Ofanele Ukwazi Ngobugqwirha
KUNZIMA ukubuchaza ubugqwirha banamhlanje. Oko kubangelwa kukuba abo babuqheliselayo bahluke kakhulu. Abanagunya liyintloko okanye imfundiso esisiseko okanye incwadi engcwele yokubenza babe nenkolelo efanayo. Bahlukile nangezithethe, imibutho, amasiko neembono ngoothixo abafanele bababeke. Omnye umbhali uthi: “Ubugqi bunika ubani iingcamango ‘simahla.’” Omnye uthi: “Inkoliso yabaxhasi bobuHedeni Obuhlaziyiweyo ayivumelani phantse kuyo yonke into.”
Kwabaninzi, ukuphikisana akuyongxaki. Enye incwadi yesikhokelo yamagqwirha azimiseleyo ithi: “Xa udibana nenkcazelo ebonakala iphikisana, yihlole loo nkcazelo uze wenze isigqibo sokuba uza kulandela yiphi. Yenza loo nto ithe qatha engqondweni yakho. Ngamany’ amazwi, zive ukhululekile ukuba ukhethe phakathi kwezithethe neencwadi zezithethe uze wenze isigqibo ngoko uvakalelwa kukuba kulungile.”
Kwabo bayiqondayo inyaniso, oko kuphikisana kuyingxaki. Inyaniso sisibakala, yinto yokwenene. Izinto azibi yinyaniso kuba nje umntu evakalelwa okanye enethemba okanye ekholelwa ukuba ziyinyaniso. Ngokomzekelo, ngasihlandlo sithile oogqirha babekholelwa ukuba babenokuyinyanga inyumoniya ngokusika phakathi inkuku ephilayo baze babeke loo macala ayo esifubeni salowo ugulayo. Ngokungathandabuzekiyo, abaguli abaninzi babekholelwa ngokungazenzisiyo ukuba olu nyango lwalunokubaphilisa. Noko ke, iinkolelo namathemba abo ayengavisisani nesibakala—loo nkqubo ayiyinyangi inyumoniya. Abantu abadali nyaniso; kufuneka bazabalaze ukuze bayiqonde.
IBhayibhile izibanga iqulethe inyaniso ngemibandela yokomoya. UYesu Kristu, ngoxa wayesemhlabeni, ethandaza kuYise wathi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Abaninzi abaqhelisela ubugqwirha abavumelani noko. Kunoko, bafuna ulwalathiso nokhokelo kwiintsomi, kwiinkonzo zamandulo nakuthelekelelo lwenzululwazi. Noko ke, ngaba akukho ngqiqweni ukuqwalasela oko kuthethwa yiBhayibhile? Ngapha koko, phantse ngokubanzi igqalwa njengencwadi engcwele. Kwakhona iyenye yezona ncwadi zonqulo ezindala ezikhoyo. IBhayibhile yabhalwa kwisithuba seminyaka engaphezu kwe-1 600, ukanti iyangqinelana kuzo zonke iimfundiso zayo. Makhe sithelekise iimfundiso zeBhayibhile nezinye iinkolelo eziqhelekileyo ezisetyenziswa ngabo baxhasa ubugqwirha ngoku.
Ngoobani Abahlala Kummandla Womoya?
Umbuzo osisiseko kwabo banxanelwe ukuqonda izinto zokomoya ngulo, Ngubani ohlala kummandla womoya? Ngoxa amagqwirha anamhlanje engabalandeli boothixo abaninzi abanokuthanani nendalo, amanye anqula umama onguthixokazi omkhulu, ogqalwa njengonendima entlu-ntathu, eyentombi, ekamama, neyexhegokazi, ezimela amanqanaba asisiseko ebomini. Isithandwa sakhe nguthixo oneempondo. Amanye amagqwirha anqula uthixo nothixokazi ngaxeshanye. Omnye umbhali uthi: “UThixokazi noThixo bagqalwa njengembonakaliso yamandla endalo obukhomokazi nawobuduna. Ngamnye uneempawu ezikhethekileyo ezithi xa zidityanisiwe zisebenzisane ekudaleni ubomi.” Enye incwadi ithi: “Enye yezona zinto zibalulekileyo omele uzikhethe eBugqwirheni zizithixo (ooThixo/ooThixokazi) oza kusebenza nazo. . . . UBugqi bukunika inkululeko yokuzikhethela uze emva koko uhlonele olo hlobo loThixo ulukhethileyo.”
IBhayibhile ayixhasi nanye kwezi ngcamango. UYesu Kristu wanikela bonke ubulungiseleli bakhe ekufundiseni abanye ngoYehova, ‘okuphela koThixo oyinyaniso.’ (Yohane 17:3) IBhayibhile ithi: “Mkhulu uYehova yaye ngowokudunyiswa kakhulu, yaye uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo. Kuba bonke oothixo bezizwana ngoothixo abangenaxabiso.”—1 Kronike 16:25, 26.
Kuthekani ngoMtyholi? IWebster’s Ninth New Collegiate Dictionary ichaza ubugqwirha ngokuthi “kukunxibelelana nomtyholi.” Bekuya kuba nzima ukufumana igqwirha namhlanje elivumelanayo nale nkcazelo, kuba amaninzi awabamkeli ubukho bukaSathana uMtyholi. Elinye ibhinqa eliselula, elichazwe kwiThe Irish Times “njengegqwirha eliphambili nenkokeli yomnye wemibutho eyaziwayo yamagqwirha aseIreland,” liqiqa ngolu hlobo: “Ukukholelwa kuMtyholi kuthetha ukwamkela ubuKristu . . . [uMtyholi] akanakuhlala kummandla wendalo ongenaThixo.”
IBhayibhile iyabuqinisekisa ubukho bukaMtyholi yaye imbek’ ityala ngokubandezeleka neziphithiphithi ezikhoyo emhlabeni. (ISityhilelo 12:12) UYesu akazange afundise nje ukuba uMtyholi ukho kodwa wabonisa nokuba kuyinto enokwenzeka ukuba uzibone sele usenza ukuthanda kukaMtyholi ungaqondanga. Ngokomzekelo, iinkokeli zonqulo zenkulungwane yokuqala ezazizenza amalungisa, ngandlel’ ithile, zazibanga zingoonyana bakaThixo yaye zazikholelwa ukuba zenza ukuthanda kukaThixo. UYesu, owayekwazi ukubona into eziyicingayo, wayesazi okwahlukileyo. Wazixelela ngokungqalileyo wathi: “Nina niphuma kuyihlo uMtyholi, yaye nithanda ukwenza ngokweminqweno kayihlo.” (Yohane 8:44) Ngaphezu koko, incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ithi uMtyholi “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.”—ISityhilelo 12:9.
Ngaba Umlingo Ulungile?
Kakade ke, umlingo ubusoloko unxulunyaniswa nobugqi.a Abantu abaninzi ababephila kumaxesha amandulo nabaphila namhlanje bakholelwa ukuba umlingo owenziwa ngamagqwirha wenzelwa ukwenzakalisa abanye. Amagqwirha anconywa ngokuba namandla okuvisa abanye intlungu engummangaliso nokubulala ngomlingo. Ngokwesithethe, amagqwirha aye abekw’ ityala ngenxa yamashwa amaninzi, kuquka ukugula, ukufa nokungalungi kwezityalo.
Amagqwirha namhlanje aziphikisa kuphele izityholo ezilolo hlobo. Ngoxa evuma ukuba likhe libekho igqwirha elikhohlakeleyo elenza izenzo ezibi ngamathub’ athile, abaninzi bathi umlingo wabo usetyenziselwa ukuzisa iingenelo, kungekhona ukwenzakalisa. Amagqwirha afundisa ukuba imiphumo yomlingo ibuyela kulowo uwuqheliselayo ngokuphindwe kathathu yaye athi eso sesona sithintelo sikhulu ekubeni aqalekise abanye. Imizekelo yalo mlingo kufane kuthiwe uyingenelo iquka ukufaka oomabophe bokuzikhusela, ukucoca ikhaya lakho kwimimoya eyenzakalisayo eshiywe ngabantu ebebehlala kulo ngaphambili, ukwenza umntu othile akuthande, ukuphilisa, ukuthintela ukuba ungaphelelwa ngumsebenzi nokufumana imali. Xa kusithiwa ubugqwirha bunamandla ngolo hlobo, akumangalisi ke ukuba buye bathandwa kangaka.
Noko ke, iBhayibhile ayichazi mahluko phakathi komlingo olungileyo nomlingo ongalunganga. KuMthetho owanikwa uMoses, uThixo wakwenza kwacaca oku. Wathi: “Nize ningaqheliseli mlingo.” (Levitikus 19:26) Kwakhona sifunda oku: ‘Maze kungafunyanwa namnye kuwe oqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu.’—Duteronomi 18:10, 11.
Kwakutheni ukuze uThixo athethe ngolu hlobo? Asikuko ukuba ufuna ukusibandeza ingenelo ethile. UYehova wanika abantu bakhe le mithetho ngenxa yokuba ebathanda yaye engafuni ukuba bakhotyokiswe luloyiko nenkolelo. Kunoko, umema abakhonzi bakhe ukuba basondele kuye xa kukho izinto abazifunayo. UnguMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Umpostile uYohane waqinisekisa amanye amakholwa esithi: “Nantoni na esiyicelayo siyayamkela [kuThixo], ngenxa yokuba siyayigcina imiyalelo yakhe kwaye siyazenza izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.”—1 Yohane 3:22.
Kuthekani Ngemimoya Engendawo?
Amagqwirha amaninzi ayavumelana neBhayibhile kule nkalo: Ikho imimoya engendawo. Kwesinye isincoko umxhasi wobugqwirha walumkisa wathi: “Imishologu ikho: Iphila kwihlabathi elingabonakaliyo elifana nelethu thina zidalwa ziphilayo. . . . Igama elithi ‘uHili,’ ‘uMoya Ongendawo’ nelithi ‘iDemon’ achane ngqo. Imimoya inamandla kakhulu. . . . Olona hlobo lukrelekrele kakhulu . . . luyakwazi ukuthi (ukuba ubani uye waluncedo kulo waluvulela indlela yokungena) lungene kuthi. . . . Lunako ukungena emzimbeni wakho . . . , lude lukulawule ukusa kumlinganiselo othile. Ewe, oku kufana ncam namabali amandulo okuba neeDemon.”
Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iidemon zazibacinezela abantu ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Abanye kwabo babechaphazeleka babengakwazi ukuthetha, abanye beziimfama, abanye bephambana yaye abanye babenamandla angaphezu kwawomntu. (Mateyu 9:32; 12:22; 17:15, 18; Marko 5:2-5; Luka 8:29; 9:42; 11:14; IZenzo 19:16) Maxa wambi intlungu yayiba ngakumbi xa umntu engenwe ziidemon ezininzi ngexesha elinye. (Luka 8:2, 30) Ngoko, ngokuqinisekileyo sikho isizathu esibalulekileyo sokuba uYehova alumkise abantu bakhe ukuba bangasondeli ebugqwirheni nakwezinye izenzo zobugqi.
Unqulo Olusekelwe Kwinyaniso
Abantu abaninzi namhlanje batsalelekile kubugqwirha ngenxa yokuba bubonakala bulunqulo olungeyongozi, oluthandekayo nolwemvelo. Kwezinye iindawo buye bamkeleka. Aboyikwa. Kunoko, ngokufuthi buye bajongwa njengento engenamsebenzi. Kwimeko-bume apho ukunyamezela unqulo kukhokelela ekubeni abaninzi bamkele nezinto ezingaqhelekanga, ubugqwirha buye bahlonelwa gqitha.
Eneneni, ezonqulo ziye zayindawo apho abantu bakhululekileyo ukuba bakhethe olo luvumelana neentswelo zabo, ngokungathi ubani uthenga izihlangu. Ngokungafaniyo noko, uYesu wathetha ngokukhetha phakathi kwendlela ezimbini kuphela. Wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) Kakade ke, sikhululekile ukuba sizikhethele indlela esifuna ukuhamba ngayo. Kodwa ekubeni impilo-ntle yethu kanaphakade isemngciphekweni, olo khetho lubaluleke kakhulu. Ukuze sikhanyiselwe ngokomoya, simele sisukele indlela yenyaniso—indlela efumaneka kwiLizwi likaThixo kuphela, iBhayibhile.
[Umbhalo osemazantsi]
a EsiNgesini, abanye babhala “magick” ukwahlula phakathi kwezenzo zobugqi ezahlukahlukeneyo nomlingo owenzelwa eqongeni. Bona uVukani!, kaSeptemba 8, 1993, iphepha 12, “Ngaba Kukho Ingozi Ekuqheliseleni Umlingo?”
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Abantu abaninzi namhlanje bajonga ubugqwirha njengonqulo olungeyongozi nolwemvelo
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Umlingo ubusoloko unxulunyaniswa nobugqi
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ngaba abo baqhelisela ubugqwirha benza ukuthanda kukaMtyholi bengazi?
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
IBhayibhile ityhila indlela yenyaniso