IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g16 No. 4 iphe. 3
  • Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle
  • Vukani!—2016
  • Amanqaku Afanayo
  • Vumela Imikhwa Elungileyo Ibe Yingenelo Kuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Intshayelelo
    Vukani!—2016
  • Ukuthintela Ukubuya Kwemikhwa Emibi
    Vukani!—1991
  • Ngaba Imikhwa Emibi Inokoyiswa?
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
Vukani!—2016
g16 No. 4 iphe. 3
Ibhinqa libukele iTV yaye litya ukutya okungenasondlo

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle

  • Ialam

    KUKHALA ialam uAustin esabawela ukulala. Kodwa uvuka ngokukhawuleza anxibe iimpahla zokujima ebesele ezilungise kwangezolo aze aye kubaleka—njengoko ebeqhele ukwenza njalo kathathu ngeveki kulo nyaka uphelileyo.

  • Iilekese ezininzi

    ULaurie ugqib’ oxabana nomyeni wakhe. Enomsindo yaye edikiwe, ugqwashula aye ekhitshini akhuphe iitshokolethi aze azitye zonke—njengoko eqhele ukwenza ngolo hlobo xa ecaphukile.

Yintoni abafana ngayo uAustin noLaurie? Enoba bayayiqonda okanye akunjalo, bobabini baphenjelelwa ngumoya onamandla—umkhwa.

Kuthekani ngawe? Ngaba kukho imikhwa elungileyo ofuna ukuba nayo? Mhlawumbi ufuna ukujima qho, ukulala ngokwaneleyo okanye ukunxulumana ngakumbi nabo ubathandayo.

Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba ufuna ukwahlukana nento embi okanye engathandekiyo oyiqhelileyo, njengokutshaya, ukutya kakhulu izinto ezingekho sempilweni okanye ukuhlala ixesha elide ukwi-intanethi.

Inyani kukuba kunzima ukwahlukana nento embi osele uyiqhelile. Kuthiwa into embi osele uyiqhelile ifana neengubo ezishushu ngemini eqhaqhazelis’ amazinyo: kulula ukungena kuzo kodwa kunzima ukuphuma!

Ngoko yintoni onokuyenza ukuze izinto esele zisegazini zive ngawe kunokuba wena uve ngazo? Khawujonge la macebiso mathathu asuka kwimigaqo eseBhayibhileni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share