UYesu Kristu—Ngaba UnguThixo, Ungumntu Okanye Ngumntu Wasentsomini?
UMBONISO ohamba nomculo werock owaboniswa eBroadway kwisiXeko saseNew York ngowe-1971 wangqineka uyinto ekuphikiswana ngayo, njengoko wawubonisa ngombandela ongokonqulo. Kodwa kunokwenzeka ukuba lo mbandela wawungeyiyo into ekuphikiswana ngayo kunomdlali ophambili walo mboniso.
Komnye walo mboniso uhamba nomculo obethwayo kwakukho lo mbuzo: “Yesu Kristu, Ntshatsheli, ucinga ukuba uyile nto bathi uyiyo?” Emva phayaa kwinkulungwane yokuqala abantu babesithi ungubani uYesu? UYesu ngokwakhe wabuza abafundi bakhe loo mbuzo waza wafumana iimpendulo eziliqela ezahlukahlukeneyo. (Mateyu 16:13, 14) Namhlanje, phantse iminyaka engama-2 000 kamva, ukuba uYesu Kristu ungubani kuseyinto ekuphikiswana ngayo.
Ngaba ngokwenene kunomsebenzi ukwazi ukuba uYesu wayengubani? Ukumazi ukuba wayengubani na kunokuba nawuphi umphumo kuthi? Ewe, abantu ababalulekileyo bemihla eyadlulayo kuthethwa ngabo kwimbali yehlabathi, ngaloo ndlela kuchaphazeleka thina sonke, kuphela nje ngendlela engangqalanga. Kodwa namhlanje itshoba lile!’ umbethe kubo. Ngaloo ndlela, nangona baye basichaphazela ngoko bakwenzayo, abanakusichaphazela nangayiphi na indlela ngoku bakwenzayo.
Noko ke, oku kwahluke ngokupheleleyo kwimeko kaYesu Kristu. Izigidi zikholelwa ukuba uYesu usaphila namhlanje, kungekhona njengomntu emhlabeni kodwa njengesidalwa esingumoya esinamandla ezulwini, yaye zinobungqina obupheleleyo benkolelo enjalo. Oko bekusenziwa nguYesu, ingakumbi kule nkulungwane yama-20, kuye kwaba nomphumo omkhulu kubantu bonke. Ngaphezu koko, umphumo uYesu awaba nawo kubomi bethu awuphelelanga koko wakwenzayo kwixesha elidluleyo. Uquka oko akwenzayo ngoku yaye, ngokonwabisayo, noko aya kukwenza kwithuba elizayo.
Xa sibuyela kumxholo wethu: UYesu Kristu—ngaba unguThixo, ungumntu okanye ngumntu wasentsomini? Ucinga ntoni wena? UYesu Kristu wasentsomini wayeya kuthetha ukuba wayengenguye uThixo okanye umntu, nto leyo eyenza ukuba ukuqwalaselwa okubhekele phaya kwezibakala kube lilize. Kwelinye icala, simele silangazelele ukufunda ngo Yesu ophilayo onikwe amandla nguThixo okuzisa iingenelo ezihlala zihleli kuluntu.