Ulifuna Phi Icebiso?
NGABA kukho nabani owakhe wakunika imali yenkohliso? Mhlawumbi akunjalo, kodwa ubuya kusabela njani ukuba ubani ebeya kukuxelela ukuba bekukho imali yenkohliso ebisetyenziswa? Ngaba ubuya kucaphuka? Kakade ke akunakuba njalo! Mhlawumbi ubuya kuba nombulelo ngakumbi kuba ulunyukisiwe uze ulumke unganikezeli ngemali yakho oyisebenzele nzima neyiyeyokwenene ngenxa yemali yenkohliso.
Uninzi lwethu lufumana amacebiso okanye izilumkiso amaxesha ngamaxesha. Enyanisweni, ezinye izilumkiso ziluncedo ngakumbi kunezinye. Kodwa nokuba asiyiboni ingenelo yobuqu yecebiso elithile okanye isiluleko, ngaba kukho nasiphi na isizathu sokucaphuka kuba sinikelwe?
Inyaniso ikukuba, wonk’ ubani ufuna uncedo necebiso amaxesha ngamaxesha. Akukho namnye onokuzicombululela zonke izinto. Ngenxa yokungaqiniseki kwezoqoqosho nezobupolitika ezisingqongileyo, wonk’ ubani ufuna ithemba eliqinileyo ngekamva. Kwihlabathi apho phantse isiqingatha semitshato iphelela kuqhawulo-mtshato, apho ukumitha kwabeshumi elivisayo kuxhaphakileyo nalapho izifo ezidluliselwa ngesini zikho jikelele, kukho imfuneko engxamisekileyo yokhokelo lokwenene nolusebenzisekayo. Abazali bafuna uncedo ekufumaneni indlela elungileyo yokukhulisa abantwana babo kule nkqubo yezinto iphixeneyo. Abakwishumi elivisayo bafuna uncedo ekucombululeni iimvakalelo neengcinezelo ezibadidayo ezisenokubonakala ziboyisa. Wonk’ ubani uyalufuna uncedo ukuze aqonde imilinganiselo yokuziphatha esebenzisekayo kwihlabathi apho ukunganyaniseki, ukuziphatha okubi nogonyamelo ziya zisamkelwa ngakumbi nangakumbi.
Lunokufunyanwa phi uncedo olunjalo? Owona mthombo wecebiso ngendlela yokuphila yiBhayibhile, iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Umdumisi wamandulo wabhala oku: “Lisisibane seenyawo zam iLizwi lakho, likukukhanya emendweni wam.” (INdumiso 119:105) Abo balifundayo baze balisebenzise iLizwi likaThixo baphepha imigibe emininzi ekhoyo namhlanje. Esi sesinye sezizathu ezibangela ukuba amaNgqina kaYehova achithe amakhulu ezigidi zeeyure minyaka le etyelela abamelwane bawo aze axubushe nabo iBhayibhile. Kanti abantu abaninzi abaphulaphuli, yaye bambi baye bacaphuke. Yintoni ebangela oku?
Kutheni Abanye Benengqondo Engaphangalelanga Nje?
Kaloku, abantu abaninzi bayakucaphukela ukucetyiswa, ngokukodwa kumbandela wonqulo. Kwanamalungu eecawa akasoloko efuna ukuphulaphula iziluleko ezinikelwa ngabefundisi babo. Omnye umfundisi waseBritani wathi: “Wonk’ ubani unezimvo zakhe ibe zijongwa njengezilungileyo ngokufana nezomfundisi.” Ngenxa yoko, akumangalisi ukuba abantu bengafuni ukuphulaphula kumntu abangamaziyo obatyelela ezindlwini zabo.
Ukongezelela, nangona siphila kwimihla yesizukulwana sentandabuzo, abaninzi basabambelele ngokuqinileyo kwiicawa zabo. Kunjengokuba enye intyilalwazi yaphawula, “unqulo luchukumisa ezona mvakalelo zinzulu zabantu abaninzi.” Abantu abanjalo basenokungakuboni kuyimfumeko ukuthetha nothile wolunye unqulo ngeBhayibhile, naxa oko kuthethwa ngako kunento yokwenza nokufumana isicombululo kwiingxaki zabo.
Bambi abafuni kuxubusha ngeBhayibhile kuba baye babona uhanahaniso oluninzi nokonakala kunqulo. Bacatshukiswa kukuba zimbi iinkokeli zonqulo zikubetha ngoyaba ukuziphatha okubi okanye bacatshukiswa ngabavangeli abavela kumabonwakude abangenaluvelwano nabaphelelwe ziintloni abanyolukele imali. Mhlawumbi bayacaphuka xa umfundisi esebenzisa igunya lakhe ekuxhaseni icala elithile nxamnye nelinye kwimilo yezobupolitika. Kubo, unqulo lubonakala lubangela iingxaki ezingakumbi endaweni yokuzicombulula.
Iingxaki abazikhalazelayo abo ziyinene. Xa kuthethwa ngonqulo, kukho “imali yenkohliso” esetyenziswayo. Kodwa ngokuqinisekileyo, ukwala ukwamkela uncedo olusebenzisekayo oluvela eBhayibhileni ngenxa yesi sizathu kukokungekho ngqiqweni njengokwala ukwamkela imali yokwenene kuba kusetyenziswa imali yenkohliso!
Ibe njengokuba selekukhankanyiwe, sonke siyasifuna isiluleko kweli hlabathi ekunzima ukwenza izigqibo nelineemeko ezinobungozi. Ngaba kukho nayiphi na indlela yokuba nembono yobulumko kumcimbi wokwamkela icebiso? Ngaba akuyomfuneko okanye kuphosakele ukuthetha nothile wolunye unqulo ngeBhayibhile? Ngaba kuyinto enokwenzeka ukuba nengqondo ephangalele ngokwaneleyo uze ungakhohliswa ngamacebiso enkohliso? Ithini iBhayibhile ngako oku?