Imbono Yebhayibhile
UThixo Ukujonga Njani Ukusetyenziswa Kwezinto Zonqulo?
Ukusetyenziswa kwezinto ezithile xa kuthandazwa kuxhaphake kakhulu kumaBhuda, amaHindu, amaSilamsi, amaYuda, amaRoma Katolika nakubuOthodoki baseMpuma. Kungenxa yoko le nto abantu abazizigidi, phantse kuwo onke amazwe bekholelwa ukuba izinto ezinjalo ziyabanceda ukuba bakwazi ukuthetha noThixo, ukumkholisa okanye ukufumana intsikelelo yakhe. Ithini yona iBhayibhile?
IZINTO zonqulo zazisetyenziswa kumawakawaka eminyaka eyadlulayo. Ngokomzekelo, kwindawo eyayinesixeko saseNineve, abembi bezinto zakudala bafumana “imifanekiso yamabhinqa amabini anamaphiko, eguqe phambi komthi ongcwele; . . . ephethe iintyatyambo okanye irosari [ngesandla] sasenxele.”—IThe Catholic Encyclopedia.
Yintoni injongo yerosari? Kwale ntyilalwazi ithi: “Xa umntu eza kucengceleza umthandazo izihlandlo ezininzi, usenokufuna ukubhenela ekusebenziseni isixhobo esithile sokumnceda ukuba kube lula ukuwukhumbula.”
Ivili elinemithandazo lenza kube lula kakhulu ukuphindaphinda imithandazo. Xa lijekeleza, enoba lijijwa ngesandla, lijikeleziswa ngumoya, ngamanzi, okanye ngamandla ombane, kufana nokuba umntu uyathandaza. Xa kujikeleziswa la mavili kudla ngokuthethwa namazwi athile onqulo. Khawuhlolisise indlela uThixo avakalelwa ngayo ngezinto ezinjalo.
“Ungaphindaphindani Nento Enye”
UYesu Kristu, lowo nezigidi zabantu abangengomaKristu zimgqala njengomprofeti kaThixo, wachaza indlela uMdali avakalelwa ngayo ngokuphindaphindwa kwemithandazo, wathi: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi.”a—Mateyu 6:7.
Ngenxa yoko, ukuba uThixo akafuni ‘siphindaphinde into enye,’ ngaba oko akuthethi kuthi nezinto zonqulo ezisetyenziswayo xa kusenziwa loo mithandazo azimkholisi? EBhayibhileni akukho ndawo ithetha ngomkhonzi kaThixo othembekileyo owayesebenzisa iirosari, amavili emithandazo, okanye nantoni na elolo hlobo kunqulo lwakhe. Isizathu soko sicaca nangakumbi xa siqonda kakuhle ukuba yintoni umthandazo, iyintoni nenjongo yawo.
Umthandazo Okholisa UThixo
Kumthandazo wakhe ongumzekelo, uYesu ubiza uThixo ngokuthi, “Bawo Wethu.” Ewe, uMdali wethu akasosidalwa sokomoya esiziphakamisileyo ekumele kusondelwe kuso ngokucengceleza izingxengxezo ezithile. Kunoko, unguBawo onothando yaye ufuna siyazi loo nto size nathi simthande. UYesu wathi: “Ndiyamthanda uBawo.” (Yohane 14:31) Umprofeti wakwaSirayeli wamandulo wathi: “Yehova, wena unguBawo.”—Isaya 64:8.
Sinokusondela njani kuYehova onguBawo wethu? (Yakobi 4:8) Njengoko kunjalo nakuluphi na ulwalamano, sisondela kuThixo ngokunxibelelana naye. UThixo “uthetha” nathi ngeBhayibhile—iLizwi lakhe—apho asichazela khona ngezenzo zakhe, ubuntu bakhe, nenjongo yakhe ngathi. (2 Timoti 3:16) Nathi siyathetha noThixo xa sithandaza. Ngoko ke, xa sithandaza simele sinyaniseke yaye imithandazo yethu ifanele isuk’ entliziyweni, singayicengcelezi.
Ngokomzekelo: Kwintsapho eqhelekileyo nethandanayo, abantwana banxibelelana njani nabazali babo? Ngaba baphindaphinda into enye bade basebenzise nesixhobo esithile sokubala izihlandlo abancokola ngazo? Akunjalo! Kunoko, bathetha izinto ezibhadlileyo, ngentlonelo nangokusuk’ entliziyweni.
Simele senze okufanayo xa sithandaza kuThixo. Enyanisweni, sinokuthetha noThixo ngayo nantoni na esixhalabisayo. EyabaseFilipi 4:6, 7, ithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo; yaye uxolo lukaThixo . . . luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.” Ngokuqhelekileyo, xa kukho into esixhalabisayo, siyikhankanya qho emthandazweni. Kodwa oko kwahlukile ekucengcelezeni umthandazo.—Mateyu 7:7-11.
EBhayibhileni kukho imithandazo emininzi emkholisayo uThixo, kuquka iindumiso okanye iingoma nemithandazo eyenziwa nguYesu.b (INdumiso 17 neyama-86, imibhalo esemantla; Luka 10:21, 22; 22:40-44) Omnye wemithandazo eyenziwa nguYesu ufumaneka kuYohane isahluko 17. Khawuziphe ithuba uwufunde. Njengoko uwufunda, phawula ukuba uYesu uthetha ngokusuka entliziyweni noThixo. Kwakhona phawula ukuba akabonisi moya wokuzingca—koko ubonisa ukuba unothando olunzulu ngabalandeli bakhe. Wathi: ‘Bawo Ongcwele, balinde ngenxa yalowo ungendawo,’ uSathana.—Yohane 17:11, 15.
Ngaba uYesu uvakala njengomntu ocengcelezayo kulo mthandazo wakhe? Akunjalo! Wasimisela umzekelo omhle ngokwenene! Ewe, bonke abafuna ukusondela kuThixo oyinyaniso bafanele bamazi kakuhle. Xa sele bemazi kakuhle bafanele baphephe zonke izithethe zonqulo ezingamkholisiyo uThixo. UYehova uthi kwabo banjalo: “Ndiya kuba nguyihlo kuni, nina nibe ngoonyana neentombi kum.”—2 Korinte 6:17, 18.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kumthandazo wakhe ongumzekelo, uYesu akazange athi: “Nize nithandaze lo mthandazo,” kuba kaloku wayeya kuba uthetha eziphikisa. Kunoko wathi: “Nize nithandaze ngale ndlela.” (Mateyu 6:9-13) Wayethetha ukuthini? Njengoko sibona kulo mthandazo ongumzekelo, simele sinikele ingqalelo kwizinto zokomoya size silandelise ngezinto zobuqu.
b Nangona iindumiso zaziculwa ngezihlandlo ezahlukahlukeneyo, zazingacengcelezwa yaye zazingasetyenziswa neerosari okanye amavili anemithandazo.
NGABA WAKHA WACINGA NGOKU?
◼ Ngaba isiluleko sikaYesu ngokuphathelele ukuphindaphindwa kwemithandazo sibhekisela nasekusetyenzisweni kweerosari namavili anemithandazo?—Mateyu 6:7.
◼ Imithandazo yethu ifanele ibonise ukuba simgqala njani uThixo?—Isaya 64:8.
◼ Ukuba siyaluchasa unqulo lobuxoki, uya kusijonga njani uThixo?—2 Korinte 6:17, 18.