IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rs iphe. 70-iphe. 80
  • IBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile
  • Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuba Ubani Uthi—
  • Incwadi Etyhila Ulwazi NgoThixo
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Umthombo Okhethekileyo Wobulumko Obuphakamileyo
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
Khangela Okunye
Ukuqiqa NgeZibhalo
rs iphe. 70-iphe. 80

IBhayibhile

Ingcaciso: LiLizwi likaYehova uThixo alibhalele uluntu. Wasebenzisa malunga nama-40 oonobhala abangabantu kwithuba elingaphezu kweenkulungwane ezili-16 ukulibhala, kodwa nguThixo ngokwakhe owakwalathisa ngenkuthalo ukubhalwa kwalo ngomoya wakhe. Ngaloo ndlela liphefumlelwe nguThixo. Icandelo elikhulu lengxelo liyilwe ngamazwi okoqobo athethwe nguYehova neenkcukacha ezingeemfundiso nemisebenzi kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Kwezi sifumana inkcazelo engezinto ezifunwa nguThixo kubakhonzi bakhe naya kukwenza ukuze azalisekise injongo yakhe ezukileyo ngomhlaba. Ukuze alole uxabiso lwethu ngezi zinto, uYehova wakwalondoloza eBhayibhileni, ingxelo ebonisa into eyenzekayo xa abantu ngabanye neentlanga bemphulaphula uThixo baze basebenze ngokuvisisana nenjongo yakhe, kwanomphumo xa besenza ukuzithandela kwabo. Ngale ngxelo inokuthenjwa nengokwembali uYehova usiqhelanisa neenkqubano zakhe noluntu yaye ngaloo ndlela nobuntu bakhe obumangalisayo.

Izizathu zokuqwalasela iBhayibhile

IBhayibhile ngokwayo ithi ivela kuThixo, uMdali woluntu

2 Tim. 3:16, 17: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.”

ISityhi. 1:1: “Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya.”

2 Sam. 23:1, 2: “Utsho uDavide unyana kaYese, . . . umoya kaYehova uthetha ngam, ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.”

Isa. 22:15: “Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi.”

Besiya kusilindela isigidimi sikaThixo esiya kulo lonke uluntu sifumaneke ehlabathini lonke. IBhayibhile, iyonke okanye inxalenye yayo, iguqulelwe ngeelwimi ezinokuba li-1 800. Ukusasazwa kwayo kufikelele kumawaka ezigidi. Ithi iThe World Book Encyclopedia: “IBhayibhile yeyona ncwadi ifundwa ngokubanzi embalini. Mhlawumbi yeyona inempembelelo. Kusasazwe imibhalo emininzi yeBhayibhile ngaphezu kwayo nayiphi na incwadi eyiyenye. Ikwaguqulelwe izihlandlo ezininzi ngeelwimi ezininzi ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi.”—(1984), Umqu. 2, iphe. 219.

Isiprofeto seBhayibhile sicacisa intsingiselo yeemeko zehlabathi

Iinkokeli ezininzi zehlabathi ziyalivuma elokuba uluntu lusemgubasini wentlekele. IBhayibhile yazixela kusengaphambili kude kudala ezi meko; icacisa intsingiselo yazo noko kuya kuba ngumphumo. (2 Tim. 3:1-5; Luka 21:25-31) Isixelela ngento emasiyenze ukuze sisinde kwintlekele esondelayo yehlabathi, nethemba lokuzuza ubomi obungunaphakade phantsi kweemeko zobulungisa nezonwabisayo apha emhlabeni.—Zef. 2:3; Yoh. 17:3; INdu. 37:10, 11, 29.

IBhayibhile isinceda siqonde injongo yobomi

Iphendula imibuzo enjengale: Babuvelaphi ubomi? (Ize. 17:24-26) Kungani silapha? Ngaba kukuba nje sidle ubomi iminyaka embalwa, sifumane esingakufumanayo ebomini, sandule ke sife?—Gen. 1:27, 28; Roma 5:12; Yoh. 17:3; INdu. 37:11; INdu. 40:8.

IBhayibhile isibonisa indlela esinokuba nazo ngayo izinto kanye abathandi bobulungisa abazinqwenela gqitha.

Isixelela ngendawo esinokufumana kuyo izinxulumani ezihle ezithandana ngokwenene (Yoh. 13:35), into enokusiqinisekisa ukuba siya kuba nokutya okwanele thina neentsapho zethu (Mat. 6:31-33; IMize. 19:15; Efe. 4:28), indlela esinokonwaba ngayo phezu kwazo nje iimeko ezinzima ezisijikelezileyo.—INdu. 1:1, 2; 34:8; Luka 11:28; Ize. 20:35.

Icacisa ukuba uBukumkani bukaThixo, urhulumente wakhe, buya kushenxisa inkqubo engendawo ekhoyo (Dan. 2:44), yaye phantsi kolawulo lwabo siya kukwazi ukunandipha impilo efezekileyo nobomi obungunaphakade.—ISityhi. 21:3, 4; thelekisa uIsaya 33:24.

Ngokuqinisekileyo incwadi ethi ivela kuThixo, ecacisa intsingiselo yeemeko zehlabathi kwanenjongo yobomi, nebonisa indlela eziya kuconjululwa ngayo iingxaki zethu ikufanelekele ukuqwalaselwa.

Ubungqina bokuphefumlelwa

Izaliswe ziziprofeto ezibonisa ulwazi olungokweenkcukacha ngexesha elizayo—into engenakwenzeka kuluntu

2 Pet. 1:20, 21: “Sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombulela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.”

◼ Isiprofeto: Isa. 44:24, 27, 28; 45:1-4: “UYehova, . . . uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho; uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe. Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulule amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa: ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezinamaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi; . . . Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho.” (Umbhalo kaIsaya owagqitywa malunga nowama-732 B.C.E.)

◻ Inzaliseko: UKoreshi wayengekazalwa xa esi siprofeto sabhalwayo. AmaYuda akazange asiwe ekuthinjweni eBhabhiloni de kwangunyaka wama-617-607 B.C.E. ibe iYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E. Isiprofeto sazalisekiswa ngokweenkcukacha ukususela ngowama-539 B.C.E. UKoreshi wajika amanzi oMlambo umEfrati aba lichibi elenziwe ngumntu, amasango omlambo aseBhabhiloni ngokungakhathali ayeshiywe evulekile ebudeni bomsitho owawusesixekweni, yaye iBhabhiloni yawela kumaMedi namaPersi phantsi koKoreshi. Emva koko, uKoreshi wakhulula abathinjwa abangamaYuda waza wababuyisela eYerusalem benemiyalelo yokubuya bayakhe itempile kaYehova apho.—The Encyclopedia Americana (1956), Umqu. III, iphe. 9; Light From the Ancient Past (Princeton, 1959), nguJack Finegan, iphe. 227-229; “All Scripture Is Inspired of God and Beneficial” (New York, 1983), iphe. 282, 284, 295.

◼ Isiprofeto: Yer. 49:17, 18: “Uya kuba ngummangaliso uEdom; bonke abadlula kuye baya kumangaliswa, benze umsondlo, ngenxa yokubethwa kwakhe konke. Njengoko kwaba njalo ekubhukuqekeni kweSodom neGomora nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala mntu khona.” (Amazwi awabhalwa nguYeremiya angaweziprofeto agqitywa ngowama-580 B.C.E.)

◻ Inzaliseko: “Agxothwa [amaEdom] ePalestina ngenkulungwane yesi-2 B.C. nguJudas Maccabæus, yaye ngowe-109 B.C. uJohn Hyrcanus, inkokeli yeeMaccabæan, yabunabisa ubukumkani bakwaYuda ukuze buhlanganise necandelo elisentshona lemihlaba yamaEdom. Ngenkulungwane yoku-1 B.C. ukwanda kwamaRoma kwaginya nentlenge yokugqibela yozimele geqe wamaEdom . . . Emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaRoma ngowama-70 A.D. . . . igama elithi Idumæa [Edom] lathi shwaka embalini.” (The New Funk & Wagnalls Encyclopedia, 1952, Umqu. 11, iphe. 4114) Phawula ukuba inzaliseko ifikelela nakowethu umhla. Esi siprofeto asinakuphikiswa nangayiphi na indlela ngokuthi sabhalwa emva kokwenzeka kweziganeko.

◼ Isiprofeto: Luka 19:41-44; 21:20, 21: “Wawubona [uYesu Kristu] umzi [waseYerusalem], wawulilela, esithi, . . . Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga [lwezibonda ezineencam ezitsolo, NW], zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.” Kwiintsuku ezimbini kamva, waluleka abafundi bakhe esithi: “Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke.” (Esi siprofeto sathethwa nguYesu Kristu ngowama-33 C.E.)

◻ Inzaliseko: IYerusalem yavukela iRoma kwaye, ngowama-66 C.E., umkhosi wamaRoma phantsi kukaCestius Gallus wahlasela esi sixeko. Kodwa, njengoko umbhali-mbali ongumYuda uJosephus exela, umthetheli-mkhosi womRoma “wawarhoxisa ngequbuliso amadoda akhe, ephelelwe lithemba nangona wayengahlaselwanga nje, yaye enduluka kungekho nasinye isizathu wasishiya isiXeko.” (Josephus, the Jewish War, Penguin Classics, 1969, iphe. 167) Oku kwanika amaKristu ithuba lokusaba esixekweni, nto leyo awathi ayenza, ebalekela ePella, ngaphesheya kweYordan, ngokutsho kukaEusebius Pamphilus kwiEcclesiastical History yakhe. (Eyaguqulelwa nguC. F. Crusé, London, 1894, iphe. 75) Ngoko malunga nexesha lePasika yonyaka wama-70 C.E. uNjengele uTitus wasingqinga isixeko, esibiyela ngezibonda eziziikhilomitha ezisi-7,2 ubude ngeentsuku nje ezintathu yaye, emva kweenyanga ezintlanu, iYerusalem yawa. “IYerusalem yatshatyalaliswa ngokucwangcisiweyo yaye iTempile yasala ingamabhodlo. Umsebenzi wabembi bezinto zamandulo namhlanje usibonisa indlela nje eyaba nempumelelo ngayo intshabalaliso yezakhiwo zamaYuda elizweni liphela.”—The Bible and Archaeology (Grand Rapids, Mich.; 1962), nguJ. A. Thompson, iphe. 299.

Okuqulethwe yiyo kunengqiqo ngokwenzululwazi kwimicimbi abaphengululi abangabantu abayifumanise kuphela nje kwimihla yamva

Imvelaphi Yommandla Wendalo: Gen. 1:1: “Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.” Ngowe-1978, isazi ngeenkwenkwezi uRobert Jastrow wabhala oku: “Ngoku siyayibona indlela ubungqina besazi ngeenkwenkwezi obukhokela ngayo kwimbono engokweBhayibhile engemvelaphi yehlabathi. Iinkcukacha azifani, kodwa izinto eziyimfuneko kwiingxelo zezazi ngeenkwenkwezi nezeBhayibhile ezingeGenesis ziyafana: ulandelelwano lweziganeko olukhokelela emntwini lwaqalisa ngequbuliso yaye ngokuthe ngqo ngexesha elithile, luqalisa ngokukhawulezileyo.”—God and the Astronomers (New York, 1978), iphe. 14.

Ukumila Komhlaba: Isa. 40:22: “Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi.” Kumaxesha akudala kwakukho uluvo oluqhelekileyo lokuba umhlaba wawuthe tyaba. Kuphela kwaba semva kweminyaka engaphezu kwama-200 le ndinyana yeBhayibhile ibhaliwe elathi iqela lezithandi zobulumko zamaGrike laqiqa ngelokuba kunokwenzeka ukuba umhlaba ungqukuva, yaye malunga neminye iminyaka engama-300 isazi ngeenkwenkwezi esingumGrike sabala siqikelela ubungakanani bommandla womhlaba. Kodwa ingcamango yokuba umhlaba ungqukuva yayingeyombono yomntu wonke kwanangoko. Kuphela kukwinkulungwane yama-20 ekuye kwenzeka ngabantu ukuba bathabathe uhambo ngeenqwelo-moya, yaye kamva baye emajukujukwini nasenyangeni, nto leyo ebanike imbono ecacileyo ‘engesazinge’ solundi lomhlaba.

Ubomi Bezilwanyana: Lev. 11:6: “Nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso.” Nangona oku kwakukudala kuhlaselwa ngabagxeki abathile, ukwetyisa komvundla ekugqibeleni kwabonwa liNgesi uWilliam Cowper ngenkulungwane ye-18. Indlela engaqhelekanga okwenziwa ngayo oku yachazwa ngowe-1940 kwiProceedings of the Zoological Society of London, Umqu. 110, Ungcelele A, iphe. 159-163.

Ukuvisisana kwayo ngaphakathi kuyaphawuleka

Oku kunjalo ngokukodwa ngenxa yesibakala sokuba iincwadi zeBhayibhile zabhalwa ngamadoda anokuba ngama-40 awahlukahlukeneyo njengokumkani, umprofeti, umalusi, umbuthi werhafu, nogqirha. Ukubhala kwawo kwathabatha ithuba elingaphezu kwe-1 610 leminyaka; ke lalingekho ithuba lokuvumelana ngenkohliso. Kanti imibhalo yabo iyavisisana kwanangezona nkcukacha zincinane. Ukuze uwuqonde umkhamo iinxalenye ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile ezinxibelelene ngemvisiswano ngayo, umele uyifunde uze uyifundisise ngokobuqu.

Sinokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile ayiguqulwanga?

“Kwiqela leeMSS. [imibhalo-ngqangi] zakudala ezingqinela umbhalo, yaye kwiqela leminyaka edluleyo ephakathi kweyantlandlolo neeMSS. ezinikela ubungqina, iBhayibhile ihamba phambili ngendlela engenakuthandatyuzwa ngaphezu kwemibhalo esemgangathweni [enjengaleyo kaHomer, uPlato nabanye]. . . . Zizonke iiMSS. ezisemgangathweni ziliqaqobana nje xa zithelekiswa nezeBhayibhile. Akukho ncwadi yakudala ingqinelwe ngaphezulu kuneBhayibhile.”—The Bible From the Beginning (New York, 1929), nguP. Marion Simms, iphe. 74, 76.

Ingxelo eyapapashwa ngowe-1971 ibonisa ukuba kukho imibhalo ebhalwe ngesandla esenokuba ngama-6 000 equlethe iZibhalo zesiHebhere ziphela okanye inxalenye yazo; eyona midala yeyenkulungwane yesithathu B.C.E. KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, kukho emalunga nama-5 000 ngesiGrike, eyona midala iyeyasekuqalekeni kwenkulungwane yesibini C.E. Kukwakho nemibhalo emininzi yeenguqulelo zantlandlolo zezinye iilwimi.

Kwintshayelelo yemiqulu yakhe esixhenxe kwiThe Chester Beatty Biblical Papyri, uMhlekazi Frederic Kenyon wabhala oku: “Isigqibo sokuqala nesona sibalulekileyo esifunyanwa ekuhlolweni kwazo [iipapyri] sesanelisayo sokuba ziyavumelana nokuvakala okuyimfuneko kwezibhalo ezikhoyo. Akukho kungafani kubalaseleyo okanye kusisiseko kuboniswe kwiTestamente Endala okanye Entsha. Akukho zicatshulwa zibalulekileyo zithe zashiywa okanye ezihlonyelweyo, kungekho namahluko uchaphazela izibakala okanye iimfundiso ezibalulekileyo. Umahluko kwizibhalo uchaphazela imicimbi emincinane, enjengokulungelelana kwamagama okanye ukusetyenziswa kwamagama achanileyo . . . Kodwa imbaluleka yazo ebalaseleyo kukuqinisekisa kwazo, ukuchana kwezibhalo zethu ezikhoyo, ngobungqina bexesha obabubudala ngakumbi kunobabukho kude kube ngoko.”—(London, 1933), iphe. 15.

Liyinyaniso elokuba zimbi iinguqulelo zeBhayibhile zinamathela ngokusondele ngakumbi kwinto eyayikwiilwimi zantlandlolo kunokuba zisenjenjalo ezinye. IiBhayibhile zezi mini ezishwankathelayo maxa wambi ziye zayijika yangendlela ezithanda ngayo intsingiselo yantlandlolo. Bambi abaguquleli bavumele iinkolelo zobuqu zahombisa iinguqulelo zabo. Kodwa obu buthathaka bunokubonwa ngokuthelekisa iinguqulelo ezahlukahlukeneyo.

Ukuba Ubani Uthi—

‘Andiyikholelwa iBhayibhile’

Usenokuphendula uthi: ‘Kodwa uyakholwa ukuba kukho uThixo, andibi kunjalo? . . . Ndingakhe ndikubuze na ukuba yintoni eseBhayibhileni oyifumanisa kunzima ukuyamkela?’

Okanye unokuthi: ‘Makhe ndibuze, Ngaba ubusoloko uvakalelwa ngaloo ndlela? . . . Ndikhe ndabeva abanye besitsho oko, nakubeni bengakhange bayifundisise ngokucokisekileyo iBhayibhile. Kodwa ekubeni iBhayibhile ngokucacileyo isithi isisigidimi esivela kuThixo nokuba yena usinika ubomi obungunaphakade ukuba siyakholwa yaye siphila ngokuvisisana nekutshoyo, akuvumi na ukuba bekuya kufaneleka ubuncinane ukuyihlolisisa ukufumanisa enoba amabango ayo ayinyaniso okanye akanjalo kusini na? (Sebenzisa umbandela okwiphepha 72-75.)’

‘IBhayibhile iyaziphikisa’

Usenokuphendula uthi: ‘Ndikhe ndabeva abanye abantu besitsho kum, kodwa akukho namnye okwazileyo ukundibonisa okuyinto eziphikisayo ngokwenene. Yaye ekuzifundeleni kwam iBhayibhile andikaboni nto iziphikisayo. Ubungakhe undinike umzekelo?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: ‘Endiye ndakufumana kukuba abantu abaninzi basuka nje bangazifumani iimpendulo emibuzweni iBhayibhile ebenza bacinge ngayo. Ngokomzekelo, uKayin wamfumana phi umfazi? (Sebenzisa umbandela okwiphepha 434, 435.)’

‘IBhayibhile yabhalwa ngabantu’

Usenokuphendula uthi: ‘Yinyaniso leyo. Malunga nama-40 abo aba nenxaxheba kuyo. Kodwa yayiphefumlelwe nguThixo.’ Usenokongeza uthi: (1) ‘Ithetha ukuthini loo nto? Ithetha ukuba uThixo walathisa ukubhalwa, kanye njengokuba usomashishini esebenzisa unobhala ukumbhalela iileta.’ (2) ‘Ingcamango yokufumana izigidimi kuthile osemajukujukwini ayifanele isikhwankqise. Kwanabantu bathumele izigidimi nemifanekiso zivela enyangeni. Bakwenze njani oku? Ngokusebenzisa imithetho eyavela kuThixo ngokwakhe kudala-dala.’ (3) ‘Kodwa sinokuqiniseka njani ukuba okuqulethwe yiBhayibhile ngenene kuvela kuThixo? Iqulethe inkcazelo ekwakungenakwenzeka ukuba ibe ivela kumthombo ongumntu. Yeluhlobo luni? Ziinkcukacha ezingekamva; yaye ezi bezisoloko zingqineka zichanile ngokupheleleyo. (Ngokomzekelo, bona iphepha 72-74, kwanephepha 135-141, phantsi komxholo othi “ImiHla Yokugqibela.”)’

‘Wonke ubani utolika iBhayibhile ngendlela athanda ngayo’

Usenokuphendula uthi: ‘Ibe licacile elokuba abachananga xa bebonke.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Ukujija iZibhalo zifanele ezethu iingcamango kunokuphumela kwingozi ehlala ihleli. (2 Pet. 3:15, 16)’ (2) ‘Zimbini izinto ezinokusinceda siyiqonde ngokuchanileyo iBhayibhile. Eyokuqala, qwalasela umongo (iindinyana ezingqonge leyo) wayo nayiphi na inkcazelo. Okulandelayo, thelekisa izibhalo nezinye iinkcazelo eziseBhayibhileni ezithetha kwangombandela omnye. Ngaloo ndlela sivumela elikaThixo iLizwi likhokele ukucinga kwethu, yaye ukulitolika asikokwethu kodwa kokwakhe. Leyo yindlela esetyenziswa ziimpapasho zeWatch Tower.’ (Bona iphepha 236, 237, phantsi komxholo othi “AmaNgqina kaYehova.”)

‘Ayisebenziseki kumhla wethu’

Usenokuphendula uthi: ‘Yaye thina sinomdla kwizinto ezisebenzisekayo kuthi namhlanje, andibi kunjalo?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Ubungayi kuvuma na ukuba ukuphelisa iimfazwe bekuya kuba yinto efanelekileyo? . . . Akuvumi na ukuba ukuba abantu banokufunda ukuhlala kunye ngoxolo nabo bezinye iintlanga, oku bekuya kuba sisiqalo esihle? . . . IBhayibhile yaxela oko kanye ngenx’ engaphambili. (Isa. 2:2, 3) Ngenxa yemfundo engokweBhayibhile, oku kuyenzeka namhlanje kumaNgqina kaYehova.’ (2) ‘Kufuneka into engaphezulu kunoko—ukushenxiswa kwabo bonke abantu neentlanga ezibangela iimfazwe. Ngaba into enjalo iya kuze yenzeke? Ewe iya kwenzeka, yaye iBhayibhile icacisa indlela okuya kwenzeka ngayo. (Dan. 2:44; INdu. 37:10, 11)’

Okanye unokuthi: ‘Ndiyayiqonda inkxalabo yakho. Ukuba incwadi yesikhokelo ayisebenziseki, besiya kuba ziziyatha ukuba besiyisebenzisa, andibi kunjalo?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: ‘Ngaba ubuya kulivuma elokuba incwadi enikela isiluleko esiphilileyo esinokusinceda sibe nobomi bentsapho obonwabisayo iyasebenziseka? . . . Iingcamango noqheliselo olubandakanya ubomi bentsapho ziye zaguquka izihlandlo ezininzi, yaye imiphumo esiyibonayo namhla ayimihle. Kodwa abo bakwaziyo nabakusebenzisayo okuthethwa yiBhayibhile baneentsapho ezizinzileyo nezonwabileyo. (Kol. 3:12-14, 18-21)’

‘IBhayibhile iyincwadi elungileyo, kodwa ayikho into eyaziwa ngokuba iyinyaniso ngokupheleleyo’

Usenokuphendula uthi: ‘Liyinyaniso elokuba wonke umntu ubonakala enoluvo olwahlukileyo. Yaye nokuba ubani ucinga ukuba into iconjululwe, ngokufuthi ufumanisa ukuba ubuncinane kukho esinye isibakala angasiqwalaselanga. Kodwa kukho ubani ongasikelwanga mda ngolo hlobo. Inokuba ngubani yena? . . . Ewe, nguMdali wendalo iphela.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Kungoko uYesu Kristu wathi kuye: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yoh. 17:17) Loo nyaniso iseBhayibhileni. (2 Tim. 3:16, 17)’ (2) ‘UThixo akafuni ukuba sifathule ekungazini; uthe ukuthanda kwakhe kokokuba sifikelele ekuyazini ngokuchanileyo inyaniso. (1 Tim. 2:3, 4) Ngendlela eyanelisa ngokucokisekileyo iBhayibhile iyayiphendula imibuzo enjengale . . . ’ (Ukunceda abantu abathile, kuqala kusenokufuneka uxubushe ubungqina obenza umntu akholelwe kuThixo. Bona iphepha 350-356, phantsi komxholo othi “UThixo.”)

‘IBhayibhile yincwadi yomlungu’

Usenokuphendula uthi: ‘Ngokuqinisekileyo liyinyaniso elokuba bashicilele imibhalo emininzi yeBhayibhile. Kodwa iBhayibhile ayithi olunye uhlanga lubhetele kunolunye.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘IBhayibhile ivela kuMdali wethu, yaye yena akakhethi buso bamntu. (Ize. 10:34, 35)’ (2) ‘ILizwi likaThixo livulele ithuba lokuphila ngonaphakade apha emhlabeni phantsi koBukumkani bakhe kubantu bazo zonke iintlanga nezizwe. (ISityhi. 7:9, 10, 17)’

Okanye usenokuthi: ‘Akunjalo konke konke! NguMdali woluntu owayenokukhetha abantu awayenokubaphefumlela babhale iincwadi ezingama-66 zeBhayibhile. Yaye ukuba wayekhethe ukusebenzisa abantu abalusu lukhanyayo, leyo yayiyimbopheleleko yakhe. Kodwa isigidimi seBhayibhile sasingapheleliselwanga kubantu abamhlophe.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Phawula okwathethwa nguYesu . . . (Yoh. 3:16) Igama elithi “bonke” liquka abantu balo naliphi na ibala lolusu. Kwakhona, ngaphambi kokunyukela ezulwini, uYesu wathetha la mazwi okwahlukana nabafundi bakhe . . . (Mat. 28:19)’ (2) ‘Okukokomdla kukuba, IZenzo 13:1 zithetha ngomntu othile ogama linguNigere, gama elo elithetha “mnyama.” Wayengomnye wabaprofeti nabefundisi kwibandla lakwa-Antiyokwe, eSiriya.’

‘NineBhayibhile yenu’

Bona umxholo omkhulu othi “INew World Translation.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share