Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Intlungu Engcungcuthekisayo Emthini
ECALENI kukaYesu kukho izihange ezibini ezisendleleni eya kubulawa. Kufutshane nje nesixeko, ungcelele luyema kwindawo ekuthiwa yiGologota, okanye iNdawo Yokakayi.
La mabanjwa akhululwa iingubo zawo zokwaleka. Emva koko anikwa iwayini ephithikezwe ngemore. Ngokucacileyo ilungiselelwe ngamabhinqa aseYerusalem, yaye amaRoma awababandezi abo baxhonyiweyo elo thamo leyeza liphelisa iintlungu. Noko ke, xa uYesu eyingcamla, uyala ukuyisela. Ngoba? Ngokucacileyo ufuna ukuba sezingqondweni ngokupheleleyo ebudeni bolu vavanyo lulolona lukhulu lokholo lwakhe.
Ngoku uYesu ulaliswa emthini izandla zakhe zibekwe ngasentla kwentloko yakhe. Emva koko amasoldati abethelela izikhonkwane ezikhulu ezandleni zakhe nasezinyaweni zakhe. Uyazibhijabhija ngenxa yeentlungu njengoko izikhonkwane zingena enyameni nasemisipheni. Xa umthi uphakanyiswa, intlungu ayinyamezeleki, kuba ubunzima bomzimba bukrazula amanxeba abangelwe zizikhonkwane. Sekunjalo, kunokuba awasongele, uYesu uyawathandazela amasoldati angamaRoma esithi: “Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.”
UPilato uye waxhoma isibhengezo emthini esifundeka ngolu hlobo: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaYuda.” Ngokucacileyo, ukubhala oku kungekuphela nje kuba emhlonela uYesu kodwa kuba ethiye ababingeleli bamaYuda ngenxa yokumnyanzelela ukuba amwisele isigwebo sokufa kukaYesu. Ngoko ukuze bonke bakwazi ukusifunda eso sibhengezo, uPilato uye wayalela ukuba sibhalwe ngeelwimi ezintathu—ngesiHebhere, ngesiLatini esingokwaseburhulumenteni nangesiGrike esaziwa ngokubanzi.
Ababingeleli abakhulu, kuquka uKayafa noAnas, bayakhwankqiswa. Esi sibhengezo sicacileyo silibala elibi kwixesha labo loloyiso. Ngoko ke bachasa ngokuthi: “Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda.” Ecatshukiswa kukuba eye waba ngunopopi wababingeleli, engaqheliseli nakancinane uPilato uphendula athi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”
Ababingeleli, kunye nesihlwele esikhulu, bahlanganisana kwindawo ekuxhonywa kuyo, yaye ababingeleli bazama ukusibonisa singeyonyaniso eso sibhengezo. Baphinda ubungqina bobuxoki obabunikelwe ngaphambili ekuvavanyweni kwamatyala kwiNtlanganiso Yamatyala. Ngoko ke, akumangalisi ukuba abadlulayo baqalise ukuthetha kakubi, behlunguzel’ iintloko zabo begculela yaye besithi: “Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla [emthini wentuthumbo, NW].”
Ababingeleli abakhulu namaqabane abo angokonqulo batsho ngesanxwe besithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaSirayeli, makehle kaloku nje [emthini wentuthumbo, NW]; sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.”
Ebanjiswe kuloo moya, amasoldati nawo ayahlekisa. Egculela amnika iviniga, ngokucacileyo eyibambele ngasentla kwemilebe yakhe eyomileyo. Ayahlekisa esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.” Kwanezihange—esinye sixhonywe ngasekunene kukaYesu yaye esinye sixhonywe ngasekhohlo—ziyamgculela. Khawucinge nje ngaloo nto! Oyena mntu mkhulu wakha waphila, ewe, lowo wabelana noYehova uThixo ekudaleni zonke izinto, uva intlungu yako konke oku kuphathwa kakubi ngabom!
Amasoldati athabatha iingubo zokwaleka zikaYesu aze azahlulahlule zibe zizabelo ezine. Enza amaqashiso ukubona ukuba ziyakuwela kubani na. Noko ke, ingubo yangaphantsi ayinamthungo, iyeyexabiso elikhulu. Ngoko amasoldati ayabhunga athi: “Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na.” Ngaloo ndlela, engaqondanga, azalisekisa isibhalo esithi: “Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.”
Ekuhambeni kwexesha, esinye sezihange siyaqonda ukuba uYesu umele ukuba ungukumkani ngokwenene. Ngoko ke, sikhalimela iqabane laso, sithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.” Wandula ke abhekise kuYesu, ebongoza esithi: “Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.”
UYesu uphendula athi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, uya kuba nam eParadisi.” (NW) Eli dinga liya kuzalisekiswa xa uYesu elawula njengoKumkani ezulwini aze avusele ebomini esi sihange siguqukayo emhlabeni kwiParadisi abaya kuba nelungelo lokuyilima abasindi baseArmagedon namaqabane abo. Mateyu 27:33-44; Marko 15:22-32; Luka 23:27, 32-43; Yohane 19:17-24.
◆ Kutheni uYesu esala ukusela iwayini ephithikezwe ngemore?
◆ Kubonakala ukuba siyintoni isizathu sokuba kuxhonywe isibhengezo emthini kaYesu, yaye sibangela yiphi intetho engakumbi phakathi koPilato nababingeleli abakhulu?
◆ Kukuphi ukuphathwa kakubi okungakumbi uYesu akufumanayo emthini, yaye ngokucacileyo yintoni ekuphembelelayo?
◆ Sizalisekiswa njani isiprofeto ngoko kwenziwayo ngeengubo zikaYesu?
◆ Yiyiphi inguqulelo eyenziwa sesinye sezihange, yaye uYesu uya kusizalisekisa njani isicelo saso?