—1992
  • Kutheni Kukho Imithetho Emininzi Kangaka?
    Vukani!—2006
  • Ndingenza Ntoni Ukuze Abazali Bam Bandithembe?
    Ulutsha Luyabuza
  • Kutheni Abazali Bam Bengandiqondi?
    Vukani!—2012
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 10/08 iphe. 26-29

Abantu Abaselula Bayabuza

Ndimele Ndilijonge Njani Ixesha Endilibekelweyo Lokufika?

Ufika ekhaya uvela koontanga bakho sele kuhlwile. Lidlulile ixesha olibekelwe ngabazali bakho lokufika ekhaya yaye ngoku umele uphendule. Uyathandabuza ukungena endlini. Unethemba lokuba umama notata sele belele. Uvula umnyango kancinci uze uthi gqi ngabo bemile—bejonge ixesha, belindele ukuba ubachazele apho uvela khona.

NGABA nawe ukhe ube kwimeko efanayo? Ngaba wena nabazali bakho niye ningavumelani ngexesha omele ufike ngalo ekhaya? UDebora oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Indawo esihlala kuyo ayinabungozi kodwa ukuba ndikhe ndabuya ezinzulwini zobusuku, abazali bam baba nexhala.”a

Kutheni kunzima kangaka ukuba abantwana bafike ngexesha abalibekelwe ngabazali? Ngaba kukho into ephosakeleyo ngokufuna inkululeko engakumbi? Unokukwazi njani ukugcina ixesha olibekelwe ngabazali bakho?

Ingxaki

Ukubekelw’ ixesha kunokucaphukisa kakhulu, ingakumbi xa kuphazamisa ixesha olichitha nabahlobo bakho. UNatasha oneminyaka eli-17 ubudala, uthi: “Ixesha endilibekelweyo liyandicaphukisa gqitha. Ngenye imini abazali bam babesazi ukuba ndiye kubukela imovie nabahlobo bam kwenye indlu ekufuphi. Kwathi emva kwemizuzu nje emibini lidlulile ixesha endilibekelweyo, bafowuna bebuza ukuba ndiza kubuya nini!”

Intwazana egama linguStacy iveza enye ingxaki. Ithi: “Kwakulindeleke ukuba ndibe sekhaya ngaphambi kokuba umama notata baye kulala. Xa bendilinda, ndandifika bedinwe beyimfe yaye becaphuka.” Kwakusenzeka ntoni xa kunjalo? UStacy uthi: “Babeye bandenze ndizive ndinesazela. Yaye yayindicaphukisa ke loo nto. Ndandingasiqondi isizathu sokuba bangalali ngaphandle kwam. Iingxabano ezinjalo phakathi kwakho nabazali bakho zinokukwenza uvakalelwe njengoKatie oneminyaka eli-18 ubudala, yena uthi: “Akwaba abazali bam bebenokundinika inkululeko engakumbi ukuze ndingabi ngathi ndiyifuna ngenkani le nkululeko.”

Mhlawumbi nawe uvakalelwa njengolutsha olucatshulwe ngasentla. Ukuba kunjalo zibuze lo mbuzo:

◼ Kutheni ndikuthanda ukungabikho ekhaya? (Khetha impendulo ibe nye.)

□ Oku kundenza ndizive ndikhululekile.

□ Kundenza ndilibale ngeengxaki endinazo.

□ Kundinika ixesha lokuba nabahlobo bam.

Ezi zizathu zisengqiqweni. Ngokuya ukhula, ufuna inkululeko engakumbi yaye ukwenza izinto ezahlukahlukeneyo ezakhayo kuyahlaziya. Ngapha koko, iBhayibhile ikukhuthaza ukuba ube nabahlobo abalukhuthazo. (INdumiso 119:63; 2 Timoti 2:22) Kunokuba nzima ukufumana abahlobo abanjalo ukuba ufanele ube sekhaya lonke ixesha!

Noko ke, unokuba nayo njani inkululeko yokwenza oko xa ubekelwe imiqathango? Qwalasela oku kulandelayo.

Ingxaki #1: Ixesha olibekelweyo likwenza uzive ungumntwana. UAndrea oneminyaka engama-21 ubudala ngoku uthi: “Ndandiye ndizive ngathi ndingumntwana xa kufuneka ndiphazamise wonk’ umntu ndize ndicele ukugoduswa kwangethuba.”

Into enokukunceda: Masithi usandul’ ukufumana ilayisensi yokuqhuba. Kwezinye iindawo kukho umthetho onxamnye nokuqhuba kwiindawo ezithile ngamaxesha athile okanye nabantu abathile—de ube neminyaka ethile. Ngaba unokuthi akuyifuni loo laysensi kuba usithi, “Ukuba oku kuza kuphazamisana nenkululeko endinayo, kubhetele ndingabi nayo ilaysensi yokuqhuba!”? Akunjalo! Enyanisweni xa ufumene ilaysensi uyazi ukuba ufeze lukhulu.

Ngokufanayo, zama ukujonga ixesha olibekelweyo njengenkqubela—njengekhondo elifanelekileyo. Nikel’ ingqalelo kungekhona kwizinto elikubandeza zona kodwa kwinkululeko oyifumanayo. Ngaba akunankululeko engakumbi ngoku kunokuba kwakunjalo xa wawuselula kunoku?

Isizathu sokuba oku kube yingenelo: Kulula ukuthobela ixesha olibekelweyo xa ulijonga njengengenelo kunokulijonga njengomqobo. Ukuba uyalihlonela eli xesha mhlawumbi ekuhambeni kwexesha usenokunikwa inkululeko engakumbi.—Luka 16:10.

Ingxaki #2: Akusazi isizathu sokuba abazali bakho bafune ubuye kwangoko kangaka. UNikki owayengalithandi ixesha awayelibekelwe, uthi: “Ndandicinga ukuba umama undibekela ixesha lokufika kuba nje ethanda ukubek ‘imithetho.”

Into enokukunceda: Sebenzisa lo mgaqo ufumaneka kwiMizekeliso 15:22 othi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” Xubusha nabazali bakho ngale ngxaki. Zama ukuqonda isizathu sokuba bakhethe elo xesha.b

Isizathu sokuba oku kube yingenelo: Ukuphulaphula izimvo zabazali bakho kunokukunceda uqonde isizathu sokuba bakubekele ixesha lokufika. UStephen uthi: “Utata wandixelela ukuba ubuthongo abuhli kumama xa ndingekafiki ekhaya. Ndandingazange ndikhe ndiyicinge loo nto.”

Khumbula: Kubhetele ukuthetha kakuhle kunokudubuleka ngomsindo—nto leyo ebangela ingxaki. UNatasha ekuthethwe ngaye ngaphambilana uthi: “Ndiye ndafumanisa ukuba, xa ndithetha ngomsindo nabazali bam bandibekela imiqathango nakwezinye izinto endifuna ukuzenza.”

Ingxaki #3: Uvakalelwa kukuba abazali bakho bayakulawula. Maxa wambi abazali bathi imithetho yasekhaya—esenokuquka ukubekelwa ixesha lokufika ekhaya—inceda wena. UBrandi oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Xa abazali bam bendixelela oko, ndiye ndivakalelwe kukuba abafuni ndizenzele ukhetho okanye ndivakalise izimvo zam.”

Into enokukunceda: Unokukhetha ukulandela icebiso likaYesu elibhalwe kuMateyu 5:41 elithi: “Ukuba uthile onegunya ukunyanzela ukuba wenze inkonzo yemayile enye, hamba naye iimayile zibe mbini.” UAshley oneminyaka eli-15 ubudala nomnakwabo baye bayifumana indlela yokusebenzisa lo mgaqo. Uthi: “Sidla ngokufika kwimizuzu eli-15 ngaphambi kwexesha esilibekelweyo.” Ngaba nawe unokuzibekela usukelo olufanayo?

Isizathu sokuba oku kube yingenelo: Kulula ukwenza izinto kuba ufuna kunokuba uzenze kuba unyanzelekile! Cinga ngoku: Xa ukhetha ukufika ekhaya kwangethuba, ixesha ofika ngalo likhethwa nguwe. Ngapha koko, usenokucinga ngalo mgaqo: “Isenzo sakho esilungileyo, singabi sesokunyanzelwa, kodwa sibe sesokuthanda kwakho.”—Filemon 14.

Ukufika ngethuba kwenza abazali bakho bakuthembe yaye loo nto inokubangela ukuba unikwe inkululeko engakumbi. UWade oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ukuba abazali bakho bayakuthemba baya kukunika inkululeko engakumbi.”

Bhala enye ingxaki ebangelwa kukuba ubekelwe ixesha lokufika ekhaya.

․․․․․

Yintoni enokukunceda ukwazi ukuhlangabezana nale ngxaki?

․․․․․

Kutheni ucinga ukuba oku kunokuba luncedo?

․․․․․

Ngenye imini uza kuphuma ekhaya uze ube nenkululeko engakumbi. Okwangoku yiba nomonde. UTiffany oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Usenokungavumeleki ukwenza yonke into, kodwa ukuba ufunda ukuyihlonela imiqathango oyibekelweyo, akuyi kuhlala unxunguphele.”

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype

[Imibhalo esemazantsi]

a Amagama abantu kweli nqaku atshintshiwe.

b Unokufumana amacebiso ngokufunda inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Kukho Imithetho Emininzi Kangaka?” kuVukani! kaDisemba 2006.

OMELE UCINGE NGAKO

◼ Ixesha olibekelwe ngabazali bakho libonisa njani ukuba bakuxhalabele?

◼ Ukuba sele uwaphule umqathango wexesha olimiselweyo, yintoni onokuyenza ukuze abazali bakho baphinde bakuthembe?

[Ibhokisi ekwiphepha 27]

OKO KUTHETHWA NGOONTANGA BAKHO

“Ndicinga ukuba ixesha endilibekelwe ngabazali bam lisengqiqweni kuba xa ndingalalanga ngokwaneleyo ndicaphuka msinya!”—uGabe, oneminyaka eli-17 ubudala.

“Ndiye ndasinda ezintweni ezininzi ngenxa yokuba ndibekelwe ixesha endimele ndifike ngalo ekhaya. Ngokomzekelo, ngenye imini olunye ulutsha lweza notywala kwenye imbutho. Sathi sakubona utywala sinomhlobo wam sacela indlela sichaza ukuba ixesha lokugoduka lifikile.”—uKatie, oneminyaka eli-18 ubudala.

[Ibhokisi ekwiphepha 28]

ZAMA UKUKUQONDA KAKUHLE OKU

Kutheni ungathethi nabazali bakho ngexesha omele ubuye ngalo uze ubone ukuba aninakuvumelana na ngezi nkalo zilandelayo?

◼ Ngo ․․․․․ ndiza kubuyangentsimbi ․․․․․, ndize ngo ․․․․․, ndibuye ngentsimbi ․․․․․.

◼ Ukuba andingafikanga ngexesha, liza kubuyiswa umva nge ․․․․․ kangangeeveki ․․․․․.

◼ Ukuba ndiye ndafika ngexesha kangangeenyanga ezi ․․․․․ ixesha endimele ndibuye ngalo liya kunyenyiswa.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 28]

XA UFUNA IXESHA LINYENYISWE . . .

◼ Khetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha ngalo mbandela—INtshumayeli 3:1, 7.

◼ Zenzele igama elihle ngokubamba ixesha.—Mateyu 5:37.

◼ Ngamany’ amaxesha cela ukuba ixesha lakho linyenyiswe.—Mateyu 25:23.

[Ibhokisi ekwiphepha 29]

ICEBISO KUBAZALI

◼ Ixesha olibekele unyana wakho ukuba abuye ngalo lidlule ngemizuzu engama-30, emva koko uva ucango lwangaphambili luvuleka. Uthi ngaphakathi, ‘Unkabi ucinga ukuba sele ndilele.’ Kanti ke uzibhudile izingqi. Enyanisweni, lithe lakubetha ixesha lokuba abuye wahlala ngasemnyango. Xa engena, uthi ntla ngawe. Uza kuthini? Uza kwenza ntoni?

Into zimbini. Usenokusuka nje ukubethe ngoyaba oku, uze uthi, ‘Anjalo kakade amakhwenkwe.’ Okanye usenokuba nomsindo uze uthi, “Akuzukuphinda uphume ngalaa mnyango.” Kunokuba uthabathe isigqibo ngokungxama, phulaphula kuqala, mhlawumbi unesizathu esivakalayo sokufika emva kwexesha. Emva koko ke usenokufumana ithuba lokufundisa unyana wakho into ebalulekileyo. Njani?

Icebiso: Mxelele umntwana wakho ukuba ngosuku olulandelayo uza kuthetha naye ngalo mbandela. Emva koko, ngexesha elifanelekileyo hlala naye phantsi uze umxelele indlela oza kuyilungisa ngayo le ngxaki. Abanye abazali baye bazama oku. Xa unyana okanye intombi yabo ifike emva kwexesha elimiselweyo, ixesha emele ifike ngalo libuyiselwa umva ngemizuzu engama-30. Kwelinye icala, ukuba umntwana wakho usoloko ebuya ngexesha, usenokumnika inkululeko engakumbi—mhlawumbi maxa wambi ulinyenyise kancinane ixesha lakhe lokubuya. Kubalulekile ukuba umntwana wakho alazi ngokucacileyo ixesha afanele abuye ngalo ekhaya nento eya kwenzeka xa engakhange abuye ngalo. Wandule ke ubambelele kwinto oyithethileyo.

Isilumkiso: IBhayibhile ithi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ngaphambi kokuba ubeke ixesha, kusenokuba kuhle ukuba uqale uthethe nomntwana wakho, umnike ithuba lokuba achaze ixesha angathanda ukubuya ngalo nesizathu sokuba akhethe elo xesha. Usenokusamkela esi sicelo. Ukuba umntwana wakho uzingqina ethembekile, unokumvumela ukuba abuye ngelo xesha acele ukubuya ngalo ukuba lisengqiqweni.

Ukugcina ixesha kubalekile ebomini. Xa ubekela umntwana wakho ixesha lokubuya, akwenzeli nje ukuba angabi sesitratweni ixesha elide. Uqeqesha umntwana wakho ngendlela eya kumnceda naxa sele engasahlali ekhaya.—IMizekeliso 22:6.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

Ukubekelwa ixesha lokufika yinkqubela-phambili njengokufumana ilaysensi yokuqhuba

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share