Ngaba Uyayixabisa Intlangano KaYehova Yasemhlabeni?
KHAWUPHOS’ iliso kwidayiman esikwe kakuhle nekhazimlayo, ubona ntoni? Ubona ilitye elihle ngokwenene. Ngoku khawuyijongisise loo dayimani ngesibonakhulu, ubona ntoni? Kusenokuba kukho imikrwelo, iintanda, nezinye izinto ezingathandekiyo.
Ngaba ubuya kuyitshisa okanye uyilahle le dayiman ngenxa nje yendlela ekhangeleka ngayo xa uyijonga ngesibonakhulu? Kakade ke ubungenakwenjenjalo! Khawususe nje isibonakhulu, yaye uya kubuxabisa ubuhle nokubengezela okugqwesileyo okuyenza ibalasele phakathi kwamanye amatye anqabileyo.
Njengedayiman, intlangano kaYehova yasemhlabeni ibalasele ngeendlela ezininzi. Ayikho enye intlangano emhlabeni enolwalamano olusenyongweni noMdali. Kwincwadi awayibhalela amaKristu athanjisiweyo enkulungwane yokuqala, awayenethemba lasezulwini, umpostile uPetros wathetha ngolu lwalamano lukhethekileyo. Wathi: “Nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo.” (1 Petros 2:9) Namhlanje isihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu,’ esinethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni, siye sathelela intsalela yolo “hlanga lungcwele” ekunquleni uThixo. (Yohane 10:16) Emanyene la maqela mabini abumba intlangano ebalaseleyo njengelitye elihle nelibengezela ngokugqwesileyo.
Kuphephe Ukujonga Abanye Ngeliso Eligxekayo
Kodwa simele siqonde ukuba le ntlangano yehlabathi lonke ibunjwe ngabantu abangafezekanga. Ngoko, bekuya kwenzeka ntoni ukuba besiyijonga ngesibonakhulu sokomfuziselo? Besingafumana utyekelo lwesono neempawu zobuntu ezingathandekiyo kwabo bantu bayinxalenye yayo.—Roma 3:23.
Umpostile uPawulos wavuma ukuba wayenazo iimpawu ezinjalo ezingathandekiyo. Wathi: “Kuthi, ndifuna ukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum.” (Roma 7:21) Onke amaKristu anomlo ofanayo. Onke ayazenza iimpazamo. Ngaphezu koko, ngaxa lithile abaninzi batsala nzima ngenxa yeempazamo zomnye umntu. Ngaba sifanele sidimazeke xa sibona iimpawu zokungafezeki esingazithandiyo kumaKristu esikhonza nawo? Ngaba oko kufanele kunciphise uxabiso lwethu ngentlangano kaYehova? Kakade ke akunjalo! Kunoko, sifanele, ngokungathi kunjalo, sisuse isibonakhulu size sahlukane nokunikel’ ingqalelo kwiimpawu zokungafezeki kwabantu.
IZibhalo zidwelisa iimpawu eziliqela eziphawula abo banomoya oyingcwele. Ezinye zazo “luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa.” (Galati 5:22, 23) Ngokwahlukileyo koko, iintlangano zonqulo, ezobupolitika nezorhwebo zeli hlabathi zidla ngokubonakalisa oko iBhayibhile ithi yimisebenzi yenyama: “intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo.” (Galati 5:20, 21) Ngaloo ndlela, njengedayiman ebengezelayo phakathi kwamatye aqhelekileyo, abantu bakaYehova babalasele phakathi kwehlabathi elonakeleyo ngokomoya.—Mateyu 5:14-16.
“Nigqibelele Ngqiqweni-nye”
Enye into ebalasele ngayo idayiman kukwakheka kwayo ngendlela emanyeneyo, iiathom zayo ziyimbumba eqinileyo. Ngokufanayo, intlangano kaYehova yasemhlabeni ibonakalisa umanyano olungenakulinganiswa ngokwemfundiso nangobuzalwana. Abo bayinxalenye yaloo ntlangano basebenzisa isiluleko esifunyanwa eBhayibhileni kweyoku-1 kwabaseKorinte 1:10, esithi: “Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.”
Kwakhona amaNgqina kaYehova awanalo ikhethe lobuzwe nekratshi lobuhlanga. Ekubeni ‘enobulumko baphezulu,’ wona ‘awanamkhethe.’ (Yakobi 3:17, TE) Siyamzukisa uYehova ngoko aye wakufeza kule nkalo kwintlangano ebunjwe ngabantu abangafezekanga.
Ngokwahlukileyo koku, iphephancwadi elithi The Christian Century, libhekisela kowe-1990, lathi “ihlabathi libonakala lingavisisani ngakumbi kunangaphambili lisahlulwa ngamaqela onqulo naziingcamango zesithethe nezobuhlanga ezihlobene neenkolelo zonqulo. Ukususela eIndiya kuse eYurophu nokususela kuMbindi Mpuma ukuya kuthi xhaxhe ngePasifiki, unqulo lungumgubo wengxow’ enye namaqela esithethe nawobuhlanga—nto leyo edla ngokuphumela kwiinguqulelo zeepolitiki.” Ngokucacileyo, abo banqwenela ukukhonza uThixo banokusuka nje baphethukele kwintlangano enye enomoya kaYehova nayisikelelayo.
‘Ndilenze Lanjengedayiman Ibunzi Lakho’
Idayiman lelona litye lemvelo lilukhuni kwawaziwayo ngabantu. IBhayibhile ithetha ngokusetyenziswa kweedayiman ukubhala okanye ukukrola ezintweni ezomeleleyo. (Yeremiya 17:1) Kwakhona, phawula la mazwi uYehova wawathetha kuHezekile: “Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuso babo; ibunzi lakho libe njengedayiman, elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho.” (Hezekile 3:8, 9) UYehova wanika uHezekile uzimiselo olunzima njengedayiman olwamncedayo ukuprofeta kubantu abantamo zilukhuni.—Hezekile 2:6.
Ngokufanayo namhlanje, uYehova unike abantu bakhe ubulukhuni obunjengobedayiman ukuze bajamelane nenkcaso enkulu. AmaNgqina kaYehova aye anyamezela ukuvalwa ngokusemthethweni komsebenzi wawo, ukuhlaselwa ngamahlokondiba, ukubulawa ngokungekho mthethweni, ukubethwa, ukuphoswa ezintolongweni okungekho sikweni, ukuthuthunjiswa kwanokugwetyelwa ukufa. Sekunjalo, aye abonisa ukuba ukholo lwawo alunakwaphulwa.
“Abakhonzi Bam Baya Kuvuya”
IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukufika kwexesha laxa abantu babeya kuba “nokumila kokuhlonela uThixo” kodwa ‘bewakhanyela amandla ako.’ (2 Timoti 3:1, 5) Elinye iphephandaba linikela ingxelo yokuba “onke amaProtestanti, amaRoma Katolika namaYuda akhathazekile ngokuhla kwamanani” kwiicawa nezindlu zawo zesikhungu. Kwelinye icala, amaNgqina kaYehova angabafundi abazinikeleyo beBhayibhile. Besanda ngenani, abaselula nabakhulileyo, amadoda namabhinqa, bonke babakho kwiintlanganiso zeeveki ngeeveki. Ileta eyayibhalelwe elinye iphephandaba yathetha ngawo isithi “unqulo lwawo yeyona nto ayixabisileyo, ibe ekuphela kwento ewaxhalabisayo kukwabelana nabanye ngalo.”
Isimo sengqondo esinjalo sibangela ukuba intlangano kaYehova ibalasele njengedayiman enqabileyo. Ibe uzuko luya kuLowo womeleza nowalathisa abantu abangafezekanga ngomoya wakhe oyingcwele.
Umprofeti uIsaya waxela kwangaphambili oku: “Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla . . . yabonani, abakhonzi bam baya kusela . . . yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya . . . Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo.”—Isaya 65:13, 14.
Namhlanje sibona inzaliseko yesi siprofeto. UThixo ubanyamekela abantu bakhe ngendlela egqwesileyo! Ngenxa yoko, ukuba unxulumana nabo, musa ukuvumela indlela ephosakeleyo yokucinga ikubandeze uvuyo lwakho. Zihlole zonke ezi nkalo uze ukhumbule oku: Ayikho emhlabeni enye intlangano enyanyekelwa nekhuselwa ngokukhethekileyo nguThixo. Ungaze uyeke ukuxabisa ilungelo lakho lokuba yinxalenye yayo.