ULUTSHA LUYABUZA
Ndingenza Ntoni Ukuba Abanye Abandamkeli?
“Akumelanga wahluke ebantwini, ukuba uyohluka awuzukuba nabahlobo, awuzukonwabela ubomi, ibe akhonto iza kuhambela kakuhle. Uza kulibaleka ibe uza kusoloko uwedwa.”—UCarl.
Ngaba uCarl uyazibaxa izinto? Mhlawumbi, kodwa abantu abaninzi bangenza nantoni na ukuze ingenzeki le nto ithethwa nguCarl. Ngaba nawe unjalo? Eli nqaku liza kukunceda ufumane indlela ebhetele yokwenza abahlobo.
Kutheni abantu befuna ukwamkeleka?
Kuba abafuni kukhethwa ngabanye. “Kwiiwebhusayithi zokuncokola ndabona abanye bezikhuphile baza benza izinto ngaphandle kwam. Lento yandenza ndazibuza ukuba yintoni le ingathandekiyo ngam, ibe ndandikhathazeke kakhulu ndicinga ukuba abandithandi.”—UNatalie.
KHAWUCINGE NGALENTO: Ngaba wakha waziva ngathi iqela elithile labantu alikuthandi ukuba kunye nawe? Yintoni okhe wazama ukuyenza ukuze bakwamkele?
Kuba abafuni kwahluka. “Abazali bam abandivumeli ukuba ndibe nefowuni. Xa abanye abantwana becela inamba yam ndize ndibaxelele ukuba andinafowuni baye bathi: ‘Intoni? Kanti unangaphi?’ Xa ndibaxelela ukuba ndina-13, baye bandisizele.”—UMary.
KHAWUCINGE NGALENTO: Yintoni abazali bakho abangakuvumeli ukuba uyenze ekwenza uzive wahlukile kwabanye? Loo nto iye ikwenze uzive unjani?
Kuba abafuni kuphathwa kakubi ngabanye. “Abantwana besikolo ababathandi abantu abathetha baze benze izinto ezahlukileyo kwezabo, nabakholelwa izinto ezingafaniyo nezabo. Ukuba awufani nabo, usengxakini.”—UOlivia.
KHAWUCINGE NGALENTO: Ngaba wakha waphathwa kakubi kuba ungafani nabanye? Wenza ntoni xa wawukulo ngxaki?
Kuba abafuni kwahlukana nabahlobo babo. “Ndandiye nditshintshe qho xa ndikunye neqela elithile. Ndithethe ngendlela endingaqhelanga ukuthetha ngayo, ndihleke noba into ayihlekisi, ibe ndandincedisa xa kugezelwa omnye umntwana nangona ndisazi ukuba loo nto ibuhlungu.”—URachel.
KHAWUCINGE NGALENTO: Kubaluleke kangakanani kuwe ukuba uthandwe ngoontanga bakho? Ngaba wawukhe wazama ukutshintsha ubuntu bakho ukuze bakwamkele?
Into omele uyazi
Xa uzama ukulinganisa abanye kuba ufuna bakwamkele, loo nto inokwenza bangakuthandi. Ngoba? Kuba amaxesha amaninzi abantu baza kuyazi into yokuba uyazenzisa. UBrian ona-20 uthi: “Ndandiye ndingathandwa tu ngabantwana endandifunda nabo xa ndizenza umntu endingenguye. Ndafunda ukuba eyona nto ibalulekileyo kukungazenzisi, kodwa ube ngulomntu unguye kuba abantu bayayibona loo nto.”
EYONA NTO UMELE UYENZE: Zicinge kakuhle ezona zinto zibalulekileyo kuwe. NeBhayibhile ithi: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.” (Filipi 1:10) Ngoko khawuzibuze, ‘Yintoni eyona nto ibalulekileyo kum—ngaba kukwamkelwa ngabantu abangafaniyo nabaphila ngendlela engafaniyo neyam, okanye kukuba ngulomntu ndinguye?
“Akuzukukunceda ukuzama ukufana nabanye abantu. Akuzukwenza abanye bakuthande kakhulu okanye kukuncede uphucule uze ube ngumntu obhetele.”—UJames
Ukuzama ukwamkeleka kunokuzenza uzibambe, ungayichazi indlela ocinga noziva ngayo. Kungakwenza ube ngumntu ozama “ukuzithandisa” kwabanye abantu ngokuzama ukuba yilento bafuna ube yiyo. Umfana ekuthiwa nguJeremy uthi: “Ndandiye ndenze nantoni na ukuze ndamkeleke kwiqela elithile nokuba loo nto iza kundenza ndaziwe kakubi. Ndandivumela ukuba abanye bandilawule, bandixelele izinto endimele ndizithethe nemandizenze.”
EYONA NTO UNOKUYENZA: Zazi ezona nto zibalulekileyo kuwe uze uzenze endaweni yokuba ufane nelovane elitshintsha umbala ukuze lifane naloo ndawo likuyo. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Sukuvuma ukona ngenxa yokukhukhuliswa sisihlwele.”—Eksodus 23:2, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.
“Ndazama ukuthanda yonke into ababeyithanda—umculo, imidlalo, iimpahla, izinto ababezibukela, nemakeup . . . Ndandizama ukufana nabo. Babona ukuba ndandizenzisa. Phofu wonk’ umntu wabona. Ekugqibeleni ndandiziva ndindodwa, ibe ndingonwabanga tu. Ndandingasazazi ukuba ndingubani. Ndandingasazi nezinto endizithandayo. Ndingakwazi nokuzicingela ngokwam. Ndafunda ukuba ayinguye wonk’ umntu odibana naye oza kuthanda okanye oza kukwamkela. Le nto ayithethi ukuba umele uncame ukwenza abahlobo kodwa umele wazi ukuba ukwenza abahlobo kuthatha ixesha, ngoko yiba nomonde uze nawe uzazi kakuhle.”—UMelinda.
Ukuzama ukwamkeleka kwabanye kunokuyitshintsha indlela oziphethe ngayo. Umfana ekuthiwa nguChris uthi lento yenzeka kumzala wakhe. UChris uthi: “Waqalisa ukwenza izinto ezingaqhelekanga ukuze amkelwe ngabanye—njengokusebenzisa iziyobisi—waye waziqhela kakhulu de kwanzima ukuziyeka, ibe lento yaphantse yabumosha ubomi bakhe.”
EYONA NTO UMELE UYENZE: Hambela kude kubantu abathetha nabaziphethe kakubi. IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko, uza kuba sisilumko, kodwa osebenzisana nezidenge uza kungena engxakini.”—IMizekeliso 13:20.
“Ngamanye amaxesha akukho nto irongo ekuzameni ukwamkeleka kwabanye. Kodwa awufanelanga uyenze loo nto ukuba iza kuthetha ukuba uza kuyeka ukwenza izinto ezilungileyo. Abantu abanokuba ngabahlobo abalungileyo kuwe baza kukwamkela ungulomntu unguye.”—UMelanie.
Icebiso: Xa uqala udibana nabantu ibe ufuna ukwenza abahlobo ungajongi nje abo bathanda izinto ezifana nezakho kuphela. Kodwa khangela abantu enivumelanayo ngezona zinto zibalulekileyo—njengendlela yokukhonza yokuziphatha, neyokwenza izinto.
Zikhona iimpahla ezingakufaneliyo. Ngokufanayo abanye abantu abakufanelanga ukuba ngabahlobo bakho kuba abazukukhuthaza kwindlela ofuna ukuphila ngayo