IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/12 iphe. 8-9
  • Wonke Umntu Uza Kuba Nokutya Okusempilweni—Kungekudala!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wonke Umntu Uza Kuba Nokutya Okusempilweni—Kungekudala!
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukutya Kwakho Kukhuselekile?
    Vukani!—2012
  • Indlela Yokwenza Ukutya Kukhuseleke
    Vukani!—2002
  • Ithini IBhayibhile Ngokungabikho Kokutya Okwaneleyo?
    Imixholo Engakumbi
  • Ukutya Okukhuselekileyo Kwabantu Bonke
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 6/12 iphe. 8-9

Wonke Umntu Uza Kuba Nokutya Okusempilweni—Kungekudala!

UNAKO ukuthabatha amanyathelo ukuze ufumane ukutya okukhuselekileyo. Kodwa ke, izinto ezininzi zingaphaya kwamandla akho. Ngokomzekelo, awunakukwazi ukukuhlola ngokwakho konke ukutya ngaphambi kokuba ukuthenge okanye ukupheke. Kusenokufuneka uthenge ukutya esele kulungisiwe kuvela kude. Okunye okuthengayo kusenokuba kungcoliswe yimichiza eyingozi esemoyeni, emanzini okanye emhlabeni.

Kwingxelo enomxholo othi, “Ukulawula Izifo Zokutya: Ucelomngeni Olukhulu,” amagosa eWorld Health Organization athi ezinye iingxaki zokukhusela ukutya “azinakuconjululwa ngurhulumente welizwe kuphela; zifuna intsebenziswano yamazwe onke.” Izifo zokutya yingxaki yehlabathi lonke!

Ngenxa yoko, abaninzi bamele ukuba bayazibuza isizathu sokuba sitsho ngengqiniseko ukuba kungekudala kuza kubakho ukutya okukhuselekileyo kwabantu bonke. Kaloku, “uYehova, iNkosi yomhlaba uphela,” uthembisa ukuziphelisa iingxaki zokutya esinazo. (Yoshuwa 3:13) Abanye basenokuthi ubukho bale ngxaki yokutya bubungqina bokuba uThixo akanakuthenjwa. Kodwa cinga ngoku: Ukuba umntu ohambisa ukutya kwivenkile yokutyela ngokungakhathali uyakuyeka konakale, ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukubeka ityala kumpheki? Nakanye.

Ngokufanayo, ngabantu—kungekhona uMdali—ababekek’ ityala ngokonakalisa imithombo yokutya komhlaba. Le ngxaki ibangelwe ngabantu. UThixo uthembisa ukuba uya ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.

Eneneni, uThixo sele ebonise phandle ukuba uwukhathalele umgangatho wokutya kwethu. Kaloku nguye owadala umhlaba wantshulisa kungekhona nje imithi “enqwenelekayo emehlweni” kodwa “nelungele ukudliwa.” (Genesis 2:9) Kwanasemva kokuba ukugula kungene eluntwini, uYehova uThixo wanika abantu bakhe imiyalelo engqalileyo eyayiza kukhusela ukutya nemizimba yabo.—Funda ibhokisi ethi “Imiyalelo Yempilo.”

Luhlobo luni lokutya uThixo afuna sikunandiphe? IBhayibhile ithi: “Uhlumisela izilo ingca eluhlaza, notyani ukuze kuncedwe uluntu, ukuba kuphume ukutya emhlabeni, newayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali, ukukhazimlisa ubuso ngeoli, nesonka sokuxhasa intliziyo yomntu ofayo.” (INdumiso 104:14, 15) IBhayibhile iphinda ithi, “zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukutya kuni.”—Genesis 9:3.

Ngokuphathelele ikamva lethu, iLizwi lakhe lisithembisa oku: “Ngokuqinisekileyo uya kuyinika imvula imbewu yakho oyihlwayeleyo emhlabeni, nesonka njengemveliso yomhlaba, otyebileyo noneoli. Imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini kwidlelo eliphangaleleyo.” (Isaya 30:23) Ewe, kungekudala le mixholo inxunguphalisayo yamaphephandaba anamhlanje iya kuthatyathelw’ indawo sisaziso esithi: “Ukutya okusempilweni komntu wonke!”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

UMdali usithembisa ngekamva eliqaqambileyo elinentabalala yokutya okusempilweni

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

“IMIYALELO YEMPILO”

Malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo, amaSirayeli afumana uMthetho kaMoses. Lo Mthetho wawakhusela amaSirayeli kwizifo zokutya ezininzi. Phawula le miyalelo ilandelayo:

● Ningasebenzisi izitya ezimdaka ezichukumise isilwanyana esifileyo: “Nasiphi na isitya esisetyenziswayo sofakwa emanzini, size sibe sesingahlambulukanga kude kuhlwe sandule ke sihlambuluke.”—Levitikus 11:31-34.

● Ningasityi isilwanyana esizifeleyo: “Nize ningayidli nayiphi na into ezifeleyo.”—Duteronomi 14:21.

● Khawulezani niwutye umbeko: “Kuze okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso. Kodwa okuseleyo enyameni yombingelelo ngomhla wesithathu makutshiswe ngomlilo.”—Levitikus 7:16-18.

UA. Rendle Short, M.D, wamangaliswa yinto yokuba uMthetho kaMoses—xa uthelekiswa nemithetho yeentlanga zalo mihla ezaziwangqongile—ngowona “wawunobulumko nowawusengqiqweni kwimiyalelo yempilo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share