Ungaphoswa YiNdibano Yesithili “Yentetho Enyulu”!
Ulindelwe ziintsuku ezine eziyingenelo zemfundiso engokweBhayibhile. Yibakho xa kuqalisa ucwangciso nge-1:30 emva kwemini ngoLwesine. Nandipha intetho evusa umdla enomxholo othi “Ngaba Abahlobo Bakho Bangabahlobo BakaYehova?” ndawonye nentetho engumxholo ethi, “Intetho Enyulu Yazo Zonke Iintlanga.” Intetho yokuqukumbela yasemva kwemini ethi, “Ukusindisa Ubomi Bakho Ngegazi—Njani?” iya kuphendula umbuzo othi: Ngaba ngokwenene igazi liyimfuneko ukuze kusindiswe ubomi?
Ucwangciso lwentsasa yangoLwesihlanu luqalisa nge-9:30. Yibakho ukuze ungenelwe kwintetho yokuzihlolisisa enomxholo othi “UKristu ‘Wakuthiya Ukuchas’ Umthetho’—Ngaba Wena Unjalo?” nentetho echukumisayo enomxholo othi “Zichase Iingcamango Ezingento Zehlabathi, Sukela Izinto Eziyinene ZoBukumkani.” Ebudeni bocwangciso lwasemva kwemini, kuya kunikelwa amacebiso asebenzisekayo ngeendlela zokuphila ngokomlinganiselo wemali onayo. Abazali baya kuboniswa indlela abanokuzizalisekisa ngayo ngokunomphumo ngakumbi iimbopheleleko zabo, yaye umdlalo wezi mini uya kunikela ukhokelo olulunge ngakumbi kulutsha ngokuphathelele ukuba nenxaxheba kwimisebenzi yasemva kwesikolo.
Ucwangciso lwentsasa yangoMgqibelo luya kuba nentetho yozahlulelo nobhaptizo, ndawonye nokuqwalaselwa kwemfuneko yokuzincama ukuze wenze ufundisiso lweBhayibhile lobuqu. Intetho ethi “Inqwelo Yokulwa KaYehova Yasezulwini Iyahamba” iyechukumisayo kucwangciso lwasemva kwemini. Kwakhona, kuya kubakho amazwi anamandla okusikhumbuza ngembopheleleko yethu njengamaKristu yokunceda abo bamfanyekiswe lunqulo lobuxoki, yaye kuya kunikelwa uncedo olusebenzisekayo ukusingatha le mbopheleleko.
Qiniseka ukuba akuphoswa lucwangciso lwentsasa yangeCawa ukuze uve isigidimi esinamandla esiya kunikelwa nxamnye neNgqobhoko nabefundisi bayo. Oku kuya kulandelwa yintetho yomdlalo ekunxitywe kuwo iimpahla zamandulo nosekelwe kwiziganeko ezibandakanya ubomi bukaYehu nobukaYonadabhi. Yandula ke, ngemva kwemini, uqiniseke ukuba uyayiphulaphula intetho yesidlangalala enomxholo othi “Manyanani Ngentetho Enyulu.”
Ebudeni bukaNovemba noDisemba, kuza kuqhutywa iindibano ezingaphezu kwama-20 eMzantsi Afrika kuphela, ngoko kuya kubakho enye engekude nekhaya lakho. Dibana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni malunga nexesha nendawo yenye ekufutshane kuwe.