IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/11 iphe. 25-27
  • Ndiye Ndaphila Obona Bomi Bunomvuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndiye Ndaphila Obona Bomi Bunomvuzo
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukushumayela ESumatra
  • Ukwabelana Nabanye Abantu Ngethemba Lethu EJava
  • EKalimantan—Apho AmaDayak Ahlala Khona
  • Sabelwa EPapua New Guinea
  • Olona Hambo Lwalunzima
  • Yiza Sikwazise KumaBatak
    Vukani!—2010
  • Ndiyavuya Kuba Ndaye Ndakhetha Lo Msebenzi
    Amabali Obomi AmaNgqina KaYehova
  • Sazimisela Ukubufeza Ubulungiseleli Bethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ndiye Ndathembeka KuThixo Kangangeminyaka Engaphezu Kwama-70
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 2/11 iphe. 25-27

Ndiye Ndaphila Obona Bomi Bunomvuzo

Kubalisa uHerawati Neuhardt

Ndazalelwa eCirebon, eIndonesia, isixeko esidume ngamalaphu ahonjisiweyo. Ngandlel’ ithile ubomi bam njengomthunywa wevangeli bunje ngala malaphu—ndidibana nabantu beentlanga ezahlukahlukeneyo kuMzantsi-mpuma weAsia nakuMzantsi Pasifiki. Makhe ndikubalisele.

NGOWE-1962, xa ndandineminyaka elishumi ubudala, umama wam waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ekuhambeni kwexesha, yena notata, abangamaTshayina awazalelwa eIndonesia nabantwana babo abahlanu kuquka mna, saba ngamaNgqina.

Abathunywa bevangeli nabaveleli abahambahambayo babedla ngokuhlala ekhaya xa betyelele ibandla lethu. Umzekelo wabo omhle neencoko zabo ezakhayo zandichukumisa kakhulu. Xa ndandineminyaka eli-19 ubudala ndagqiba ekubeni ndishumayele ixesha elizeleyo. Kangangonyaka emva koko, ndatshata noJosef Neuhardt, umthunywa wevangeli ongumJamani owafika eIndonesia ngowe-1968. Emva kokuba sitshatile safudukela eSumatra, indawo yesibini ngobukhulu kwiziqithi zaseIndonesia ezingaphezu kwezili-17 000. Ndahamba noJosef kumsebenzi wakhe njengomveleli ohambahambayo, oquka ukutyelela amabandla amaNgqina kaYehova.

Ukushumayela ESumatra

Isiphaluka sethu, okanye indawo esasabelwe kuyo yayiqala ePadang, isixeko esitshisayo nesinyakazela abantu esikwiNtshona yeSumatra, ukuya kutsho kwiLake Toba, ichibi elihle nelikhulu elithanda ukuba nentaba-mlilo elikwiintaba zoMntla weSumatra. Kamva sabelwa ukuba siye kusebenza kumazantsi esiqithi. Sasisoloko sihamba ngeVolkswagen Beetle yethu endala, sihamba kwiindlela ezisehlathini ezinezigingqi, sinqumla iibhulorho ezingawa nanini na ezenziwe ngomthi wekoko yaye sihamba kwiindawo ezineentaba-mlilo—ezinye azikaqhambuki ezinye ziyenzeka. Ebusuku sasilala phantsi kwizindlu ezisehlathini ezazingenambane, ezazingenamibhobho yamanzi okanye ezazingenazindlu zangasese. Sasihlambela emachibini nasemilanjeni. Sasiphila ubomi obulula yaye sasibathanda abantu. Babesamkela ngobubele, basiphe ukutya yaye uninzi lwabo lwalusiba nomdla eBhayibhileni.

EPadang, amaMinangkabau uninzi lwawo olungamaSilamsi bothuka baza baneliseka xa sababonisa eBhayibhileni ukuba uThixo mnye—akanguye uBathathu Emnye, njengokuba iicawa zeNgqobhoko zisitsho. (Duteronomi 6:4) Abantu abaninzi babewathanda amaphephancwadi iMboniselo noVukani! yaye abanye abanomdla kamva benza inkqubela ekukhonzeni uThixo. KwiLake Toba amaBatak, athi angamaKristu ayelazi igama likaThixo, uYehova ngenxa yokuba ayelibona kwiiBhayibhile zabo zesiBatak. (INdumiso 83:18) Sekunjalo, kwakusafuneka bacaciselwe kakuhle ngoThixo nangeenjongo zakhe ngoluntu. Uninzi lwabo lwavuma ukufundiswa iBhayibhile yaye baba ngamaKristu ashumayela ngenzondelelo.

Ukwabelana Nabanye Abantu Ngethemba Lethu EJava

Ngowe-1973, mna noJosef sabelwa eJava, isiqithi esilingana nesiqingatha seBritani ngobukhulu, esinabemi abangaphezu kwezigidi ezingama-80.a Sashumayela iindaba ezilungileyo kumaJavanese, amaSundanese nakumaTshayina.

Ngenxa yokuba ndiliTshayina elikhulele eIndonesia, ndiyakwazi ukuthetha iilwimi ezinjengesiJavanese, isiSundanese isi-Indonesian nesiNgesi. Ndiyakuvuyela ukuthetha nabantu ngeBhayibhile ndisebenzisa ulwimi lwabo lwenkobe.

Kwikomkhulu laseIndonesia, iJakarta, eseJava ndancokola nentombazana eneminyaka eli-19 ubudala eyayibonakala imatshekile ngethemba lobomi obungunaphakade kwiParadesi esemhlabeni. Njengokuba ndandifunda iBhayibhile yatsho ngemvula yeenyembezi. Ngentlonelo yathi: “Ndiyabulela Sisi ngokundixelela ezi zinto.” Yongezelela isithi: “Ngomso bendifanele ndibe ne-R1 100 ukuze ndihlawule iindleko zaseyunivesithi yaye bendicinga ngokuthengisa ngobuntombi bam ukuze ndifumane le mali. Ngaphambi kokuba ufike bendithandazela ukhokelo. Ngoku ndiyaphendulwa. Ndizimisele ukuqhubeka nezifundo zam ngelinye ixesha ndize ndihlale ndicocekile.” Le ntombazana yakuvuyela ukufunda ezinye izinto eziseBhayibhileni.

Ukususela ngoko abantu abaninzi abangamaJavanese, kuquka amaSundanese namaTshayina baphila ngokwemilinganiselo eseLizwini likaThixo. Oko kuye kwabenza baba seluxolweni yaye bonwabile kanye njengokuba uThixo wathembisayo.—Isaya 48:17, 18.

EKalimantan—Apho AmaDayak Ahlala Khona

Ukusuka kwethu eJava, mna noJosef safudukela eKalimantan, kwiphondo laseIndonesia, iBorneo isiqithi sesithathu ngobukhulu ehlabathini (emva kweGreenland neNew Guinea). Indawo enamahlathi ashinyeneyo, enamaxethuka eentaba nemilambo emikhulu, eBorneo kuhlala amaTshayina, amaMuslim Malays nabantu bomthonyama abangamaDayak—abahlala emilanjeni emikhulu nababekhe baba ngabazingeli abakhohlakeleyo benqumla iintloko zeentshaba zabo baze bazigcine.

Ukuze sifikelele emagqagaleni amaDayak, sasihamba kwimilambo engasehlathini ngesikhephe okanye iphenyane. Iingwenya ezinkulu zazihlala ngasemilanjeni, iinkawu zazisijonga zisemithini zize iintaka zisiqhayisele ngemibalabala yazo emihle. Kwakunzima ukuba ngumthunywa wevangeli kuloo ndawo!

Iintsapho ezininzi zamaDayak zihlala kwizindlu ezakhiwe ngezinti emahlathini. Ezinye izindlu zincinane; ngoxa ezinye zingoobhazabhaza abanela iintsapho ezininzi. Abantu abaninzi balapho zange bakhe bambone umntu waseYurophu, ngenxa yoko babefuna ukubona uJosef. Abantwana babedla ngokukhwaza bathi, “Mfundisi! Mfundisi!” Abantu babedla ngokuza bebaninzi ukuze beve ukuba uza kuthini umfundisi omhlophe. UJosef wayedla ngokuthetha nabantu etolikelwa ngamaNgqina asekuhlaleni yaye loo maNgqina ayedla ngokuqhubeka efunda iBhayibhile nabantu abaninzi abanomdla.

Sabelwa EPapua New Guinea

Ngenxa yengcinezelo eyandayo yabachasi bonqulo, ngoDisemba wowe-1976 urhulumente waseIndonesia wawaval’ umlomo amaNgqina kaYehova. Ngenxa yoko, mna noJosef sabelwa ePapua New Guinea.

Emva kokuba sifike kwikomkhulu lalapho iPort Moresby, kangangeenyanga ezimbini safunda ulwimi lwalapho eHiri Motu. Emva koko safudukela eDaru isiqithi esincinane esisemagqagaleni ephondo elisentshona. Apho ndadibana noEunice ibhinqa elikhulu, elingwanzilili, elithandekayo nelalinamazinyo amnyama ngenxa yokuba lalihlafuna ibetel nut kangangeminyaka. Emva kokuba uEunice efunde ukuba uThixo ufuna abakhonzi bakhe bacoceke emzimbeni, ngokokuziphatha nangokomoya waziyeka iziyobisi waza waba ngumKristu othembekileyo. (2 Korinte 7:1) Sihlandlo ngasinye sibona aba bantu bathobekileyo bephila ngokuvisisana nenyaniso eseBhayibhileni, siye sabubona ubunyaniso bamazwi akwiNdumiso 34:8 athi: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.”

Ekuhambeni kwexesha uJosef waphinda waba ngumveleli ohambahambayo yaye satyelela phantse yonke iPapua New Guinea, indawo eneelwimi ezingama-820. Ukuze sikwazi ukuthetha nabantu abangakumbi songezelela enye yeelwimi zalapho—isiTok Pisin, ulwimi oluthethwa ngabantu abaneelwimi ezahlukahlukeneyo. Ukuze siye kwiidolophu neelali zalapho ezahlukahlukeneyo sasibetha ngezikaTshiwo, sihambe ngemoto, ngesikhephe, ngephenyane, ngeenqwelo-moya ezincinane yaye sasinyamezela ukutshisa, iingcongconi, nokuhlaselwa sisifo seengcongconi.

Ngowe-1985, safumana esinye isabelo sokuba ngabathunywa bevangeli—sathunyelwa kwiiSolomon Islands, impuma yePapua New Guinea. Apho sasebenza kwisebe lamaNgqina kaYehova, sityelela neziqithi ukuze sikhuthaze amabandla size siye nakwiindibano zamaKristu. Kwakhona kwafuneka sifunde ulwimi olutsha, isiSolomon Islands Pidgin. Kodwa sasikuvuyela ukuncokola nabantu bakwiiSolomon Islands abayithandayo iBhayibhile.

Olona Hambo Lwalunzima

Ngowama-2001 umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavulwa yaye mna noJosef sabuyela eJakarta. Kamsinya nje emva koko, kwafunyaniswa ukuba umyeni wam unomhlaza wolusu. Saya kuloJosef, eJamani ukuze sifumane unyango. Kodwa okubuhlungu kukuba, ngowama-2005 xa sasineminyaka engama-33 sitshatile wasweleka yaye ulindele ukuvuselwa kwihlabathi elitsha eParadesi. (Yohane 11:11-14) Wayeneminyaka engama-62 ubudala nengama-40 ekwinkonzo yexesha elizeleyo.

Ndahlala eJakarta yaye ndaqhubeka ndingumthunywa wevangeli. Ndiyamkhumbula kakhulu umyeni wam. Kodwa ukufundisa abanye ngeenyaniso ezixabisekileyo ezifumaneka kwiLizwi likaThixo kundincede ndakwazi ukunyamezela kuba ukuya kushumayela ebantwini kundenze ndaziva ndanelisekile yaye ndinenjongo ebomini. Ndingatsho ndithi uYehova uye wandinika ubomi obubangel’ umdla nobunomvuzo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Abemi baseJava namhlanje bazizigidi ezili-120.

[Imaphu ekwiphepha 25]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

INDONESIA

Java

JAKARTA

Cirebon

Sumatra

Padang

Lake Toba

Borneo

PAPUA NEW GUINEA

PORT MORESBY

Daru

SOLOMON ISLANDS

[Umfanekiso okwiphepha 26]

UHerawati nabantu afunda nabo iBhayibhile kwiiSolomon Islands

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ndikunye noJosef eHolland ngaphambi nje kokuba asweleke ngowama-2005

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share