Intshayelelo
Namhlanje, abantu abaninzi baxakeke kakhulu kangangokuba ubuhlobo babo nabanye abantu kunye neentsapho zisengxakini.
Sinokulisebenzisa kakuhle njani ixesha?
Enye indoda esisilumko yathi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 4:6.
Lo “Vukani!” unamacebiso amahle endlela esinokulisebenzisa kakuhle ngayo ixesha, njengokuqala ngezinto ezibalulekileyo.