IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gf isifu. 13 iphe. 21
  • Imilingo Nobugqi Zizinto Ezimbi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imilingo Nobugqi Zizinto Ezimbi
  • Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Inyaniso Ngomlingo, Ukukhafula Nobugqwirha
    Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Uyifumene?
  • Ngaba Kukho Ingozi Ekuqheliseleni Umlingo?
    Vukani!—1993
  • Ofanele Ukwazi Ngobugqwirha
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Luchase Unqulo Lobuxoki, Unamathele Kunqulo Lokwenyaniso
    Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Uyifumene?
Khangela Okunye
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
gf isifu. 13 iphe. 21

ISIFUNDO 13

Imilingo Nobugqi Zizinto Ezimbi

Ukhakhayi lomntu, iyeza elinobugqi nabantu abenza izinto zobugqwirha

USathana ufuna ukuba uqhelisele imilingo. Abaninzi benza amadini kwizinyanya okanye kwimimoya ukuze bazikhusele bangonzakali. Bakwenza oku ngenxa yokuba besoyika amandla elemimoya. Banxiba amakhubalo. Basela okanye bahlikihlele emizimbeni yabo “amayeza” athile abacinga ukuba anamandla obugqi. Kwimizi yabo okanye emabaleni abanye abantu babethelela ngezinto ekukholelwa ukuba zinamandla okukhusela. Abanye basebenzisa “amayeza” obugqi kuba bekholelwa ukuba aya kubazisela impumelelo kwezoshishino, kwiimviwo zesikolo, okanye xa bethandana nothile.

Eyona nkuselo ibhetele nxamnye noSathana kukuba noYehova njengomhlobo wakho. UYehova uThixo neengelosi zakhe banamandla ngakumbi kunoSathana needemon zakhe. (Yakobi 2:19; ISityhilelo 12:9) UYehova uzimisele ukubonakalisa amandla akhe ngenxa yabahlobo bakhe​—abo bathembeke ngokupheleleyo kuye.​—2 Kronike 16:9.

ILizwi likaThixo lithi: “Ningaqheliseli mlingo.” UYehova uyayigweba imilingo nobugqi kuba abo bayiqheliselayo inokubanxibelelanisa ngokuthe ngqo namandla kaSathana uMtyholi.​—Levitikus 19:26.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share