IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/14 iphe. 10-11
  • Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INGXAKI
  • Ingcinezelo Yoontanga—Ngaba Inempembelelo Enamandla?
    Vukani!—2002
  • Lutsha—Yixhathiseni Ingcinezelo Yoontanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ndinokuyixhathisa Njani Ingcinezelo Yoontanga?
    Vukani!—2003
  • Ingcinezelo Yoontanga Ngaba Isenokuba Yingenelo Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 1/14 iphe. 10-11
Umfana oselula unikwa icuba

UKUNCEDA IINTSAPHO | ABANTU ABASELULA

Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga

INGXAKI

Umntana wesikolo uvumela izenzo zakhe ziphenjelelwe yingcinezelo yoontanga

“Kwisikolo samabanga aphantsi, ndandingamkelwa ngabanye abantwana, yaye oko kwakubuhlungu. Ngoko ke, xa ndandiqalisa isikolo samabanga aphezulu, ndatshintsha indlela yokunxiba nesimo sam sengqondo—ibe ezinye zezinto endandizenza zazingalunganga. Ndandikufuna gqitha ukuba nabahlobo kangangokuba ndanikezela kwingcinezelo yoontanga, ukuze abantwana endifunda nabo bandithande.”—UJennifer, oneminyaka eyi-16.a

Ngaba nawe ujamelene nengcinezelo yoontanga? Ukuba kunjalo, eli nqaku liza kukunceda ukwazi ukumelana nayo.

Xa unikezela kwingcinezelo yoontanga, uba ngathi uyirobhoti engenangqondo kuba uvumela abanye abantu bakulawule. Kutheni ubavumela nje?—Roma 6:16.

OKO UMELE UKWAZI

Ingcinezelo yoontanga inokwenza abantu abalungileyo benze izinto ezimbi.

“Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”—1 Korinte 15:33.

“Maxa wambi sisenokwenza into ephosakeleyo kuba nje sifuna ukukholisa abanye!”—UDana.

Ingcinezelo yoontanga ayisoloko ivela koontanga.

“Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.”—Roma 7:21.

“Enyanisweni, ndiyazicinezela, kuba nje ndinqwenela izinto oontanga bam abathetha ngazo nezibonakala zimnandi.”—UDiana.

Ukumelana nengcinezelo yoontanga yinto omele uzidle ngayo.

“Yibani nesazela esilungileyo.”—1 Petros 3:16.

“Ngaxa lithile kwakunzima kum ukumelana nengcinezelo yoontanga, kodwa ngoku andoyiki ukwahluka yaye andijiki kwizigqibo endizenzileyo. Ayikho into eyodlula ukulala unesazela esicocekileyo.”—UCarla.

OKO UNOKUKWENZA

Xa oontanga bekucinezela ukuba wenze okubi, zama oku kulandelayo:

Cinga ngemiphumo. Zibuze, ‘Kunokwenzeka ntoni ukuba ndiyanikezela kwingcinezelo ndize ndibhaqwe? Baza kucinga ntoni abazali bam ngam? Ndiza kucinga ntoni ngam?’—Umgaqo weBhayibhile: Galati 6:7.

“Abazali bam bandibuza imibuzo efana nothi, ‘Ukuba unokunikezela, kungenzeka ntoni kuwe?’ Bandinceda ndibone indlela ingcinezelo yoontanga enokundikhokelela ngayo kwikhondo elibi.”—UOlivia.

Kumele oko ukukholelwayo. Zibuze, ‘Kutheni ndikholelwa ukuba eli khondo liza kundenzakalisa okanye lenzakalise nabanye?’—Umgaqo weBhayibhile: Hebhere 5:14.

“Xa ndandiselula, ndandisala okanye ndinikele nje impendulo emfutshane, kodwa ngoku ndiyakwazi ukuchaza isizathu esivakalayo sokuba kutheni ndiza kukwenza oko okanye ndingazokukwenza. Ndiyazimela iinkolelo zam eziphathelele okuhle nokubi. Andibavumeli abanye ukuba bandiphendulele—oko ndikwenza ngokwam.”—UAnita.

Cinga ngobuntu bakho. Zibuze, ‘Ndifuna ukuba ngumntu onjani?’ Emva koko, cinga ngengcinezelo ojamelene nayo uze uzibuze, ‘Ebeya kwenza ntoni lo mntu ukuba ebekwimeko efanayo?’—Umgaqo weBhayibhile: 2 Korinte 13:5.

“Ndanelisekile ngumntu endinguye, ngoko ke, andiyihoyanga kangako into abayicingayo abanye ngam. Ngaphezu koko, baninzi abantu abakuthandayo ukuba kunye nam.”—UAlicia.

Cinga ngekamva. Ukuba usesesikolweni, kwiminyaka engephi—okanye kwiinyanga—aba bantu uzama ukubakholisa basenokungabikho ebomini bakho.

“Ndajonga enye yeefoto zasesikolweni, yaye andizange ndibakhumbule abanye babantwana endandifunda nabo. Kodwa xa ndandifunda nabo, oko babekuthetha kwakubaluleke ngakumbi kunezinto endizikholelwayo. Yayibubudenge ngokwenene obo!”—UDawn, ngoku oneminyaka eyi-22.

Zilungiselele. IBhayibhile ithi: ‘Umele ukwazi ukuphendula bonke ngabanye.’—Kolose 4:6.

“Abazali bam basinceda sicinge ngemizekelo enokusinceda nodadewethu, size siyilinganise ukuze xa sijamelene nengcinezelo ebomini, sikwazi oko simele sikwenze.”—UChristine.

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

IZIBHALO EZILUNCEDO

  • “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” —Galati 6:7.

  • ‘Abantu abaqolileyo basebenzisa amandla abo okuqonda bewaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.’—Hebhere 5:14.

  • “Hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.”—2 Korinte 13:5.

UJessica

UJESSICA

“Indlela ozijonga ngayo idlala indima ebalulekileyo xa uza kujamelana nengcinezelo yoontanga. Ukuba uzithembile, awuyi kuzixhalabisa ngoko bakucingayo abanye ngawe yaye ingcinezelo yoontanga iba yinto engabalulekanga.”

UKayley

UKAYLEY

“Ukuba uzijongela phantsi, usenokuzenza wamkeleke kwabanye ukuze uzive kamnandi. Kodwa ukuba uzithembile ngokwenene, kulula ukuyiqonda oko ikuko ingcinezelo yoontanga uze emva koko ungayihoyi.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share