Yintoni Eyenza Abantu Babhenele Kubugqi?
UBUKHULU becala impendulo yalo mbuzo ixhomekeke kwindawo ubani ahlala kuyo, iinkolelo nemvelaphi yakhe. Yintoni eyenza abantu bendawo ohlala kuyo babhenele kubugqi? Mhlawumbi yenye yezi zilandelayo.
● Ukufun’ ukwazi Ngokwemvelo abantu bayafuna ukuzazi izinto ezibonakala zingaqhelekanga. Ngoko, abanye basenokufuna ukwazi ngamandla angaphaya kobugqi. Abanye basenokusebenzisa ibhodi yeOuija okanye bafunde iinkwenkwezi ukuze babone ukuba kuyinyaniso na oko zikuthethayo. Abanye basenokubuza kwabafileyo okanye kubantu abakwazi ukuxela ikamva.
● Ukuzonwabisa Kule minyaka yakutshanje ziye zanda iincwadi, iimovie nemidlalo yekhompyutha ebonisa ubugqi nezinye iinkolelo zabahedeni bamandulo. Ezinye zezi ndlela zokuzonwabisa zikwabonisa ugonyamelo oluhlasimlis’ umzimba namanyala.
● Ukuxhalela ingomso IBhayibhile yaprofeta yathi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1) Kunzima kule mihla siphila kuyo kangangokuba abantu abaninzi babhenela kubantu abanobugqi, njengabavumisi ngeenkwenkwezi, amagqirha, kubantu abafunda imigca esesandleni nakwabanye abakwazi ukubona ikamva. Esinye isanuse sathi: “Eli lelinye lamashishini angatshoniyo. Abantu abadli ngakuza kuwe xa bonwabile.” Igqirhakazi laseKhanada lathi: “Ngoku ndide ndifowunelwe nangoosomashishini nangona bethethela phantsi kuba bengafuni ukuviwa.” Longezelela lisithi: “Aba ngabantu ebebekade bewathandabuza amagqirha okanye bengathandi ukuya kuwo.”
● Ukugula Kwamanye amazwe, abantu abagulela ukufa bayayeka ukuya koogqirha yaye bakhetha ukuya emagqirheni. Badla ngokuthi bagula kuba bethakathiwe. Ukuze kunyangwe umntu onjalo, izalamane okanye abahlobo bakhe badla ngokumsa egqirheni lize lona libabize imali eninzi.
● Ukufuna ukuzikhusela nethamsanqa Kwamanye amazwe aseAfrika abahlali badla ngokuqesha “umprofeti” wenye yeecawa zomoya ukuze agxothe imimoya emdaka. Xa kugxothwa abo moya, abantu badla ngokusezwa amanzi kamthandazeli. Kwezinye iindawo abantu baya emagqirheni xa befuna ukuqinisa izindlu zabo ezintsha okanye amangcwaba.
● Ukukhusela abantwana EPapua New Guinea, umdlezana usenokungafuni ukuphuma nosana lwakhe ebusuku. Ngoba? Woyika ukuba imimoya emdaka inokulwenzakalisa usana lwakhe. EUganda, oomama badla ngokubafaka intambo esihlahleni nasemaqatheni abantwana babo ukuze babakhusele.
● Ukufelwa sisalamane Umbhali waseBritani, uMhlekazi uArthur Conan Doyle waswelekelwa ngunyana, umninawa, usibali kunye nomtshana wakhe kwiMfazwe Yehlabathi I. Ngenxa yentlungu ababekuyo, uDoyle nenkosikazi yakhe baya kubavumisi kuba becinga ukuba babeza kukwazi ukuthetha nonyana wabo. Nanamhlanje abantu abaninzi baya kubavumisi kuba befuna ukuthetha nezalamane zabo ezifileyo. Kwamanye amazwe iicawa zifundisa ukuba ukufa kubangelwa kukucaphuka kwezinyanya. Kuye kwenziwe imicimbi ebiza imali eninzi ukuze kukhuselwe abahlali.
● Ukoyika abantu abafileyo Iinkolelo ngokufa nabafileyo ziye zabaphembelela kakhulu abantu. Kumazwe amaninzi abantu baye benze imicimbi, bazenzakalise ukuze bazingxengxezelele kubantu abafileyo okanye babaqinisekise ukuba bayabathanda. Kwezinye iintlanga zeziqithi zePasifiki, abahlolo okanye abahlolokazi banyanzelwa ukuba banxibe impahla emnyama baze bazile iinyanga eziliqela ibe abavumelekanga ukuba batye ukutya obekuthandwa ngumfi. Abantu abenza la masiko bayaxinezeleka okanye bagule ngenxa yendlala, okanye bade bafe nokufa.
Kuyacaca ukuba zininzi izinto ezenza ukuba abantu babhenele kubugqi. Ngoko ke, kubalulekile ukuba siziqonde ukuba zivela phi iimfundiso zobugqi. Makhe sihlolisise iBhayibhile yona ekuphela kwencwadi enikela impendulo ecacileyo.