IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/14 iphe. 6-9
  • Indlela Yokusebenzisa Ixesha Lakho Ngobulumko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokusebenzisa Ixesha Lakho Ngobulumko
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Icebiso 1: Lungiselela Kwangethuba
  • Icebiso 2: Zilumkele Izinto Ezikutyela Ixesha
  • Icebiso 3: Yenza Izinto Ngexesha Lazo Nokwaziyo Ukuziphumeza
  • Icebiso 4: Zazi Izinto Ezibalulekileyo Kuwe
  • Zuza Ngokuhlakulela Imilinganiselo Yokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ngaba Uzixakekise Ngezinto Ezininzi?
    Vukani!—2017
  • Intshayelelo
    Vukani!—2017
  • Ndingalisebenzisa Kakuhle Njani Ixesha Lam?
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 2/14 iphe. 6-9
A man preparing a to-do list

INQAKU ELINGUMXHOLO

Indlela Yokusebenzisa Ixesha Lakho Ngobulumko

“Ukuba ixesha belivuma!” Kukangaphi usitsho? Sonke ixesha liyasishiya, kuba enoba unemali okanye ulihlwempu, ixesha alikho. Ngaphezu koko, asinakukwazi ukulandisa ixesha enoba sinemali okanye asinayo. Xa lihambile, lihambe umphelo. ngoko ke, kububulumko ukulisebenzisa kakuhle ixesha esinalo. Njani? Nanga amacebiso amane aye anceda abantu abaninzi bakwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha labo.

Icebiso 1: Lungiselela Kwangethuba

Zazi izinto eziza kuqala. Icebiso leBhayibhile lithi: ‘Qiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Bhala izinto oza kuzenza, izinto ezibalulekileyo okanye ezingxamisekileyo, ukhumbule ukuba izinto ezibonakala zibalulekile, njengokupheka, akuthethi kuthi zingxamisekile. Ibe noko kubonakala kungxamisekile, njengokubukela inkqubo oyithandayo ye-TV, akuthethi kuthi kubalulekile.a

Ceba kwangaphambili. INtshumayeli 10:10 ithi: “Ukuba isixhobo sentsimbi [okanye izembe] siba buthuntu yaye uthile akalulolanga uhlangothi lwaso, ngoko uya kuwabhokoxa amandla akhe. Ngoko ubulumko obusetyenziselwa impumelelo buyingenelo.” Lilonke, lola izembe lakho, nto leyo ethetha ukuba umele ucebe kwangaphambili ukuze ulisebenzise kakuhle ixesha lakho. Izinto ezingenamsebenzi nezinokutya ixesha usenokuziyeka okanye uzenze ngelinye ixesha. Ukuba ufumanisa ukuba unexesha elisashiyekileyo emva komsebenzi obuwenza, lisebenzise kwenye into obuza kuyenza kamva. Xa uceba kwangaphambili, utsho ukwazi ukwenza izinto ezininzi, njengendoda elumkileyo eye yalola izembe layo kwangaphambili.

Phila ubomi obulula. Ziyeke izinto ezingabalulekanga ezinokuchitha ixesha lakho. Ukwenza izinto ezininzi kunokukwenza udinwe uze ungonwabi.

Icebiso 2: Zilumkele Izinto Ezikutyela Ixesha

A man working

Ukubekel’ amangomso izinto nokungabi nazigqibo. “Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.” (INtshumayeli 11:4) Lilonke, ukuzibekela amangomso izinto kutya ixesha kwaye kwenza nomsebenzi ungahambeli phambili. Umfama onokulinda ukuba imozulu ide ibe yile nto ayifunayo, unokuphetha engalimanga. Ngokufanayo, iimeko zobomi zinokubangela ukuba sibe ngabantu abangakwaziyo ukwenza izigqibo. Okanye sicinge ukuba simele kuqala sibe nalo lonke ulwazi neenkcukacha ngaphambi kokuba senze into ethile. Kakade ke, xa siza kwenza izigqibo ezibalulekileyo kufuneka senze uphando size sicinge kakuhle ngoko. IMizekeliso 14:15 ithi: “Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Inyaniso yeyokuba, xa sisenza izigqibo kuya kusoloko kukho izinto esingaqinisekanga ngazo.—INtshumayeli 11:6.

Ukusoloko ufuna izinto zihambe kakuhle kuphela. UYakobi 3:17 uthi: ‘Ubulumko obuvela kuThixo bunengqiqo.’ Kakade ke, intle into yokuba nomnqweno wokwenza izinto kakuhle! Kodwa ngamanye amaxesha sisenokuqiniseka kakhulu ngento esiyenzayo size sidane xa ingenzekanga ngendlela ebesifuna ngayo. Ngokomzekelo, xa ufunda olunye ulwimi umele uyilindele into yokuba ungabhuda, ibe unokufunda kwezo mpazamo. Kodwa umntu olindele ukuba izinto zihambe kakuhle ngalo lonke ixesha, unokucaphuka xa ebhuda ibe loo nto inokumenza angade alwazi olo lwimi. Ngoko ke, kufuneka sithozame xa sisenza izinto. IMizekeliso 11:2 ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” Abantu abathozamileyo behlisa umoya ibe bayazihleka xa bephazama.

Icebiso 3: Yenza Izinto Ngexesha Lazo Nokwaziyo Ukuziphumeza

A father and son working on a project together

Yiba nexesha lokusebenza nelokuzonwabisa. “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Abantu abasebenza ngokugqith’ emgceni badla ngokungayiboni imiphumo ‘yomsebenzi wabo onzima.’ Abanaxesha yaye basoloko bediniwe. Ukanti amavila wona akhetha ‘ukuzalisa izandla zawo zozibini’ ngokuphumla engenzi nto yaye echitha ixesha elibalulekileyo. IBhayibhile isibongoza ukuba silisebenzise kakuhle ixesha lethu: Sisebenze nzima yaye sikonwabele oko sikusebenzele nzima. Ukonwaba okunjalo ‘kusisipho sikaThixo.’—INtshumayeli 5:19.

Lala ngokwaneleyo. Umbhali weBhayibhile wathi: “Ndiya kungqengqa ndize ndilale ngoxolo.” (INdumiso 4:8) Abantu bamele balale malunga neeyure ezisibhozo ukuze umzimba uhlaziyeke. Ukulala ngokwaneleyo kubalulekile kuba kwenza ingqondo iphaphe, yaye oko kubangela nokuba ixesha ulisebenzise kakuhle. Kanti kona ukungalali ngokwaneleyo kubangela umntu enze iingozi, iimpazamo yaye akhawuleze ukucaphuka.

Ceba izinto onokukwazi ukuziphumeza. ‘Kulunge ngakumbi ukubona ngamehlo kunokusukelana nomoya.’ (INtshumayeli 6:9) Lilonke, umntu osisilumko akasukelani nomoya ngokuthi acebe izinto angenakukwazi ukuziphumeza. Yiloo nto engathatheki lula zizinto ezithengiswayo nokuthenga ngetyala. Kunoko, uyanela koko anokukwazi ukukufikelela—‘oko akubona ngamehlo.’

Icebiso 4: Zazi Izinto Ezibalulekileyo Kuwe

Kutheni ufanele uzazi? Xa uzazi izinto ezibalulekileyo ulisebenzisa ngokufanelekileyo ixesha lakho. Oko kubangela uzazi izinto eziza kuqala ebomini ibe ixesha akudlali ngalo, kunoko ulisebenzisa kakuhle ntsuku zonke. Ungazazi njani izinto ezibalulekileyo? Abantu abaninzi baye bancedwa bubulumko obuseBhayibhileni.—IMizekeliso 2:6, 7.

A family enjoying a meal together

Uthando malube yeyona nto ibalulekileyo kuwe. Xa ethetha ngothando, amaKolose 3:14 athi, “lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” Asinakukwazi ukonwaba xa singabathandi abanye, ingakumbi iintsapho zethu. Abo bathanda umsebenzi nobutyebi kunabantu, baye bangonwabi. Yiloo nto iBhayibhile iluchaza uthando njengeyona nto ibalulekileyo, kangangokuba ilukhankanya kaninzi.—1 Korinte 13:1-3; 1 Yohane 4:8.

Yiba nexesha lokufunda ngoThixo. UGeoff wayonwabile nomfazi wakhe, benabantwana ababini abathandekayo, nabahlobo, ibe wayesenza umsebenzi awuthandayo wokuqhuba iambulensi. Kodwa umsebenzi wakhe wawumenza asoloko ebona abantu abasentlungwini okanye abafileyo. Wazibuza lo mbuzo, “Yindlela ebekumele ukuba siphila ngayo le?” Ngenye imini wafunda incwadi ethetha ngeBhayibhile epapashwe ngamaNgqina kaYehova waza waphenduleka umbuzo wakhe.

UGeoff wabalisela intsapho yakhe ngoko akufundileyo, ibe nayo yaba nomdla. Le ntsapho yaqalisa ukufunda iBhayibhile eyathi yayinceda yonwaba ngakumbi yaze yakwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha layo. Kwakhona iBhayibhile iyincede le ntsapho yanethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elingenakufa nantlungu.—ISityhilelo 21:3, 4.

Ibali likaGeoff lisikhumbuza amazwi kaYesu Kristu athi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Kutheni ungakhe uchithe ixesha lakho elincinane ukuze ufunde ngoThixo? Ayikho into eyogqitha leyo, kuba iya kukunceda ulisebenzise ngobulumko ixesha lakho ubomi bakho bonke.

a Funda inqaku elithi “Iindlela Ezingama-20 Zokuzenzela Ixesha Elingakumbi” kuVukani! ka-Aprili 2010.

“Izinto asizibhatali ngemali. Sizibhatala ngexesha.”—What to Do Between Birth and Death

Indlela Abantu Abalichitha Ngayo Ixesha

  • IIYURE EZIYI-50.2

    Eli lixesha elichithwa ngumqeshwa waseKhanada emsebenzini veki nganye ngokohlolisiso olwenziwe kubantu abayi-25 000.

  • IMIZUZU EYI-242

    Eli lixesha elichithwe ngabantwana abakwiminyaka emine okanye ngaphezulu bebukele iTV, ngokohlolisiso olwenziwe eUnited Kingdom ngo-2011

  • IMIZUZU EYI-8

    Eli lixesha elichithwa ngootata baseIndiya bencokola nabantwana babo suku ngalunye. Oomama abaphangelayo bachitha imizuzu eyi-11 bencokola nabantwana babo, ukanti bona abangaphangeliyo abancokoli ngaphezu kwemizuzu eyi-30.

Lingakanani Ixesha Oza Kulichitha Kuyo?

Umbhali nogqirha wengqondo uCharles Spezzano uthi, ngaphambi kokuba uthenge into, kuhle ukuba uqale ucinge ukuba ubunokuthatha ixesha elingakanani ukuze uqokelele imali yokuyithenga, “uze ubone ukuba usafuna na ukuyithenga.”

Yeyiphi Ebalulekileyo Kuwe?

  • INTSAPHO

  • UMSEBENZI

  • IMFUNDO

  • ABAHLOBO

  • ABAHLALI

  • INKONZO

  • ULONWABO

  • IMPILO

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share