IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gl iphe. 4-5
  • Amazwe Ekuthethwa Ngawo EBhayibhileni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amazwe Ekuthethwa Ngawo EBhayibhileni
  • “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Amanqaku Afanayo
  • Abantu BakaThixo Babuyela Kwilizwe Labo
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • IGrisi NeRoma Ziphembelela AmaYuda
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • UbuKristu Bunwenwela Nakumazwe Akude
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Ookumkani Bahlasela ILizwe Lesithembiso
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
Khangela Okunye
“Khawubone Eli Lizwe Lihle”
gl iphe. 4-5

Amazwe Ekuthethwa Ngawo EBhayibhileni

NJENGOKO uSirayeli wayelungiselela ukungena kwiLizwe Lesithembiso, uMoses wachazela uThixo ngomnqweno wakhe onzulu esithi: “Nceda undivumele ndiwele, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo mmandla mhle weentaba.”—Dut 3:25.

UMoses akazange avunyelwe ukuba awele, kodwa wayinyuka intaba emelene neYeriko waza walibona elo lizwe—‘ukususela eGiliyadi ukusa kwaDan, nelizwe lakwaYuda ukusa kulwandle lwasentshona, neNegebhi nentlambo yaseYordan.’ (Dut 3:27; 34:1-4) Ngaba wakha weva ngaloo mazwe? Ngaba uyawazi apho akhoyo?

Kule mihla bambalwa abantu bakaYehova abakwaziyo ukutyelela amazwe amaninzi abafunda ngawo eBhayibhileni. Abakwazi ukwenza oko uThixo wayalela uAbraham ukuba akwenze, esithi makalihambahambe ngobude nangobubanzi balo iLizwe Lesithembiso. (Gen 13:14-17) Sekunjalo, amaKristu okwenyaniso anomdla wokwazi ngeendawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni nangendlela ezihlobene ngayo.

Le mpapasho ithi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle,’ inokukunceda uziqonde ngakumbi iZibhalo. Inemifanekiso yeendawo ezikhoyo, njengeGiliyadi, eboniswe kuqweqwe lwayo. Iimaphu ezikuyo zinikela inkcazelo engakumbi, enokukunceda uzazi ngakumbi iindawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni.

Imaphu ekwiphepha 2 nelesi-3 ibonisa amazwe okanye imimandla emikhulu. Ngokomzekelo, xa ubona umgama eyayimi kuwo iAsiriya neYiputa ukusuka kwiLizwe Lesithembiso, unokuziqonda ngakumbi iziprofeto ezithetha ngaloo mazwe. (Isa 7:18; 27:13; Hos 11:11; Mik 7:12) Iindlela zamandulo zazidibana kwesi siqwengana somhlaba sibizwa ngokuba liLizwe Lesithembiso, yaye ezinye iintlanga zazifuna ukuthimba amasimi alo achumileyo engqolowa, aweediliya, naweminquma.—Dut 8:8; ABa 15.5.

Mhlawumbi usengathanda nokuthelekisa iimaphu. Ngokomzekelo, uYona wathunywa kwikomkhulu lama-Asiriya, iNineve, kodwa yena waya eTarshishe. (Yon 1:1-3) Ngaba uyazibona ezi ndawo kulaa maphu isekuqaleni? Kodwa ungabhidanisi iTarshishe neTarso, ndawo leyo awazalelwa kuyo umpostile uPawulos. ITarso kunye nezinye izixeko ezidumileyo zikho kule maphu.

Khawuthelekelele ubude bomgama nendlela eyathatyathwa nguAbraham kuhambo lwakhe njengoko ujonge iUre, iHaran neYerusalem. Emva kokuba uYehova ethe makanduluke eUre, waya kuhlala kwelakwaHaran, ukusuka apho waya kwiLizwe Lesithembiso. (Gen 11:28–12:1; IZe 7:2-5) Uya kuluqonda nangakumbi uhambo luka-Abraham xa ufundisisa umxholo othi “Amazwe Oosolusapho,” kwiphepha 6-7.

Imaphu esekuqaleni kwakunye nale ilapha azisekelwanga kwiziganeko zexesha elithile. Kodwa zonke ezinye ezilandelayo, zisekelwe kwiziganeko zembali ngokokulandelelana kwazo. Izixeko okanye iinkcukacha ezikwezo maphu zihlobene neziganeko zexesha elithile. Nangona iSalathisi (esikwiphepha 34-5) singenazo zonke iindawo eziboniswe kwezi maphu, sinokukunceda ubone imaphu eneenkcukacha zombandela ophanda ngawo.

Imaphu esembindini (kwiphepha 18-19) inezona dolophu nezixeko ezininzi zeLizwe Lesithembiso. Isicangca Semaphu siya kukunceda ubone iindawo ezazikuzo izixeko zabaLevi nezixeko ezithandathu zokusabela, yaye siya kukunceda wazi enoba indawo ebonisiweyo emaphini ikhankanywe kwiZibhalo zesiHebhere, kwiZibhalo zesiGrike, okanye kuzo zozibini.

Okwangoku ayaziwa eyona ndawo yayikuyo eminye imimandla ekuthethwa ngayo eBhayibhileni, ngenxa yoko uninzi lwayo aluboniswanga kwimaphu esembindini. Phofu ke, besingenakukwazi kakade ukufaka kuyo zonke izixeko needolophu, njengazo zonke ezo zikuludwe lwemida yezizwe ezahlukahlukeneyo. (Yos, isahl. 15-19) Noko ke, le maphu ibonisa izixeko ezikufuphi, nto leyo enceda ukwazi ukuqikelela indawo ezazikuyo. Iindawo ezithile (ezinjengeentaba, imilambo, neentlambo) ziphawuliwe, ibe zona iindawo ezinemixawuka ziboniswe ngemibalabala. Ezi nkcukacha zinokukunceda ube nomfanekiso-ngqondweni ocacileyo weziganeko ezichazwe eBhayibhileni.

Inkcazelo engakumbi ngeendawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ifumaneka kwintyilalwazi i-Insight on the Scriptures, ekho ngeelwimi ezininzi.a Xa usebenzisa le ntyilalwazi nolunye uncwadi lweBhayibhile, le ncwadana inemifanekiso ithi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’ mayibe kufutshane nawe. Yisebenzise ngalo lonke ixesha ufundisisa iZibhalo, eziyingenelo kakhulu kuwe.—2Ti 3:16, 17.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi ekwiphepha 5]

IINCWADI ZEBHAYIBHILE ZABHALELWA

EBhabhiloni

EKesareya

EKorinte

EYiputa

E-Efese

EYerusalem

EMakedoni

KwaMowabhi

EPatmos

KwiLizwe Lesithembiso

ERoma

EShushan

[Imaphu ekwiphepha 4, 5]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Amazwe AseBhayibhileni Nezixeko Ezizintloko

A1 I-ITALI

A2 IROMA

A3 ISISILI

A3 IMALTAISISILI

C2 IMAKEDONIYA

C2 IFilipi

C2 IGRISI

C3 IATHENE

C3 IKorinte

C3 IKRETE

C4 ILIBHIYA

D3 Kwa-Antiyokwe (ePisidiya)

D3 IEfese

D3 IPATMOS

D3 IRODO

D4 IMEMFIS

D5 IYIPUTA

E2 IASIA MINOR

E3 ITarso

E3 Kwa-Antiyokwe (eSiriya)

E3 ISIPRO

E4 ISidon

E4 IDamasko

E4 ITire

E4 IKesareya

E4 ILIZWE LESITHEMBISO

E4 IYERUSALEM

E4 KWAMOWABHI

E4 IKadeshe

E4 KWAEDOM

F3 Umyezo Wase-Eden?

F3 IASIRIYA

F3 IHaran

F3 ISIRIYA

F5 IARABHIYA

G3 ININEVE

G4 IBHABHILONI

G4 IKHALEDI

G4 IShushan

G4 IUre

H3 IMEDI

[Iintaba]

E5 INtaba ISinayi

G2 IINTABA ZEARARATI

[Amanzi]

C3 Ulwandle LweMeditera (Ulwandle Olukhulu)

E1 Ulwandle Olumnyama

E5 Ulwandle Olubomvu

H2 Ulwandle LweCaspian

H5 IPersian Gulf

[Imilambo]

D5 Umlambo UmNayile

F3 Umlambo UmEfrate

G3 Umlambo ITigrisi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share