IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/09 iphe. 5-7
  • Ubomi Bomntu Buqala Nini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubomi Bomntu Buqala Nini?
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ummangaliso Wokukhawulwa
  • Ngaba Ngumntu Lo Usesibelekweni?
  • Buqala Nini Ubomi Bomntu?
    Vukani!—1990
  • Wawuyilelwe Ukuphila Ngonaphakade
    Vukani!—1995
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ukhetho Neengxaki Ezibandakanyekileyo
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 6/09 iphe. 5-7

Ubomi Bomntu Buqala Nini?

UGIANNA uthi: “Umama wayeneminyaka eli-17 ubudala yaye eneenyanga ezisixhenxe ezinesiqingatha ekhulelwe xa wenza isigqibo sokukhuph’ isisu esebenzisa umxube onetyuwa.”a UGianna wongezelela ngelithi: “Ndim lo wayezama ukumqhomfa, kodwa ndasinda.”

Le ngxelo yanikelwa nguGianna owayesele eneminyaka eli-19 ubudala ngowe-1996 phambi kwekomiti karhulumente waseUnited States xa kwakuxutyushwa ngomba wokuqhomfa. Ngoxa uGianna wayeneenyanga ezisixhenxe ezinesiqingatha esesibelekweni sikanina, wayesele enawo onke amalungu omzimba. Mhlawumbi uyavuma ukuba eneneni wayengumntu ekubeni waqhubeka ephila ngaphandle kwesibeleko.

Ngoko ke kuthekani ngoGianna xa wayeneeveki ezintlanu ubudala, enobude obuyisentimitha enye nje kuphela? Eneneni amalungu akhe omzimba ayengekapheleli kodwa inkqubo yakhe yezivamvo yayisele iyilekile yaye wayesele enayo ingqondo. Intliziyo yakhe yayisele ibetha kangangezihlandlo ezingama-80 ngomzuzu nto leyo eyayisenza igazi lihambe emithanjeni. Ukuba uGianna wayesele engumntu emva kweenyanga ezisixhenxe ezinesiqingatha esesibelekweni—ngaba akukho ngqiqweni ukugqiba kwelokuba wayesele engumntu kwakwiiveki ezintlanu nangona wayengekakhuli ngokwaneleyo?

Ummangaliso Wokukhawulwa

Ukukhula kwamalungu emveku engekazalwa kuqala ekukhawulweni kwayo xa iqanda lomfazi likhuliswa lidlozi lendoda. Inkqubela kwezobugcisa yenze ukuba izazinzulu zikwazi ukubona utshintsho olwenzekayo kumbindi weli qanda linye likhulayo. Imichiza ebumba iDNA (ideoxyribonucleic acid) yendoda nomfazi iyadibana ize ibumbe umntu obengekho ngaphambili.

Le seli iqalisa inkqubo emangalisayo yokubumba umntu opheleleyo. Le nkqubo “yokubunjwa” ixhomekeke kwimizila yemfuza eyinxalenye yeDNA. Phantse yonke into ephathelele thina ilawulwa yile mizila. Ubude, iimpawu zobuso, amehlo, umbala weenwele nezinye iimpawu esinazo zixhomekeke kule mizila.

Emva koko, ithi le seli yokuqala yakwahlukana, imiyalelo ekwimizila epheleleyo ithunyelwe nakuzo zonke iiseli ezintsha. Okumangalisayo kukuba, nganye kwezi ilungiselelwe ukuba ikwazi ukukhula ibe yiloo seli ifunekayo. Oku kuquka intliziyo, iiseli zengqondo, ithambo, ulusu kwaneeseli zamehlo ethu. Siyaqondakala isizathu sokuba oko kwenzeka kwiseli yokuqala ukuze kukhule umntu kube kubizwa ngokuba ‘ngummangaliso.’

UGqr. owaziwayo uDavid Fu-Chi Mark, isazi ngebhayoloji yemolekyuli wathi: “Indlela umntu aza kukhula ngayo ubomi bakhe bonke igqitywa kula seli yokuqala.” Waqukumbela ngelithi: “Asinakuze siyithandabuze into yokuba mntu ngamnye ufana yedwa kususela mhla waqala ngemini yokuqanduselwa kweqanda.”

Ngaba Ngumntu Lo Usesibelekweni?

Ukususela nje ekukhawulweni kwakhe, umntwana akabi yinxalenye kanina kodwa ungumntu owahlukileyo. Umzimba kanina awumgqali njengenxalenye yawo. Besiya kukhawuleza siphume isisu ukuba ebengakhuselwanga sisibeleko sikanina. Lo mntu mtsha—wahlulwe kunina yinwebu emkhuselayo—uneDNA yakhe efana yodwa.

Abanye baqiqa ngelithi, ukuba umzimba webhinqa ngokuzenzekelayo ukhupha amaqanda amaninzi aqanduselweyo ngenxa yezinto ezithile ezingahambi kakuhle emzimbeni kutheni ke yena ugqirha engavunyelwa ukuba asikhuphe eso sisu? Kodwa, kukho umahluko omkhulu phakathi kokufa okuzenzekeleyo nokubulala ngabom. Kwelinye ilizwe laseMzantsi Merika, kubantwana abali-1 000 abangama-71 bafa kwakunyaka wabo wokuqala. Ngaba bekuya kwamkeleka ukubulala umntwana ongaphantsi konyaka ezelwe kuba nje abaninzi besifa besebancinane? Akunjalo!

IBhayibhile iyichaza kakuhle into yokuba ubomi bomntu buqala esesesibelekweni. Umdumisi uDavide wathi ngoThixo: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho.” (INdumiso 139:16) UDavide akathi “imbumba” kodwa uthi “ndiseyimbumba”, nto leyo esibonisa kakuhle isibakala sokuba ubomi bukaDavide baqala ekukhawulweni kwakhe kude kudala ngaphambi kokuba azalwe. Ephefumlelwe nguThixo, uDavide wakwatyhila nento yokuba ekukhawulweni kwakhe ukukhula kwamalungu omzimba wakhe kwakucetyiwe yaye kwenzeka ngokwemiyalelo ‘ebhalwe’ phantsi neneenkcukacha nto leyo eyenza kwaphuma yena uqobo.

Sicela uphawule ukuba iBhayibhile ayithi ibhinqa likhawule umcu weseli. Kunoko ithi: “Kukhawulwe indoda eyomeleleyo!” (Yobhi 3:3) Oku kubonisa ukuba ngokutsho kweBhayibhile umntu ubakho ukususela kwixesha lokukhawulwa kwakhe. Eneneni buqala ngelo xesha ke ubomi bomntu.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuqhomfa ngomxube wetyuwa kwenziwa ngokutofelwa kwalo mxube kwisibeleko sebhinqa elikhulelweyo uze uselwe ngumntwana, nto leyo edla ngokumbulala emva nje kweeyure ezimbini. Emva kweeyure ezingama-24, eli bhinqa lifikelwa yinimba lize libeleke umntwana ofileyo okanye ofayo.

[Imifanekiso ekwiphepha 6, 7]

Imbumba eneeveki ezintlanu asingomcu nje weseli—inesiseko sawo onke amalungu omntu opheleleyo

(ubungakanani bayo)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share