IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gl iphe. 32-33
  • UbuKristu Bunwenwela Nakumazwe Akude

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UbuKristu Bunwenwela Nakumazwe Akude
  • “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Amanqaku Afanayo
  • Ookumkani Bahlasela ILizwe Lesithembiso
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Amazwe Ekuthethwa Ngawo EBhayibhileni
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • IGrisi NeRoma Ziphembelela AmaYuda
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Abantu BakaThixo Babuyela Kwilizwe Labo
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
Khangela Okunye
“Khawubone Eli Lizwe Lihle”
gl iphe. 32-33

UbuKristu Bunwenwela Nakumazwe Akude

EKWINTABA yemiNquma kufutshane naseBhethani uYesu wayalela ukuba kwenziwe umsebenzi wokushumayela owawuza kuchaphazela imbali yehlabathi. Wawuza kuqala ukwenziwa malunga neekhilomitha ezintathu ukuya ngasentshona—eYerusalem. Esi sigidimi seendaba ezilungileyo sasiza kunwenwela kwaYuda naseSamariya, de ekugqibeleni siye kufikelela “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZe 1:4, 8, 12.

Akuzange kube kudala emva kokuba uYesu ethethe loo mazwi, ebudeni boMthendeleko wePentekoste kwatsaleleka amaYuda namaguquka angaphantsi koBukumkani baseRoma, evela kwimimandla eboniswe kwimaphu engezantsi. Intshumayelo yaloo mini kampostile uPetros yabangela ubuKristu banwenwa ngokukhawuleza.—IZe 2:9-11.

Akuzange kube kudala intshutshiso eYerusalem yabenza bathi saa abalandeli bakaKristu. UPetros noYohane banceda amaSamariya ukuba eve aze amkele iindaba ezilungileyo. (IZe 8:1, 4, 14-16) Emva kokuba uFilipu eshumayeze umTiyopiya kwindlela eyinkqantosi “ehla ivela eYerusalem isiya eGaza,” ubuKristu banwenwela naseAfrika. (IZe 8:26-39) Malunga nelo xesha kanye, esi sigidimi saba nemiphumo emihle eLida, ekwiThafa laseSharon, kwanakwizibuko laseYopa. (IZe 9:35, 42) Ukusuka apho uPetros waya kwelaseKesareya waza wanceda igosa lomRoma uKorneli, izizalwana zalo, kwakunye nabahlobo balo ukuba babe ngamaKristu athanjiswe ngomoya.—IZe 10:1-48.

UPawulos owayesakuba ngumtshutshisi waba ngumpostile weentlanga. Wahamba emhlabeni naselwandle izihlandlo ezithathu njengomvangeli wasemazweni naxa wayesiya eRoma. Lo mpostile nabanye bazisasaza iindaba ezilungileyo kwimimandla eyahlukahlukeneyo engaphantsi koBukumkani baseRoma. UPawulos wayefuna ukufikelela eSpeyin (Bona iphepha 2.), yaye uPetros wayisebenza yonke impuma de waya kufikelela naseBhabhiloni. (1Pe 5:13) Eneneni, phantsi kokhokelo lukaKristu, abalandeli bakhe babusasaza nakwiindawo ezikude ubuKristu. Ngowama-60-61 C.E., ‘iindaba ezilungileyo zazisele zishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ (Kol 1:6, 23) Ukususela ngelo xesha, ezi ndaba zilungileyo ziye zafikelela ngokoqobo “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”

[Ibhokisi ekwiphepha 32]

IMIMANDLA AWAYEVELA KUYO

AmaYuda namaguquka aweva iindaba ezilungileyo ngePentekoste yowama-33 C.E. ayevela eParti, eMedi, e-Elam, eMesopotamiya, kwaYuda, eKapadokiya, ePonto, eAsiya, eFrigiya, ePamfiliya, eYiputa, eLibhiya, eRoma, eKrete, naseArabhiya. Amaninzi kuwo abhaptizwa. Ucinga ukuba enza ntoni akubuyela ekhaya?

[Ibhokisi ekwiphepha 33]

AMABANDLA ASIXHENXE

UYesu wathumela izigidimi kumabandla asixhenxe aseAsia Minor. Phawula iindawo awayekuzo: iEfese neSmirna zaziselunxwemeni; iPergamo, iFiladelfi, neLawodike zikumhlaba owomileyo; iTiyatira ingasemlanjeni; ize ke iSardesi ibe kweyona ndlela isetyenziswa kakhulu ngabarhwebi. Izinto ezavunjululwa kwezi zixeko ziyasiqinisekisa ukuba ezi ndawo ithetha ngazo iBhayibhile zezokoqobo.

[Imaphu ekwiphepha 32]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ukusasazeka KobuKristu

Imimandla Eyakhawuleza Yafikelelwa Ngeendaba Ezilungileyo

B1 ILIRIKO

B1 I-ITALI

B1 IRoma

C1 IMAKEDONI

C2 IGRISI

C2 IAthene

C2 IKRETE

C3 IKirene

C3 ILIBHIYA

D1 IBHITHINIYA

D2 IGALATI

D2 IASIA

D2 IFRIGIYA

D2 IPAMFILIYA

D2 ISIPRO

D3 IYIPUTA

D4 ITOPIYA

E1 IPONTO

E2 UKAPADOKIYA

E2 ICILICIYA

E2 IMESOPOTAMIA

E2 ISIRIYA

E3 ISAMARIYA

E3 IYerusalem

E3 KWAYUDA

F2 IMEDI

F3 IBhabhiloni

F3 IELAM

F4 IARABHIYA

G2 IPARTI

[Amanzi]

C2 Ulwandle iMeditera

D1 Ulwandle Olumnyama

E4 Umlandle Olubomvu

F3 IPersian Gulf

[Imaphu ekwiphepha 32, 33]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Uhambo LukaPawulos

Olokuqala Lobuvangeli Basemazweni (IZe 13:1–14:28)

H3 IAntiyokwe (yaseSiriya)

H3 ISeleucia

G4 ISIPRO

G3 ISalami

G4 IPafo

G3 IPAMFILIYA

F3 IPerga

F3 IPISIDIYA

F2 IAntiyokwe (yasePisidiya)

G2 I-Ikoniyo

G2 ILIKAWONIYA

G2 IListra

G3 IDerbhe

G2 IListra

G2 I-Ikoniyo

F2 IAntiyokwe (yasePisidiya)

F3 IPISIDIYA

G3 IPAMFILIYA

F3 IPerga

F3 IAtaliya

H3 IAntiyokwe (yaseSiriya)

Olwesibini Lobuvangeli Basemazweni (IZe 15:36–18:22)

H3 IAntiyokwe (yaseSyria)

H3 ISIRIYA

H3 ISELUKIYA

H3 ITarso

G3 IDerbhe

G2 IListra

G2 I-Ikoniyo

F2 IAntiyokwe (yasePisidiya)

F2 IFRIGIYA

G2 IGALATI

E2 IMISIYA

E2 ITrowa

E1 ISAMOTHRAKI

D1 INeyapoli

D1 IFilipi

C1 IMAKEDONI

D1 IAmfipoli

D1 ITesalonika

D1 IBhereya

C2 IGRISI

D2 IAthene

D2 IKorinte

D3 IAKHAYA

E2 IEfese

G4 IKhesareya

H5 IYerusalem

H3 IAntiyokwe (yaseSiriya)

Olwesithathu Lobuvangeli Basemazweni (IZe 18:22–21:19)

H3 ISIRIYA

H3 IAntiyokwe (yaseSiriya)

G2 IGALATI

F2 IFRIGIYA

H3 IKILIKIYA

H3 ITarso

G3 IDerbhe

G2 IListra

G2 I-Ikoniyo

F2 IAntiyokwe (yasePisidiya)

E2 IEfese

E2 IASIA

E2 ITrowa

D1 IFilipi

C1 IMAKEDONI

D1 IAmfipoli

D1 ITesalonika

D1 IBhereya

C2 IGRISI

D2 IAthene

D2 IKorinte

D1 IBhereya

D1 ITesalonika

D1 IAmfipoli

D1 IFilipi

E2 ITrowa

E2 IAsos

E2 IMitilene

E2 IKHIYO

E2 ISAMOS

E3 IMiletus

E3 ICos

E3 IRHODES

F3 IPatara

H4 ITire

H4 IPtolemais

G4 IKhesareya

H5 IYerusalem

Oluya ERoma (IZe 23:11–28:31)

H5 IYerusalem

G4 IKhesareya

H4 ISidon

F3 IMira

F3 LIKIYA

E3 IKinido

D3 IKRETE

D4 IKAWUDA

A3 IMALTA

A3 SISILI

A3 ISirakuse

A1 I-ITALI

B2 IRegiyo

A1 IPuteyoli

A1 IRoma

Iindlela Ezinkulu (Yiya kwimpapasho)

[Amabandla Asixhenxe]

E2 IPergamo

E2 ITiyatira

E2 ISardisi

E2 ISmirna

E2 IEfese

F2 IFiladelfi

F2 ILawodike

[Ezinye iindawo]

E3 IPATMOS

F2 IKolose

F5 IAleksandriya

F5 IYIPUTA

G1 IBHITHINIYA

G5 IYopa

G5 ILida

G5 IGaza

H1 IPONTUS

H2 IKAPADOKIYA

H4 IDamasko

H4 IPela

[Amanzi]

D4 Ulwandle LweMeditera

[Umfanekiso okwiphepha 33]

Iholo yemiboniso eshukumayo yaseMileto, isixeko uPawulos awadibana kuso nabadala base-Efese

[Umfanekiso okwiphepha 33]

Isibingelelo sikaZeyus ePergamo. AmaKristu esi sixeko ayehlala kwindawo ‘eyayinetrone kaSathana’—ISi 2:13

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share