Ngaba Ukutya Kwakho Kukhuselekile?
“IJamani Ivale Isikolo Ngenxa Yesifo Se-E. Coli.”—IREUTERS NEWS SERVICE, EJAMANI.
“Isifo iSalmonella Sibangelwe Kukuntshula Kwembewu Kumaphondo Amahlanu.”—IUSA TODAY.
“Inyama Yeenkomo Ezi-6 Ezondliwe Ngeendiza Ezinemichiza Ityhutyhe Izithili Ezisi-9.”—ITHE MAINICHI DAILY NEWS, EJAPAN.
ZONKE ezingongoma zathi gqi zilandelelana kwisithuba nje seeveki ezimbini nyakenye. Kuqikelelwa ukuba nyaka ngamnye ngabantu abakuma-30 ekhulwini kumazwe afumileyo abafunyanwa zizifo zokutya.
Zikuchaphazela njani ezo ngxelo? Utata ohlala eHong Kong, uHoi uthi: “Ndiba nexhala de ndibe nomsindo. Ndinabantwana ababini, ndiba nexhala le ndlela okwenziwa ngayo nendawo okwenziwa kuyo ukutya kwabo.”
Kumazwe ahlwempuzekileyo, minyaka le izifo zokutya namanzi zibulala izigidi zabantu—ngakumbi abantwana. UBola waseNigeria uthi: “Kwiimarike zethu, ukutya kubhuzwa ziimpukane, ziimvula, umoya nothuli. Xa ndifunda okanye ndisiva ngezifo zokutya, ndiye ndoyike. Ndifuna ukukhusela intsapho yam.”
Ngaba ungakwazi ukhusela intsapho yakho kukutya okungakhuselekanga? IArhente Ehlola Ukutya EKhanada ithi: “Xa ukutya okungakhuselekanga kuthengiswa ezivenkileni, loo nto iba ngundaba mlonyeni. Kufanele kube njalo. Kodwa ukungakhuseleki kokutya, nokunokubangela izifo, kungabangelwa nazizinto esizenzayo—okanye esingazenziyo—emizini yethu.”
Ungayikhusela njani intsapho yakho kwizifo ezibangelwa kukutya? Siza kuxubusha iindlela ezine zokukhusela ukutya kwakho.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
NGOOBANI ABASENGOZINI?
Amanye amaqela abantu abasesichengeni ngakumbi kwizifo zokutya, aquka:
● Abantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala
● Amabhinqa akhulelweyo
● Abantu abaneminyaka engaphezu kwama-70 ubudala
● Abantu abanemizimba ebuthathaka
Ukuba wena okanye umntu otya nawe ukolu luhlu, umele uxhalabe ngokutya okwenzayo, nokutyayo.
[Inkcazelo]
Source: New South Wales Food Authority, Australia.