Okwenzeka Ehlabathini
Bambalwa abantu baseJamani abangaphantsi kweminyaka engama-40 ubudala abakuthandayo ukuthandaza suku ngalunye nabantwana babo yaye kumalungu ecawa, kwabali-10 bane kuphela abakujonga njengento ebalulekileyo.—IAPOTHEKEN UMSCHAU, YASEJAMANI.
Umntu onesifo sentliziyo owaphisa ngamadlozi wadlulisela eso sifo kubantwana abasithoba kwabangama-24 ekucingwa ukuba ngabakhe. Omnye waba bantwana wabulawa sisifo sentliziyo eneminyaka emibini ubudala.—IJAMA, YASEUNITED STATES.
“Bangaphezu kwama-50 ekhulwini abantu baseRashiya abakholelwa ekubeni ubuqhetseba abuphepheki yaye abuzi kuphela.”—IRIA NOVOSTI, ERASHIYA.
Bambalwa Abahlobo Bokwenene
IDaily Telegraph yaseLondon ithi: “Umntu omnye waseBritani unabahlobo bokwenene abathathu anokuthembela kubo.” Ngokutsho kolunye uhlolisiso, esinye sezizathu ezibangela ukuba umntu anganxibelelani “nabahlobo bakhe abangama-36 ebudeni beminyaka kukuxakeka,” ‘ukuxabana’ yaye kwabangama-43 ekhulwini “kukungavumelani ngokuthile . . . baze bangathethisani.” Phantse omnye kwabahlanu uzityand’ igila kumntu asebenza naye kuba “engekho omnye umntu anokucela icebiso kuye.” Esinye isithethi sathi: “Kufuneka umntu enze into ekhethekileyo ukuze abantu bathembele kuye.”
Amaphenyane Athwele Iziyobisi
Ziya zintsonkotha iindlela ezisetyenziswa ngabantu baseColombia abathengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni ukuze bathubelezise icocaine kuMbindi Merika, eMexico naseUnited States. Ukususela ngowe-1993, amaphenyane angama-42 aye abanjwa aza athinjwa ngamagunya aseColombia. Kuye kwafunyanwa iindawo ezininzi ezenza la maphenyane. Nangona la maphenyane asebenza ngedizili engantywili, kunzima ukuba ajongwe ngeradar. Amanye ayakwazi ukuhamba iikhilomitha ezingama-3 200 ethwele iitoni eziphakathi kwezintandathu ukuya kwezilishumi zecocaine yaye kuxabisa izigidi ezi-R7 ukuwenza.
Iingenelo Zokutya Njengentsapho
Kuhlolisiso oluye lwenziwa kutshanje bangaphantsi kwesiqingatha abantwana baseFinland abaneminyaka eli-14 ukuya kweli-16 ubudala ekuye kwadliwan’ indlebe nabo abatya kunye neentsapho zabo. Olu hlolisiso lubonisa ukuba kumakhaya amaninzi akukhe kutyiwe kunye. Kanti ulutsha luyakulangazelela ukukhe lube kunye nentsapho. Iphephandaba iHelsingin Sanomat lithi, xa ulutsha lwabuzwa ngoko lukufunayo kubazali balo, lathi: “Ukutya okushushu, ukutya kunye njengentsapho nomntu oza kuluphulaphula nonexesha lalo.” Ukutya kunye njengentsapho kuchaphazela kakhulu indlela ekhula ngayo ingqondo yolutsha. Ngokutsho kweli nqaku, “ulutsha olutya kunye neentsapho zalo ludla ngokuqhuba kakuhle esikolweni, alufane lutshaye, lusele okanye lusebenzise iziyobisi yaye alufane luxinezeleke.”