Umgwebo KaThixo Nxamnye ‘Nomchasi-Mthetho’
“Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa.”—MATEYU 7:19.
1, 2. Uyintoni umchasi-mthetho, ibe wavela njani?
XA UMPOSTILE uPawulos waphefumlelwa nguThixo ukuba axele kwangaphambili ukuza “komchasi-mthetho,” wathi wayeza kuqala ukuvela kwakumhla wakhe. Njengoko inqaku elandulelayo licacisile, uPawulos wayethetha ngodidi lwabantu ababeya kukhokela ekuwexukeni kubuKristu bokwenyaniso. Oko kutyeka enyanisweni kwaqala ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, ngokukodwa emva kokufa kwabapostile bokugqibela. Udidi oluchasa umthetho lwavelisa iimfundiso ezisisiseko noqheliselo olwaluchasene neLizwi likaThixo.—2 Tesalonika 2:3, 7; IZenzo 20:29, 30; 2 Timoti 3:16, 17; 4:3, 4.
2 Ekuhambeni kwexesha, olu didi lomchasi-mthetho lwaba ngabefundisi beNgqobhoko. Igunya labo laqiniswa ngumlawuli waseRoma uConstantine ngenkulungwane yesine xa iicawa zowexuko zagxuphuleka kuRhulumente wobuhedeni. Njengoko iNgqobhoko yaqhubeka iqhekeka yaba ngamahlelo amaninzi, abefundisi baqhubeka beziphakamisa kunamarhamente yaye ngokufuthi kwanangaphezu kwabalawuli behlabathi.—2 Tesalonika 2:4.
3. Liliphi ishwangusha eliza kufikela umchasi-mthetho?
3 Liliphi ishwangusha elaliza kufikela umchasi-mthetho? UPawulos walixela kwangaphambili esithi: “Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi [uYesu, NW] . . . imbangise ngokubonakala kokufika kwayo.” (2 Tesalonika 2:8) Oku kuthetha ukuba intshabalalo yabefundisi iya kuqhubeka xa uThixo ephelisa yonke inkqubo kaSathana. UThixo usebenzisa uKumkani wakhe wasezulwini, uKristu Yesu, ukukhokela imikhosi etshabalalisayo yezithunywa zezulu. (2 Tesalonika 1:6-9; ISityhilelo 19:11-21) Abefundisi baza kufumana eli shwangusha ngenxa yokuba bengamhlonelanga uThixo noKristu nangenxa yokuba baye badudulela izigidi zabantu kude nonqulo lokwenyaniso.
4. Umchasi-mthetho uza kugwetywa ngokwawuphi umgaqo?
4 UYesu wanikela umgaqo awayeza kugwetywa ngawo umchasi-mthetho, esithi: “Balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhambo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na? Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. . . . Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.”—Mateyu 7:15-21; bona kwanoTito 1:16; 1 Yohane 2:17.
Isiqhamo Esihle SamaKristu
5. Siyintoni isiseko sesiqhamo esihle samaKristu, yaye nguwuphi umthetho osisiseko?
5 Isiseko sesiqhamo esihle samaKristu siphawulwe kweyoku-1 kaYohane 5:3, ethi: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe.” Yaye umthetho osisiseko ngulo: “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.” (Mateyu 22:39) Ngaloo ndlela, abakhonzi bokwenyaniso bakaThixo bamele babathande abamelwane babo kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga okanye isizwe.—Mateyu 5:43-48; Roma 12:17-21.
6. Uthando lwamaKristu lumele lubonakaliswe ngokukodwa koobani?
6 Abakhonzi bakaThixo bamele babe nothando ngokukodwa kwabo bangabazalwana babo bokomoya. “Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga? Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.” (1 Yohane 4:20, 21) UYesu wathi, olo thando lwaluya kuba luphawu lokufanisa amaKristu okwenyaniso: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”—Yohane 13:35; bona kwanamaRoma 14:19; Galati 6:10; 1 Yohane 3:10-12.
7. AmaKristu okwenyaniso amanyene njani ehlabathini lonke?
7 Uthando lobuzalwana “lusisinamathiselo” esibamanyanisayo abakhonzi bakaThixo: “Yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.” (Kolose 3:14) Ibe amaKristu okwenyaniso amele amanyane nabazalwana bawo bazwenibanzi, kuba iLizwi likaThixo liyalela oku: “Nithethe nto-nye nonke . . . Kungabikho zahlukahlukano kuni . . . Nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.” (1 Korinte 1:10) Ukuze balondoloze olu thando nomanyano emhlabeni wonke, abakhonzi bakaThixo bamele babe ngoondilele kwimicimbi yezobupolitika yeli hlabathi. UYesu wathi: “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.”—Yohane 17:16.
8. UYesu wakubonisa njani oko amaKristu amele akwenze?
8 UYesu wabonisa indlela awayekuthabatha nzulu ngayo oku xa uPetros wasebenzisa ikrele ukuze anqamle indlebe yenye yamadoda awayezokubamba uYesu. Ngaba uYesu wakukhuthaza ukusetyenziswa kwamandla ngaloo ndlela kwanasekukhuseleni uNyana kaThixo kubachasi? Akunjalo, kodwa wathi kuPetros: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho.” (Mateyu 26:52) Ngaloo ndlela, amaKristu okwenyaniso awabandakanyeki kwiimfazwe zeentlanga okanye kwanakulo naluphi na olunye uhlobo lokuphalazwa kwegazi labantu kwanokuba ukwala kwawo kuphumela ekubeni abulawelwe ukholo ngenxa yokungathabathi cala kwawo, njengoko kuye kwenzeka kwabaninzi kwiinkulungwane ezidluleyo kwanakwixesha lethu. Ayazi ukuba kuphela buBukumkani bukaThixo phantsi kukaKristu obuya kuyiphelisa ngonaphakade imfazwe nokuphalazwa kwegazi.—INdumiso 46:9; Mateyu 6:9, 10; 2 Petros 3:11-13.
9. (a) Imbali isixelela ntoni ngamaKristu okuqala? (b) Oku kwahluke njani kwiinkonzo zeNgqobhoko?
9 Imbali iqinisekisa ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala ayengasayi kuphalaza gazi lamntu. Owayesakuba ngunjingalwazi wezakwalizwi waseNgilani, uPeter De Rosa, ubhala oku: “Ayekugqala ukuphalaza igazi njengesono esikhulu. Kungeso sizathu le nto amaKristu akuchasayo ukulwa ngekrele. . . . Ngoxa kwakufuneka kuliwe imfazwe kuze kusetyenziswe namandla ukuze kukhuselwe iRoma, amaKristu ayengakulungelanga ukuthelela. . . . NjengoYesu, amaKristu ayezigqala njengabathunywa abaphethe isigidimi soxolo; kwakungenzeki naphantsi kwazo naziphi na iimeko ukuba abe ngabaququzeleli bokufa.” Kwelinye icala, iinkonzo eziziintlaba-zahlukane zeNgqobhoko ziye zawaphula umthetho wothando zaza zaphalaza izantyalantyala zegazi. Azikhange zibe ngabathunywa abaphethe isigidimi soxolo kodwa ziye ngokuphindaphindiweyo zaba ngabaququzeleli bokufa.
IBhabhiloni Enkulu Enetyala Legazi
10. Iyintoni iBhabhiloni Enkulu, ibe kutheni le nto ibizwa ngaloo ndlela?
10 USathana ‘ngumlawuli weli hlabathi,’ “nguthixo wale nkqubo yezinto.” (Yohane 12:31; 2 Korinte 4:4, NW) Inkqubo yonqulo lobuxoki ekuwo wonke umhlaba iyinxalenye yehlabathi likaSathana aziyilele yona ebudeni beenkulungwane, kuquka iNgqobhoko nabefundisi bayo. IBhayibhile iyibiza le nkqubo yazwenibanzi yonqulo lobuxoki ngokuthi ‘yiBhabhiloni Enkulu, unina wamahenyukazi [angokomoya] nowamasikizi omhlaba.’ (ISityhilelo 17:5) Iinkonzo zobuxoki zanamhlanje zavela emva phayaa kwisixeko samandulo saseBhabhiloni, esasizaliswe lunqulo lobuxoki naziimfundiso ezisisiseko noqheliselo lokungahloneli Thixo. Kungenxa yeso sizathu le nto ummeli weBhabhiloni yamandulo ebizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki.
11. Ithini iBhayibhile ngeBhabhiloni Enkulu, yaye ngoba?
11 Ngokubhekisele kwiBhabhiloni engokonqulo, iLizwi likaThixo lithi: “[Kuyo] kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele, nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.” (ISityhilelo 18:24) Iinkonzo zeli hlabathi zibekek’ ityala njani ngegazi labo bonke abo babuleweyo? Kungenxa yesizathu sokuba ezi nkonzo—iicawa zeNgqobhoko neenkonzo ezingezozabuKristu ngokufanayo—ziye zaxhasa, zabetha ngoyaba, okanye zada zakhokela kwiimfazwe zeentlanga; kwakhona ziye zatshutshisa zaza zabulala abantu aboyika uThixo abangazange bavumelane nazo.
Ingxelo Yokungahloneli Thixo
12. Kutheni le nto abefundisi beNgqobhoko bebekek’ ityala ngakumbi kunezinye iinkokeli zonqulo?
12 Abefundisi beNgqobhoko babekek’ ityala ngakumbi ngokuphalaza igazi kunokuba zinjalo ezinye iinkokeli zonqulo. Ngoba? Ngenxa yokuba ukongezelela ekuzibizeni kwabo ngegama likaThixo, bakwazibize ngelikaKristu. Ngaloo ndlela baye bazibanga belandela iimfundiso zikaYesu. (Yohane 15:10-14) Kodwa abakhange bazilandele ezo mfundiso; ngaloo ndlela bezisa ugculelo olukhulu kuThixo nakuKristu. Ukubekek’ ityala legazi kwabefundisi kube ngenxa yokuliphalaza ngokungqalileyo, kwiiMfazwe Zomnqamlezo, kwezinye iimfazwe zonqulo, kwiinkundla zamaRoma zokuncina amakholwa, nakwiintshutshiso, kwanangokungangqalanga, ngokuzibetha ngoyaba iimfazwe athe kuzo amalungu eecawa abulala abakhonzi abangoowabo abakwamanye amazwe.
13. Abefundisi baba netyala lantoni ukususela ngenkulungwane ye-11 ukusa kweye-13?
13 Ngokomzekelo, ukususela ngenkulungwane ye-11 ukusa kweye-13, abefundisi beNgqobhoko babangela ukuqalisa kweeMfazwe Zomnqamlezo. Zona zaphumela ekubeni kuphalazwe igazi ngokumasikizi yaye kwenziwe imbuqe egameni likaThixo noKristu. Kwabulawa abantu abangamakhulu amawaka. Iimfazwe Zomnqamlezo zaziquka ukubulawa ngokungenangqondo kwamawakawaka abantwana ababelukuhlelwe ukuba nenxaxheba kwiMfazwe Yomnqamlezo Yabantwana yonyaka we-1212.
14, 15. Umbhali ongumKatolika ugqabaza esithini ngoko iCawa yamaKatolika yakuvelisayo ngenkulungwane ye-13?
14 Ngenkulungwane ye-13, iCawa yamaRoma Katolika yakhupha imvume engokwasemthethweni yelinye isikizi lokungahloneli uThixo—iNkundla yamaRoma yokuNcina Amakholwa. Yaqala ukusekwa eYurophu yaza yanwenwela kumazwe aseMerika, yaqhubeka ikho ngaphezu kweenkulungwane ezintandathu. Nakubeni yayisungulwe yaza yaxhaswa ngupopu, yayililinge logonyamelo lokuthuthumbisa nokucim’ igama bonke ababengavumelani necawa. Ngoxa icawa ngaphambili yayibatshutshisa ababengengawo amaKatolika, yona iNkundla yamaRoma yokuNcina Ukholo yayide yatsiba ilitye likaPhungela.
15 UPeter De Rosa, othi “ungumKatolika othand’ izwe,” uthi kwincwadi yakhe yakutshanje iVicars of Christ—The Dark Side of the Papacy: “Icawa yayibekek’ ityala ngokutshutshisa amaYuda, ngokuseka iNkundla yamaRoma yokuNcina Ukholo, ngokubulala amawaka abaqhekeki, ngokumisela kwakhona ukuthuthunjiswa eYurophu njengenxalenye yenkqubo yokugweba. . . . Oopopu bamisela baza baguzula kwanabalawuli, bebagunyazisa ukuba banyanzelise ubuKristu kubalawulwa babo bebatyityimbisela umnwe ngokubathuthumbisa nangokubabulala xa bengavumi. . . . Imiphumo ekwaba nayo oku kwisigidimi seVangeli yayisoyikeka.” Ekuphela “kolwaphulo-mthetho” ababulawelwa lona abanye yayikukuba babeneBhayibhile.
16, 17. Yintoni enye ethethwayo ngeNkundla yamaRoma yokuNcina Amakholwa?
16 Ngokubhekisele kuPopu Innocent III owayephila ekuqaleni kwenkulungwane ye-13, lo kaDe Rosa uthi: “Kuqikelelwa ukuba kweyona ntshutshiso iqatha kunazo zonke eyayixhokonxwa nguMlawuli [waseRoma] uDiocletian [wenkulungwane yesithathu] kwabulawa amaKristu amalunga namawaka amabini, zwenibanzi. Kwisiganeko sokuqala senkohlakalo seMfazwe Yomnqamlezo kaPopu Innocent [ngokunxamnye “nabaqhekeki” eFransi] kwabulawa abantu abaninzi ngokuphindwe kalishumi kunelo nani. . . . Kuyakhwankqisa ukufumanisa ukuba, ngokuphanyaza kweliso upopu wabulala amaKristu amaninzi lee kunoDiocletian. . . . [UInnocent] wayengenaso nesazela ngokusebenzisa igama likaKristu ekwenzeni nantoni na uKristu awayeyigatya.”
17 Lo kaDe Rosa uphawula ukuba “egameni likapopu, [abancini bamakholwa] babebekek’ ityala ngenxa yokubonakalisa eyona nkohlakalo igqithiseleyo nokuhlasela isidima sabantu ngendlela engazange ibonwe kwimbali yesizwe.” Ngokubhekisele kumncini wamakholwa uTorquemada owamiselwa yiNgcwele uDominic eSpeyin, uthi: “Ukususela ekumiselweni kwakhe ngowe-1483, walawula ngegqudu kangangeminyaka elishumi elinesihlanu. Amaxhoba akhe ayethe tyishi kwi-114 000 ekwathi kuwo kwatshiswa ali-10 220.”
18. Umbhali uyichaza njani iNkundla yamaRoma yokuNcina Amakholwa, yaye unikela siphi isizathu sokuqhubeka kwayo ngaphezu kweenkulungwane ezintandathu?
18 Lo mbhali uqukumbela ngokuthi: “Ingxelo engeNkundla yamaRoma yokuNcina Amakholwa yayiya kuyibangela iintloni nayiphi na intlangano; kwicawa yamaKatolika, iyadandathekisa. . . . Imbali ibonisa ukuba, kwithuba elingaphezu kweenkulungwane ezintandathu, ekungakhange kubekho siqabu ngalo, upopu wayelutshaba oluneengcwangu lwemilinganiselo yokusesikweni. Kumnombo woopopu abangamashumi asibhozo osusela kwinkulungwane yeshumi elinesithathu ukusa phambili, akukho namnye kubo owayigatyayo imfundiso yezakwalizwi nenkqubo Yenkundla yamaRoma Yokuncina Amakholwa. Ngokwahlukileyo koko, omnye emva komnye wongezelela inkohlakalo yakhe kwimisebenzi yale nkqubo esisixhobo sokubulala. Into engumnqa yeyokuba: kwenzeka njani ukuba oopopu baqhubeke nesi senzo sokungabi nalukholo ukutyhubela izizukulwana ngezizukulwana? Kwenzeka njani ukuba baphikisane nazo zonke iinkalo zeVangeli kaYesu?” Uphendula ngokuthi: “Oopopu bakhetha ukuyichasa iVangeli kunokuba bachase oopopu ababebandulela ‘ababengenakwenza siphoso,’ kuba oko kwakuya kuyiphelisa inkqubo yokubakho koopopu.”
19. Sisiphi esinye isenzo sokuchasa umthetho esiye sabethwa ngoyaba yinkoliso yabefundisi?
19 Kwakhona abefundisi baba nenxaxheba kwisenzo sokuchasa umthetho ngokuthi bavelise inkqubo yokuthinjwa kwabantu njengamakhoboka. Izizwe zeNgqobhoko zathimba amawaka amaninzi abemi baseAfrika, zabasa kwimimandla ekude namazwe abo, zaza kangangeenkulungwane zabaxhaphaza ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni. Ngokwentelekiso ligcudwana nje lodidi lwabefundisi elakuchasayo oko. Bambi babo bade bathi oko yayikukuthanda kukaThixo.—Bona uMateyu 7:12.
Ityala Legazi Kwinkulungwane Yama-20
20. Ityala legazi lomchasi-mthetho lifikelele njani encotsheni yalo kule nkulungwane?
20 Ityala legazi lomchasi-mthetho lifikelele kwincopho yalo kule nkulungwane yethu. Abefundisi baye baxhasa iimfazwe eziye zasuba ubomi bamashumi ezigidi, ezona mfazwe ziye zabulala abantu abaninzi kuyo yonke imbali. Baye baxhasa omabini amacala kwiimfazwe ezimbini zehlabathi, ekwathi kuzo abantu beenkonzo ezifanayo, “abazalwana,” babulalana bodwa. Ngokomzekelo, kwiMfazwe Yehlabathi II, amaKatolika aseFransi nawaseMerika abulala amaKatolika aseJamani nawaseItali; amaProtestanti aseBritani nawaseMerika abulala amaProtestanti aseJamani. Ngamathuba athile, babebulala abanye ababengengabo nje abonqulo olunye kuphela kodwa ababekwangabesizwe esinye. Isizekabani seemfazwe ezimbini zehlabathi saba yiNgqobhoko ibe ngezingazange ziqhambuke ukuba abefundisi babewuthobele umthetho wokuthandana, baza bafundisa abalandeli babo ukuba benze okufanayo.
21. Ithini imithombo yehlabathi ngokubandakanyeka kwabefundisi kwimfazwe?
21 IThe New York Times yakungqina oku ngokuthi: “Kwixesha elidluleyo abaphathi basekuhlaleni bamaKatolika phantse babesoloko bexhasa iimfazwe zezizwe zabo, besikelela amajoni yaye bethandazela ukuba oyise, ngoxa elinye iqela loobhishopu abakwelinye icala lalithandazela esidlangalaleni ukuba nalo eli cala loyise eliya. . . . Ukungqubana komoya wobuKristu nokuliwa kwemfazwe . . . kubonakala kusanda ngokucacileyo kwabaninzi, njengoko izixhobo ziya zisiba nobungozi ngakumbi.” Yaye iU.S.News & World Report yathi: “Udumo lobuKristu ehlabathini luye lonakaliswa kakhulu ngenxa yokusebenzisa ugonyamelo ngokuphindaphindiweyo kweentlanga ezizibiza ngokuba zingamaKristu.”
22. Yintoni enye abefundisi abanetyala layo kwixesha lethu?
22 Kwakhona, nangona ingasekho iNkundla yokuNcina Amakholwa engokwasemthethweni namhlanje, abefundisi baye basebenzisa uRhulumente ekutshutshiseni ‘abaprofeti nabangcwele’ abahlukileyo kubo. Baye banyanzelela iinkokeli zezobupolitika ukuba ‘zenze ububi zize zisithele ngomthetho.’ Ngaloo ndlela, baye babangela okanye bavumela nokuvalwa umlomo, ukuvalelwa entolongweni, ukubethwa, ukuthuthunjiswa kwanokubulawa kwabantu aboyika uThixo kule nkulungwane yethu.—ISityhilelo 17:6; INdumiso 94:20, IThe New English Bible.
Ukuphenduliswa
23. Kutheni le nto uThixo eya kumphendulisa nje umchasi-mthetho?
23 Ngokwenyaniso, kunqulo lobuxoki kuye kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele, nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni. (ISityhilelo 18:24) Ekubeni okona kuphalazwa kwegazi kugqithiseleyo kubonakale kwiNgqobhoko, abefundisi banelona tyala likhulu. Hayi indlela ehlab’ emxholweni ngayo iBhayibhile ngokubachaza ngokuthi ‘ngabachasi-mthetho’! Kodwa iLizwi likaThixo likwathi: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona.” (Galati 6:7) Ngoko uThixo uza kubaphendulisa abefundisi abachasa umthetho.
24. Ziziphi iziganeko ezigungqisa ihlabathi ekusele kumbovu ukuba zenzeke?
24 UYesu wathi: “Mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.” (Mateyu 7:23) Yaye wavakalisa oku: “Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.” (Mateyu 7:19) Alifikanga ligalelekile ixesha lokupheliswa komchasi-mthetho, kwakunye nalo lonke unqulo lobuxoki, xa oothunywashe bezobupolitika aye wahenyuza kunye nabo beya kumjikela: “Baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo.” (ISityhilelo 17:16) Ekubeni ezo ziganeko zigungqis’ ihlabathi sekumbovu ukuba zenzeke, abakhonzi bakaThixo bamele bazidandalazise kwabanye. Inqaku elilandelayo liza kuhlolisisa indlela ebebekwenza ngayo oku.
Imibuzo Yempinda
◻ Uyintoni umchasi-mthetho, yaye wavela njani?
◻ Sisiphi isiqhamo esihle amaKristu okwenyaniso amele asivelise?
◻ Iyintoni iBhabhiloni Enkulu, ibe lingakanani ityala legazi enalo?
◻ Yiyiphi ingxelo yokungahloneli Thixo eye yenziwa ngumchasi-mthetho?
◻ UThixo uza kumphendulisa njani umchasi-mthetho?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
IiMfazwe Zomnqamlezo zaphumela ekubeni kuphalazwe igazi ngokumasikizi egameni likaThixo nelikaKristu
[Inkcazelo]
By courtesy of The British Library
[Umfanekiso okwiphepha 19]
“Phantse ukuba bonke abefundisi bamaKatolika bebexhasa iimfazwe eziliwa ngamazwe abo”
[Inkcazelo]
U.S. Army