IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gl iphe. 8-9
  • Ukusuka EYiputa Ukuya KwiLizwe Lesithembiso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukusuka EYiputa Ukuya KwiLizwe Lesithembiso
  • “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Amanqaku Afanayo
  • B3 Uhambo Olusuka EYiputa
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
  • USirayeli Nemimandla Emngqongileyo
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • IGrisi NeRoma Ziphembelela AmaYuda
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • UbuKristu Bunwenwela Nakumazwe Akude
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
Khangela Okunye
“Khawubone Eli Lizwe Lihle”
gl iphe. 8-9

Ukusuka EYiputa Ukuya KwiLizwe Lesithembiso

AKAKHO umntu ongayaziyo iMfuduko yaseYiputa. Kodwa wayelindelwe yintoni uMoses nabantu bakaThixo emva kokuba bewele uLwandle Olubomvu? Baya ngaphi, yaye baya kufikelela njani kuMlambo iYordan ukuze baye kungena kwiLizwe Lesithembiso?

Nangona babesinge kwilizwe laseKanan, uMoses akazange abakhokelele kwindlela enqumlayo—emalunga neekhilomitha ezingama-400 negudle unxweme—eyayinokubangenisa eFilisti, elilizwe lotshaba. Engazange abanqumlise nakuSingasiqithi weSinayi, onomhlaba nelitye lekalika elitshisa ngeyona ndlela. UMoses wakhokelela aba bantu emazantsi, kwithafa elingaselunxwemeni. Baqala bagxumeka iintente eMara, apho uYehova wajika amanzi akrakra aba mnandi.a Emva kokudlula e-Elim, abantu bakhalazela ukutya; uThixo ke wabathumelela izagwityi kwakunye nemana. ERefidim, kwaphinda kwavuka imbambano yamanzi, koyiswa ama-Amaleki awayehlasela waza umkhwe kaMoses wamcebisa ukuba afune uncedo lwamadoda aziingqondi.—Eks, isahl. 15-18.

Emva koko, uMoses wakhokelela amaSirayeli ngakwiintaba ezisemazantsi, aza ahlom’ iintente kwiNtaba yeSinayi. Aba bantu bakaThixo bafika apho banikwa uMthetho, bakha umnquba baza banikela amadini. Kunyaka wesibini baya ngasemantla, banqumla ‘intlango enkulu neyoyikekayo’ besinge kummandla waseKadeshe (eKadeshe-bharneya) ekubonakala ukuba bathabatha iintsuku ezili-11 ukuya kufika apho. (Dut 1:1, 2, 19; 8:15) Ngenxa yokoyikiswa kwabo yingxelo enganiki themba yeentlola ezilishumi kwanyanzeleka ukuba abantu babhadule iminyaka engama-38. (Num 13:1–14:34) Phakathi kweendawo abamisa kuzo yiAbrona ne-Etsiyon-gebhere, baza basuka apho babuyela eKadeshe.—Num 33:33-36.

Kuthe ekugqibeleni xa kanye amaSirayeli sele ejonge iLizwe Lesithembiso, akanyuka ngqo aya emantla. Indlela yawo yawabuyisela phakathi e-Edom aza enyuka ‘ngendlela yokumkani,’ okanye uHola kaKumkani. (Num 21:22; Dut 2:1-8) Kwakungelula ukuba lonke olu hlanga—lunabantwana, izilwanyana, neentente—luhambe kule ndlela. Kwafuneka luhle ngaloo majikojiko luze lunyuke imiwonyo eyoyikekayo—yaseZerede naseArnon (enzulu kangangeemitha ezingama-520).—Dut 2:13, 14, 24.

Ada afika amaSirayeli kwiNtaba yeNebho. UMiriyam wayefele eKadeshe; yena uAron efele kwiNtaba yeHore. Ngoko noMoses wafa, sele eza kufika kwilizwe awayelangazelela ukungena kulo. (Dut 32:48-52; 34:1-5) Ngoku yayiza kuba nguYoshuwa owayeza kukhokelela amaSirayeli kwelo lizwe, ngaloo ndlela egqibezela uhambo olwaluqale kwiminyaka engama-40 ngaphambi koko.—Yos 1:1-4.

[Umbhalo osemazantsi]

a Iindawo ezininzi abagxumeka kuzo iintente azaziwa ncam.

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

IINCWADI ZEBHAYIBHILE EZINEZIGANEKO ZELO XESHA:

IGenesis

IEksodus

ILevitikus

INumeri

IDuteronomi

UYobhi

IiNdumiso (inxalenye yazo)

[Imaphu ekwiphepha 9]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Indlela Ye-Eksodus

Indlela Eyathatyathwa NgamaSirayeli

A7 IYIPUTA

A5 IRameses?

B5 ISukoti?

C5 IEtham?

C5 IPihahiroti

D6 IMara

D6 IElim

E6 INTLANGAO YASESIN

E7 IDofeka

F8 IRefidim

F8 Intaba YeSinayi (IHorebhe)

F8 INTLANGO YASESINAYI

F7 IKibrothihatava

G7 IHatseroti

G6 IRimon-peretse

G5 IRisa

G3 IKadeshe

G3 IBeneyahakan

G5 IHore-hagidegadi

H5 IYotebhata

H5 IAbronah

H6 IEtsiyon-gebhere

G3 IKadeshe

G3 INTLANGO YASETSIN

H3 Intaba YeHore

H3 ITsalmona

I3 IPunon

I3 I-Iye-abharim

I2 KWAMOWABHI

I1 IDibhon

I1 IAlmon-diblatayim

H1 IYeriko

[Ezinye iindawo]

A3 IGOSHEN

A4 IOni

A5 IMemfis (INofu)

B3 ITsowan

B3 ITapanehesi

C5 IMigdoli

D3 ISHURE

D5 INTLANGO YASE-ETHAM

F5 INTLANGO YASE-PARAN

G1 IFILISTI

G1 IAshdode

G2 IGaza

G2 IBher-shebha

G3 IAzemon

G3 INEGEBHI

H1 IYerusalem

H1 IHebron (IKiriyati-arbha)

H2 IArad (IKanan)

H4 ISEHIRE

H4 KWAEDOM

I7 KWAMIDIYAN

Iindlela Ezinkulu

Indlela Eya KwiLizwe LamaFilisti

Indlela Eya EShure

I4 Indlela Yokumkani

Indlela Eyahamba Ngayo Imiqodi

Indlela IEl Haj

[Iintaba]

F8 Intaba YeSinayi (IHorebhe)

H3 Intaba YeHore

I1 Intaba YeNebho

[Amanzi]

E2 Ulwandle LweMeditera (uLwandle Olukhulu)

D7/G7 Ulwandle Olubomvu

I1 Ulwandle LweTyuwa

[Imilambo nemijelo]

A6 Umlambo UmNayile

F3 Intlambo YaseYiputa

I2 IArnon

I3 IZerede

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Imiqodi eyanqumla uSingasiqithi weSinayi

[Umfanekiso okwiphepha 8]

AmaSirayeli ahlom’ iintente kufutshane neNtaba yeSinayi

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Amanzi ayefumaneka kwimithombo eseKadeshe nakwezinye iindawo ezikufutshane apho

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Onke amaSirayeli kwafuneka anqumle intlambo yeArnon

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share