Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
UYehova Uyabazimasa Abakhonzi Bakhe Abathembekileyo
UYESU wathi: “Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Kodwa abakhonzi bakaYehova abathembekileyo banentembelo yokuba uyakubazimasa. (INdumiso 18:2; Nahum 1:7) Kwilizwe laseAfrika apho umsebenzi woxolo wamaNgqina kaYehova uvalwe ngokungqongqo, uYehova uyabazimasa abakhonzi bakhe xa bejamelene nokubethwa nokubanjwa, njengoko le ngxelo ilandelayo ibonisa:
Le ngxelo ithi: “Umveleli wesiphaluka nabazalwana abane basekuhlaleni babanjwa ngendlela enogonyamelo baza baphoswa kwigumbi elincinane ngokuqhelekileyo eligcinelwe izinja ezibhadulayo. Bagcinwa apho iintsuku ezili-123 benxibe iimpahla zabo zangaphantsi yaye bengavunyelwa nokuba baye kwindlu yangasese.” Ilungu lePalamente leva ngale meko yokungabi nabuntu laza laqalisa ukuyigwayimbela, yaye ekugqibeleni, emva kweentsuku ezili-123, aba bazalwana bakhululwa. UYehova wabazimasa aba bazalwana bathembekileyo ngomoya wakhe.
Amanye amava avela kwakweli lizwe abonisa imiphumo eyingenelo kumsebenzi wethu wokushumayela. Ingxelo ithi: “Kwenye idolophana, abantu babedume ngogonyamelo nemvukelo. Noko ke, emva kokuba amaNgqina kaYehova eshumayele apho, abaninzi bawahlonela amagunya yaye baqalisa ukuthabatha inxaxheba kumsebenzi webutho wokulungisa indlela iiveki zonke.” Enye inkosi yasekuhlaleni yafuna ukwazi isizathu esenza le nguqulelo kwisimo sabantu sengqondo yaye yaxelelwa: “Kungenxa yemfundiso ‘yomfundisi’ wamaNgqina kaYehova.” Elinye iNgqina lithi: “Ngenye imini le nkosi yandimemela ekhayeni layo, yaza yandikhuthaza ukuba ndiqhubeke nalo msebenzi ulungileyo. Yandinika isipho senkuku enkulu ukuba ndiyitye nentsapho yam.” Ngesinye isihlandlo, usibonda wedolophu wasekuhlaleni waya kutyelela lo mzalwana, yaye umzalwana wamngenisa ngaphakathi endlwini, wanikela ubungqina. Usibonda wedolophu wacela amaphephancwadi waza wathi, “Akukho nayiphi ingozi esicinga ukuba niyayibangela. Qhubekani nisenza izibheno. Asinamimiselo yokunibamba. Ndiyacinga ukuba kwakamsinya uRhulumente uza kuyisingatha ingxaki yenu.’”
Uvulindlela okhethekileyo ubhala esithi: “Emva kwezityholo ezenziwa ngunobhala weqela lobupolitika, inkosi yasekuhlaleni yayalela ukuba ndibanjwe ndivalelwe entolongweni kwisisele esingcoliswe ngumchamo wezilwanyana nomgquba. Ndagcinwa kobu bumnyama kangangeentsuku ezintlanu. Endleleni eya apho, ndathandaza kuYehova yaye ndakhumbula INdumiso 50:15. Abagcini-ntolongo balapho babendisizela, yaye abazange baluvale gingci ucango ukwenzela ukuba ndikwazi ukuphefumla umoya ococekileyo. Emva kweentsuku ezintlanu ndikule ntolongo, ndabekwa eluvavanyweni xa bandinika ibhokhwe ukuba ndiyise kwinkosi yasekuhlaleni, kungekho mntu ndihamba naye. Ekubeni ndingazange ndisabe, ndandikhululwa yonke imihla ukususela ngentsimbi yesi-3:00 emva kwemini ukuya kutsho ngeyesi-7:00 ngorhatya. Ndandinokuhlangana nabazalwana, yaye sasinokushumayela kunye. Nakubeni ndathi ndagula ebudeni beli xesha linzima yaye neentshaba zam zinethemba lokuba ndandiza kufa, uYehova akazange andishiye. La mava andisondeze ngakumbi kuYehova, yaye ndiqinisekile ukuba intshutshiso ayinakundahlula kubantu bakaYehova.”—Thelekisa amaRoma 8:35-39.
AmaNgqina kaYehova ayayixabisa indlela uThixo awazimasa ngayo kumaxesha eenzima. Kananjalo ayabaxabisa abo babonisa ububele kuwo njengoko eqhubeka nalo msebenzi ungowona ubalulekileyo usindisa ubomi wokushumayela iindaba ezilungileyo. UYehova akanako ukubulibala ububele obunjalo.—Mateyu 25:40.