Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokuyixhathisa Njani Ingcinezelo Yoontanga?
“Ingcinezelo yoontanga ikho kuyo yonk’ indawo.”—UJesse, oneminyaka eli-16 ubudala.
“Eyona nto kwakunzima ukujamelana nayo ngoxa ndandikhula yayiyingcinezelo yoontanga esikolweni.”—UJohnathan, oneminyaka engama-21 ubudala.
INGCINEZELO YOONTANGA inamandla ngeyona ndlela. Kodwa ngokuqinisekileyo unako ukuyixhathisa. Eneneni unokukwazi ukumelana nayo uze ukhethe izinto ezakhayo koontanga bakho. Unokukwenza njani oko?
Kwinqaku elandulelayo kolu ngcelele lwamanqaku, siye saxubusha ngenyathelo lokuqala elibalulekileyo: Ukukwazi ukubona impembelelo abanayo oontanga bakho kuwe nendlela ekuchaphazela ngayo.a Ngawaphi amanye amanyathelo onokuwathabatha? Ulwalathiso oluluncedo unokulufumana kwiLizwi likaThixo. IMizekeliso 24:5 ithi: “Umntu wokwazi uqinisa amandla.” Luluphi ulwazi olunokukuqinisa amandla ukwazi ukumelana nengcinezelo yoontanga? Ngaphambi kokuba siphendule loo mbuzo, masiqale sixubushe ngengxaki enokubangela ukuba ungakwazi ukumelana nengcinezelo yoontanga.
Ukungazithembi Ngokwaneleyo Kuyingozi
Ingcinezelo yoontanga idla ngokuba yeyona ngxaki kubantu abaselula abangamaNgqina kaYehova kuba kufuneka baxubushe nabanye ngezinto abazikholelwayo. (Mateyu 28:19, 20) Ngaba maxa wambi ukufumanisa kunzima ukuncokola nolunye ulutsha ngezinto ozikholelwayo? Asinguwe wedwa onale ngxaki. UMelanie oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Kwakunzima kakhulu ukuxelela abanye abantwana ukuba ndiliNgqina.” Walek’ umsundulo ngelithi: “Ndandisithi sele ndisiqwebile isibindi sokubaxelela ukuba ndiliNgqina, ndiphinde ndingenwe yintaka.” Kubonakala ngathi ingcinezelo yoontanga yambangela akakwazi ukuxubusha nabo ngezinto azikholelwayo.
IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba kwanamadoda namabhinqa awayenokholo ayesiba mathidala ukuthetha nabantu ngoThixo. Ngokomzekelo, uYeremiya oselula wayesazi ukuba uza kugculelwa aze atshutshiswe xa ethobela umyalelo kaThixo aze athethe ngesibindi. Kwakhona uYeremiya wayengazithembanga ngokwaneleyo. Yintoni eyayibangela oko? Wathi kuThixo: “Andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.” Ngaba uThixo wavumelana noYeremiya xa esithi akakwazi kuthetha ngenxa yokuba eselula? Akunjalo. UYehova wamqinisekisa lo mprofeti wathi: “Musa ukuthi, ‘Ndiyinkwenkwe nje.’” UYehova wanika lo mfana umadolw’ anzima isabelo esibalulekileyo.—Yeremiya 1:6, 7.
Kunokuba nzima ukumelana nengcinezelo yoontanga xa singazithembanga ngokwaneleyo. Nemiphumo yophando oluye lwenziwa iyakungqina oku. Ngokomzekelo, emva phayaa ngowe-1937 uMuzafer Sherif osisazinzulu wenza olu vavanyo. Wangenisa abantu kwigumbi elimnyama, wababonisa ilitha lokukhanya, waza emva koko wababuza ukuba elo litha lihambe umgama ongakanani na.
Eneneni elo litha lalingazange lishukume nokushukuma; babeqhathwa nje ngamehlo abo. Xa kubuzwa mntu ngamnye, babephendula ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Noko ke, xa babebuzwa ngokwamaqela, bacelwa ukuba baphendule ngokuvakalayo. Kwenzeka ntoni? Ngenxa yokungaqiniseki ngeempendulo zabo, babejika bathethe into ethethwa ngabanye. Njengoko babebuzwa ngokuphindaphindiweyo, baya bethetha into efanayo de ekugqibeleni “bonke kuloo maqela bavumelana.” Xa kuphinda kubuzwa mntu ngamnye, loo mntu wayephendula ngendlela iqela lakhe ebeliphendule ngayo.
Olu vavanyo lubonisa inkalo ebalulekileyo. Ukungazithembi ngokwaneleyo kubangela ukuba umntu achanabeke lula kwimpembelelo yoontanga. Oku kubangel’ umdla, akunjalo? Ngapha koko, oontanga banokuba nempembelelo nakwimibandela ebalulekileyo, kuquka imbono yabo ngeentlobano zesini ngaphambi komtshato, ukuzikhoboza ngeziyobisi nakusukelo lukabani ebomini. ‘Ukulandela isininzi’ xa sisenza izigqibo ngemibandela enjalo, kunokulonakalisa ikamva lethu. (Eksodus 23:2) Kunokwenziwa ntoni ngale ngxaki?
Ngoko, ucinga ukuba ubuya kuphendula njani kolo vavanyo ukuba ubuqinisekile ukuba elo litha alikhange lishukume? Mhlawumbi ubungayi kulandela isininzi. Ewe, kufuneka sizithembe ngokwaneleyo. Kodwa luhlobo olunjani lokuzithemba olu sithetha ngalo yaye sinokuba nalo njani?
Thembela KuYehova
Usenokuva abantu abaninzi bethetha ngokuzithemba. Kodwa izimvo ziyabethabethana xa kusiziwa kumbandela wokuhlakulela ukuzithemba ngendlela efanelekileyo. IBhayibhile inikela eli cebiso lisengqiqweni: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako; kodwa makacinge khon’ ukuze abe nengqondo ephilileyo.” (Roma 12:3.) Le ndinyana ikwaguqulelwa ngale ndlela: “Ndithi kuye ngamnye wenu makangazigqali ngaphezu koko akuko ngokwenene, kodwa makazigqale ngomlinganiselo ofanelekileyo.”—Charles B. Williams.
“Ukuzigqala ngomlinganiselo ofanelekileyo” okanye ‘ukuzigqala oko ukuko ngokwenene’ kuya kubangela ukuba ungazithembi ngokugqithiseleyo, uziphakamise okanye uzingce. Kwelinye icala, ukuba nembono elungeleleneyo kuya kuquka ukukwazi ukusebenzisa ingqondo, ukuqiqa nokwenza izigqibo ezisengqiqweni. UMdali wakho wakupha ‘amandla engqiqo,’ yaye eso sisipho esixabisekileyo. (Roma 12:1) Ukukhumbula oko kuya kukunceda uphephe ukuvumela abanye bakwenzele izigqibo. Noko ke, kukho olunye uhlobo lokuzithemba oluya kukukhusela nangakumbi.
UKumkani uDavide waphefumlelwa ukuba abhale oku: “Ulithemba lam, Nkosi enguMongami Yehova, endithembele ngaye kususela ebutsheni.” (INdumiso 71:5) Ewe, uDavide wayethembele ngokupheleleyo kuYise osezulwini, yaye waqalisa ukuthembela kuye esemtsha. ‘Wayeseyinkwenkwe’—mhlawumbi ekwishumi elivisayo—xa ingxilimbela engumFilisti uGoliyati yacel’ umngeni naliphi na ijoni lakwaSirayeli ukuba lilwe nayo. Amajoni angenwa yintaka. (1 Samuweli 17:11, 33) Mhlawumbi aphembelelana ngendlela engakhiyo. Ngokuqinisekileyo athetha ngendlela ebonisa ukuba ayamoyika uGoliyati owayeyingxilimbela aza athi nabani na onokuvuma ukulwa naloo ndoda ushiywa ziingqondo. UDavide akazange aphenjelelwe ngawo. Yintoni eyayibangela oko?
Phawula amazwi kaDavide awawathetha kuGoliyati: “Uza kum unekrele nomkhonto nentshuntshe, kodwa mna ndiza kuwe ngegama likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zedabi zakwaSirayeli, omngcikivileyo.” (1 Samuweli 17:45) UDavide wayebubona ubukhulu, amandla nobuchule bokulwa bukaGoliyati. Kodwa kukho nto ithile awayeyazi, awayeqiniseke ngayo ngokupheleleyo. Wayesazi ukuba uGoliyati akayonto xa ethelekiswa noYehova uThixo. Ukuba uYehova wayemxhasa uDavide, yintoni eyayinokubangela oyike uGoliyati? Ukuthembela kuThixo ngolo hlobo kwamenza uDavide waziva ekhuselekile. Ingcinezelo yoontanga yayingayi kumenza oyike.
Ngaba nawe unentembelo enjalo kuYehova? Usenjengokuba wayenjalo ngexesha likaDavide. (Malaki 3:6; Yakobi 1:17) Okukhona ufunda ngaye, kokukhona uya kuzithemba izinto akuxelela zona kwiLizwi lakhe. (Yohane 17:17) Uya kufunda ngemilinganiselo yakhe engaguquguqukiyo nenokuthenjwa eya kukunceda ukwazi ukuxhathisa ingcinezelo yoontanga. Ukongezelela ekuthembeleni ngoYehova, kukho enye into onokuyenza.
Khetha Abacebisi Abafanelekileyo
ILizwi likaThixo ligxininisa ukubaluleka kokufuna amacebiso asengqiqweni. “Umntu onokuqonda ngulowo uzuza ulwalathiso lobuchule,” itsho njalo iMizekeliso 1:5. Unokufumana ulwalathiso kubazali bakho abanenkathalo ngawe. UIndira ukuqonda kakuhle oku. Uthi: “Abazali bam babesoloko besebenzisa iZibhalo xa bendiluleka ngoko benza uYehova wangumntu wokwenene kum yaye nangoku ndikwindlela yenyaniso.” Luninzi ulutsha oluvakalelwa ngaloo ndlela.
Ukuba ukwibandla lamaKristu unokufumana abantu abafanelekileyo abanokukuxhasa—abaveleli abamiselweyo okanye abadala kunye namanye amaKristu aqolileyo. UNadia oselula uthi: “Ndandibahlonela ngokwenene abadala bebandla endandikulo. Ndikhumbula intetho eyanikelwa ngumveleli owongamelayo eyayilungiselelwe ulutsha. Emva kwezo ntlanganiso, mna nomhlobo wam sasinemincili kuba wathetha ngengxaki esasijamelene nayo.”
Enye into enokukunceda uxhathise impembelelo yoontanga kukukhetha izinto ezakhayo kubo. Ukuba ubakhetha ngobulumko abahlobo bakho, banokukunceda uzibekele usukelo oluhle ebomini uze uphile ngemilinganiselo efanelekileyo. Yintoni enokukunceda ubakhethe kakuhle abahlobo? Umele usoloko ukhumbula eli cebiso: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) UNadia wayebakhetha ngobulumko abahlobo esikolweni—wayekhetha abantu abakholelwa kwizinto azikholelwayo abaphila ngemilinganiselo efanayo neyakhe. Uthi: “Xa esikolweni amakhwenkwe ayesiza ‘kuthetha’ nathi, sasidla ngokucebisana.” Abahlobo abalungileyo banokusinceda sibonakalise ezona mpawu zithandekayo. Ngokwenene akuyonkcitha-xesha ukubafuna.
Ngoko unokuqiniseka ukuba, xa uthembele kuYehova, ufuna ulwalathiso kumaKristu aqolileyo yaye ubakhetha ngobulumko abahlobo bakho, unako ukuyixhathisa ingcinezelo yoontanga. Eneneni, nawe unokuba nempembelelo entle kubahlobo bakho yaye ngaloo ndlela ninokuqhubeka nihamba kwindlela esa ebomini.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ingcinezelo Yoontanga—Ngaba Inempembelelo Enamandla?” kwinkupho kaVukani! kaDisemba 8, 2002.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 16]
Funa abahlobo abalungileyo, abamthandayo uThixo nabaphila ngemilinganiselo yakhe njengawe
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
“Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”—1 Korinte 15:33
“Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko.”—IMizekeliso 13:20