Intshayelelo YeCandelo 13
UYesu weza emhlabeni ukuze afele abantu abanesono. Nangona wafayo, waloyisa ihlabathi. UYehova wathembeka kuNyana wakhe waza wamvusa. UYesu wayekhonza abantu yaye wayebaxolela xa benze iimpazamo, de wafa. Emva kokuba evusiwe, abapostile bakhe bambona. Wabafundisa indlela yokwenza umsebenzi obalulekileyo awayethe mabawenze. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho aqonde ukuba nathi simele senze loo msebenzi.