Abantu Abaselula Bayabuza
Ndinokubakhetha njani abahlobo?
“Ndineminyaka engama-21. Zimbalwa iintanga zam kwindawo endihlala kuyo ngenxa yoko abahlobo bam bancinane kunam ukanti abanye ngabantu abatshatileyo. Aba bancinane kunam bancokola ngeemviwo ukanti aba batshatileyo baxhalatyiswa kukondla iintsapho zabo. Mna andixhalatyiswa nayenye kwezi zinto. Ndingathanda ukufumana abahlobo endinokuncokola nabo!”—UCarmen.a
PHANTSE bonke abantu, enoba badala kangakanani bayafuna ukuba nabahlobo. Ngokuqinisekileyo nawe uyabafuna. Kungenxa yalo nto kubuhlungu ukungahoywa ngokungathi awubonakali—“ungumntu nje ekungekho yakhe,” ngokutsho kukaMichaela oneminyaka eli-15.
Kakade ke, ukuba ungumKristu, ‘unabazalwana’ onokufumana abahlobo phakathi kwabo. (1 Petros 2:17) Nakuba kunjalo, ngamanye amaxesha unokuziva ulilolo. UHelena oneminyaka engama-20 uthi: “Xa sibuya ezintlanganisweni zamaKristu ndandidla ngokuhlala ngasemva emotweni ndize ndilile. Okukhona ndizama ukuzenzela abahlobo yayisiba kokukhona ndiphoxeka.”
Yintoni onokuyenza ukuba ukufumanisa kunzima ukufumana abahlobo? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe siqale sazi ukuba (1) luhlobo olunjani lwabantu okufumanisa kunzima ukuba ngumhlobo walo, nokuba (2) yintoni oyenzayo xa ukunye nabo.
Beka olu phawu ✔ ecaleni kohlobo lwabantu okufumanisa kunzima ukuba ngumhlobo wabo.
1. Ubudala
□ oontanga □ abantwana abadala kunawe □ abantu abadala
2. Izinto abakwaziyo ukuzenza
Ngabantu
□ abakwezemidlalo □ abanetalente □ abakrelekrele
3. Ubuntu babo
Ngabantu
□ abazithembayo □ abaziwayo □ abakwiqela elithile
Ngoku yenza olu phawu ✔ ecaleni kwesivakalisi esichaza izinto ozenzayo xa ukunye naba bantu bachazwe ngasentla.
□ Ndiye ndizenze ngathi ndithanda izinto abazithandayo okanye ndinobuchule njengabo.
□ Ndizibetha ngoyaba izinto abazithandayo ndize ndincokole ngezithandwa ndim.
□ Ndiyathula ndize ndibashiye kwakuvela ithuba.
Ekubeni ngoku sele ulazi iqela okufumanisa kunzima ukuba ngumhlobo walo nendlela oye wazama ngayo ukuyilungisa loo ngxaki, makhe sibone ukuba yintoni onokuyenza. Okokuqala, kukho imiqobo embalwa ofanele uyazi uze uyiphephe.
UMQOBO 1: Ukuzenza ikheswa
Ingxaki. Xa ukunye nabantu abanezinto abazithandayo okanye italente eyahlukileyo kweyakho, kulula ukuvakalelwa kukuba akunakuba ngumhlobo wabo—ingakumbi ukuba ungumntu oneentloni. UAnita oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ndiyakonqena ukuqalis’ incoko. Ndoyik’ ukubhuda.”
Oko kuthethwa yiBhayibhile. “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Ngokucacileyo, ukuzahlula kwabanye kunokuyenza imeko ibe mandundu nangakumbi. Eneneni, ukuzenz’ ikheswa kunokukufaka kule ngxaki: Ubulolo bakho bunokukwenza ucinge ukuba awunakuba nabo abahlobo, uze ngenxa yoko uzikhethe kwabanye, umphumo ube bubulolo ize loo nto ikwenze ucinge ukuba awukwazi ukwenza abahlobo. Yaye uya kuba kuloo meko de wenze into ngaloo nto!
“Abantu abakwazi ukufunda ingqondo yakho. Ukuba awuyitsho into oyifunayo awuyi kuyifumana. Ukuba uyazahlula awuzi kuba nabahlobo. Ufanele wenze umgudu. Awufanele ucinge ukuba ngabanye abantu abafanele baqalise ubuhlobo kunye nawe. Ubuhlobo benziwa ngabantu ababini.”—UMelinda, oneminyaka eli-19.
UMQOBO 2: Ukufuna ukuthandwa
Ingxaki. Abanye abantu bakuxhalabela kakhulu ukuba nabahlobo kangangokuba bade batshomane nabantu abangalunganga becinga ukuba kubhetele ukuba nomhlobo nokuba unjani kunokuba ungabi naye. URené oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Yayindikhathaza into yokuba ndingekho kwiqela elalidumile esikolweni kangangokuba ndandifuna ukwenza into eyayiza kundifaka engxakini ukuze ndamkeleke kulo.”
Oko kuthethwa yiBhayibhile. “Osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi”—okanye “ukuhamba nezidenge kuya kukwenzakalisa,” ngokutsho kweContemporary English Version. (IMizekeliso 13:20) ‘Iziyatha’ okanye ‘izidenge’ ekuthethwa ngazo kule ndinyana asingobantu abangekho krelekrele. Eneneni, isenokuba ngabona bantwana bakrelekrele esikolweni. Kodwa ukuba abaphili ngokwemithetho yeBhayibhile bazizidenge emehlweni kaThixo. Uya kuzifaka engxakini ukuba uzenza ilulwane kuba ufuna ukwamkelwa ngabo.—1 Korinte 15:33.
“Asinguye wonke umntu onokuba ngumhlobo olungileyo. Abantu ekufuneka utshintshe ubuntu bakho xa ukunye nabo, asingobahlobo abo. Abahlobo bokwenene ngabo bakuthandayo nabakuxhasayo.”—UPaula, oneminyaka engama-21.
Yiba Nomdla Kwabanye
Mus’ ukulindela ukuba abanye bakucele ube ngumhlobo wabo. UGene oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Asinakulindela ukuba abanye beze kuthi kodwa sifanele sibe nomdla kubo.” La macebiso mabini alandelayo aza kukunceda:
Yenza abahlobo nabantu abangalinganiyo nawe. Kubonakala ngathi uYonatan noDavide ekuthethwe ngabo eBhayibhileni babeshiyana ngeminyaka engama-30, sekunjalo “babengabahlobo abasenyongweni.”b (1 Samuweli 18:1, CEV) Sifunda ntoni koku? Unako ukuba ngumhlobo wabantu abadala! Eneneni, kutheni ufuna ukuba ngumhlobo neentanga zakho kuphela uze ukhalaze xa zingakwamkeli? Loo nto ifana nomntu osesiqithini ozibulala ngendlala ngoxa engqongwe ziintlanzi! Inyaniso kukuba, bakho abantu abalungileyo onokuba ngumhlobo wabo. Enye indlela yokubafumana kukwenza abahlobo nabantu abangalinganiyo nawe.
“Umama wandikhuthaza ukuba ndizame ukuncokola nabantu abadala ebandleni. Wathi kuza kundimangalisa ukubona ukuba zininzi kangakanani izinto esifana ngazo. Wayenyanisile yaye ngoku ndinabahlobo abaninzi!”—UHelena, oneminyaka engama-20.
Funda indlela yokuqalisa incoko. Ukuqalisa incoko kufuna umgudu—ingakumbi ukuba ungumntu oneentloni. Kodwa unako. Kufuneka (1) uphulaphule, (2) ubuze imibuzo (3) yaye ubonise umdla onyanisekileyo.
“Ndiye ndizame ukuphulaphula kunokuba ndithethe kakhulu. Naxa ndithetha ndiye ndizame ukungasoloko ndithetha ngam okanye ndigxeke abanye.”—USerena, oneminyaka eli-18.
“Xa umntu encokola ngento endingayaziyo ndiye ndimcele ukuba andicacisele, nto leyo eye imenze athethe ngokukhululekileyo.”—UJared, oneminyaka engama-21.
Ukuba ungumntu othuleyo yazi ukuba akukho nto imbi ngaloo nto. Akuyomfuneko ukuba ube liqhakraqhakra! Kodwa ukuba ubona ngathi awukwazi ukuba nabahlobo, zama amacebiso akweli nqaku. Usenokuvakalelwa njengoLeah. Uthi: “Ndingumntu oneentloni, ngoko ndiyazinyanzela ukuze ndincokole nabantu. Kodwa ukuze ube nabahlobo ufanele ube nobubele. Ngenxa yoko, ngoku ndiyakwazi ukuncokola.”
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhusayithi ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama akweli nqaku atshintshiwe.
b Kusenokwenzeka ukuba uDavide wayengumfana xa waqalisa ubuhlobo noYonatan.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Xa ndisezintlanganisweni zamaKristu, ndiye ndizame ukuthetha ubuncinane nomntu omnye kwabo ndingafane ndincokole nabo. Ndiye ndafumanisa ukuba ubuhlobo bunokuqaliswa ngokubulisa nje kuphela.”
“Kwakulula ngam ukuba ndingancokoli nabanye ndize ndigqibe kwelokuba abantu abandithandi yaye andisoze ndikwazi ukwenza ubuhlobo. Kwakufuna umgudu ukuyilungisa loo nto. Ukuziqhelisa ukuqalisa incoko kwenza kube lula ukufumana abahlobo.”
“Ndiye ndazama ukuncokola nabantu abadala. Ekuqaleni kwakunzima! Ekugqibeleni ndiye ndazuza kuba ndiye ndafumana abahlobo endinokuthembela kubo.”
[Imifanekiso]
ULauren
UReyon
UCarissa
[Ibhokisi ekwiphepha 20]
BUZA ABAZALI BAKHO
Ngaba wawunengxaki yokufumana abahlobo xa wawungangam? Luhlobo olunjani lwabantu owakufumanisa kunzima ukuba ngumhlobo wabo? Wayilungisa njani loo ngxaki?
․․․․․
[Umzobo okwiphepha 20]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
INGXAKI YOKUBA LILOLO
ANDINABAHLOBO
yaye loo nto indenza
ndizive . . . ↓
. . . NDILIKHESWA nto
leyo endenza . . .
↑
. . . NDIZIKHETHE, ←
nto leyo endenza
ndibone ukuba . . .