Isahluko 125
Intlungu Engcungcuthekisayo Emthini
ECALENI kukaYesu izihange ezibini zisendleleni eya kubulawa. Kufutshane nje nesixeko, ungcelele luyema kwindawo ekuthiwa yiGologota, okanye iNdawo Yokakayi.
Amabanjwa akhululwa iingubo zawo. Emva koko anikwa iwayini ephithikezwe ngemore. Ngokucacileyo ilungiselelwe ngamabhinqa aseYerusalem, yaye amaRoma akabaleli abo baxhonyiweyo ukuba bafumane elo thamo leyeza liphelisa iintlungu. Noko ke, xa uYesu eyingcamla, uyala ukuyisela. Ngoba? Ngokucacileyo ufuna ukuba sezingqondweni ngokupheleleyo ebudeni bolu vavanyo lulolona lukhulu lokholo lwakhe.
Ngoku uYesu ulaliswa emthini izandla zakhe zibekwe ngasentla kwentloko yakhe. Andula ke amasoldati abethelele izikhonkwane ezikhulu ezandleni zakhe nasezinyaweni zakhe. Uyazibhijabhija ngenxa yeentlungu njengoko izikhonkwane zikrazula inyama nemisipha. Xa umthi uphakanyiswa, intlungu ayinyamezeleki, kuba ubunzima bomzimba bukrazula amanxeba akwiindawo ezinezikhonkwane. Sekunjalo, kunokuba awasongele, uYesu uyawathandazela amasoldati angamaRoma esithi: “Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.”
UPilato uye wayalela ukuba kuxhonywe emthini umbhalo ofundeka ngolu hlobo: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaYuda.” Ngokucacileyo, ukubhala oku kungekuphela nje kuba emhlonela uYesu kodwa kuba ethiye ababingeleli bamaYuda ngenxa yokumnyanzelela ukuba amgwebele ukufa uYesu. Ngoko ukuze bonke bakwazi ukuwufunda loo mbhalo, uPilato uye wayalela ukuba ubhalwe ngeelwimi ezintathu—ngesiHebhere, ngesiLatini esingokwaseburhulumenteni nangesiGrike esaziwa ngokubanzi.
Ababingeleli abakhulu, kuquka uKayafa noAnas, bayakhwankqiswa. Lo mbhalo ucacileyo ulibala elibi kweli xesha labo loloyiso. Ngoko ke bachasa ngokuthi: “Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda.” Ecatshukiswa kukuba eye waba ngunopopi wababingeleli, ngendelelo yangabom uPilato uphendula athi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”
Ababingeleli, kunye nesihlwele esikhulu, bahlanganisana kwindawo ekuza kubulawelwa kuyo, yaye ababingeleli bakuvakalisa kungeyonyaniso oko kubhaliweyo. Baphinda ubungqina bobuxoki obabunikelwe ngaphambili ekuvavanyweni kwetyala kwiNtlanganiso Yamatyala. Ngoko ke, akumangalisi ukuba abadlulayo beqalisa ukuthetha kakubi, behlunguzela iintloko begculela yaye besithi: “Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla [emthini wentuthumbo, NW].”
Ababingeleli abakhulu namaqabane abo angokonqulo batsho ngesanxwe besithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaSirayeli, makehle kaloku nje [emthini wentuthumbo, NW]; sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.”
Ekuloo moya, amasoldati ayathelela ekuhlekiseni ngoYesu. Ngokugculelayo amnika uYesu iviniga, ngokucacileyo eyibambele ngasentla kwemilebe yakhe eyomileyo. Ahlekisa athi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.” Kwanezihange—esinye esixhonywe ngasekunene kukaYesu nesinye sixhonywe ngasekhohlo—ziyamgculela. Khawufan’ ucinge! Oyena mntu ubalaseleyo wakha waphila, ewe, lowo wasebenza noYehova uThixo ekudaleni zonke izinto, unyamezela konke oku kuphathwa kakubi!
Amasoldati athabatha iingubo zokwaleka zikaYesu aze azahlulahlule zibe zizabelo ezine. Enza amaqashiso ukubona ukuba ziya kuwela kubani na. Noko ke, ingubo yangaphantsi ayinamthungo, iyeyexabiso elikhulu. Ngoko amasoldati ayathethana athi: “Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na.” Ngaloo ndlela, engaqondanga, azalisekisa isibhalo esithi: “Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.”
Ekuhambeni kwexesha esinye isihange siyaqonda ukuba uYesu umele ukuba ungukumkani ngokwenene. Ngoko ke, sikhalimela iqabane laso, sithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.” Sandula ke sibhekise kuYesu, sibongoza sisithi: “Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.”
UYesu uphendula athi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, uya kuba nam eParadisi.” (NW) Eli dinga liya kuzalisekiswa xa uYesu elawula njengoKumkani ezulwini aze avusele ebomini esi sihange siguqukayo emhlabeni kwiParadisi abaya kuba nelungelo lokuyilungisa abasindi beArmagedon namaqabane abo. Mateyu 27:33-44; Marko 15:22-32; Luka 23:27, 32-43; Yohane 19:17-24.
▪ Kutheni uYesu esala ukusela iwayini ephithikezwe ngemore?
▪ Ngokucacileyo, kutheni kuxhonywe umbhalo emthini kaYesu, yaye ubangela yiphi impikiswano phakathi koPilato nababingeleli abakhulu?
▪ Kukuphi ukuphathwa kakubi okungakumbi uYesu akufumanayo emthini, yaye ngokucacileyo yintoni ekuphembelelayo?
▪ Sizalisekiswa njani isiprofeto ngoko kwenziwayo ngeengubo zikaYesu?
▪ Yiyiphi inguqulelo eyenziwa sesinye sezihange, yaye uYesu uya kusizalisekisa njani isicelo saso?