IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 11/15 iphe. 4-6
  • Ngaba Ukuhlonela Izinto Zabangasekhoyo Kuyamkholisa UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukuhlonela Izinto Zabangasekhoyo Kuyamkholisa UThixo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithini IBhayibhile?
  • Kuchasene Neemfundiso ZeBhayibhile
  • Isizathu Sokuba Besebenzisa Izinto Zabangasekhoyo Elunqulweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Iindlela “Iingcwele” Ezijongwa Ngayo Namhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • IiNgcwele
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Ingcwaba LikaPetros—Ngaba LiseVatican?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 11/15 iphe. 4-6

Ngaba Ukuhlonela Izinto Zabangasekhoyo Kuyamkholisa UThixo?

IGAZI lika-“San Gennaro,” ekuthiwa lidla ngokuba lulwelo ngokuqhelekileyo izihlandlo ezithathu ngonyaka, yenye yezinto ezininzi zabangasekhoyo ezisetyenziswa elunqulweni. Kunjalo nangeSithandelo saseTurin, ekuthiwa kwakuthandelwe ngaso umzimba kaYesu Kristu. Phakathi kwezinto ezinjalo ezinxulunyaniswa noYesu ngumandlalo ekucingelwa ukuba wayelala kuwo xa wayelusana (kwindlu enkulu yecawa eRoma), incwadi yakhe yopelo-magama nezikhonkwane ezingaphezu kwewaka ekuthiwa zasetyenziswa ekuxhonyweni kwakhe emthini! Kwakhona izinto zabangasekhoyo ezisetyenziswa elunqulweni zibandakanya iintloko eziliqela zikaYohane uMbhaptizi ibe, kwiindawo ezahlukahlukeneyo zaseYurophu, kukho imizimba emine ekuthiwa yeka-“Santa Lucia.”

Phakathi kwezixeko ezidume ngokukhethekileyo ngokugcina izinto ezasalayo zabangasekhoyo yiTrier, eJamani, apho enye ‘yeengubo ezininzi ezingcwele’—ingubo yangaphantsi engenamthungo eyayinxitywa nguYesu Kristu—ilondolozwe khona. KwisiXeko seVatican kukho izinto ezingaphezu kwewaka ezashiywa ngabangasekhoyo ezigcinwe kwindawo ekhethekileyo yokugcina izinto ezibalulekileyo. Kukho amawaka-waka ezinto zabangasekhoyo ezisetyenziswa elunqulweni ezigcinwe kwicawa ‘yeNgcwele u-Ursula’ eCologne, eJamani. Uludwe alupheli. Ewe, eItali kuphela, kukho iindawo ezingama-2 468 ezibizwa ngokuba ziindawo ezingcwele ezinezinto zabangasekhoyo ezisetyenziswa elunqulweni!

Ukuhlonela izinto zabangasekhoyo kukholelwa ukuba kwaqaliswa ngenkulungwane yesine yeXesha lethu Eliqhelekileyo, njengoko kunjalo nangokuhlonelwa ‘kweengcwele.’ Ngenxa yezizathu zonqulo, ezoqoqosho kwanezobupolitika, inani lezinto zabangasekhoyo liye ngokuthe ngcembe landa ukutyhubela iinkulungwane, ibe kukho amawaka azo namhlanje. IBhunga Lesibini LaseVatican laqinisekisa kwakhona ukuba “ngokwesithethe sayo, iCawa iyazihlonela iingcwele nezinto zokwenene ezazishiyayo nemifanekiso eqingqiweyo yazo.” (Constitution “Sacrosanctum Concilium” sulla sacra Liturgia, kwi-I Documenti del Concilio Vaticano II, yowe-1980, nguEdizioni Paoline) “Izinto ezidumileyo zabangasekhoyo, kwanezo zihlonelwa ngabantu abaninzi,” zikhankanyiwe kwiCodex Iuris Canonici (uMgaqo-siseko weCawa) owabhengezwa nguJohn Paul II ngowe-1983. (UMgaqo 1190). KwanamaTshetshi namalungu eecawa zobuOthodoki ayazihlonela izinto zabangasekhoyo.

Ekubeni kukho izikhonkwane ezininzi kangaka ekuthiwa uKristu wabethelelwa ngazo neentloko zikaYohane uMbhaptizi, kucacile ukuba izinto zabangasekhoyo ezisetyenziswa elunqulweni zizinto eziyinkohliso. Ngokomzekelo, uhlolisiso lwezinto zakudala lwangqina ukuba iSithandelo saseTurin ayisiso esokwenene. Okubangel’ umdla kukuba, ebudeni beengxoxo ezishushu kushikixwa lo mbandela ngowe-1988, ummeli owaziwayo waseVatican uMarco Tosatti wabuza oku: “Ukuba uhlolisiso lwenzululwazi olusetyenziswe kwesi Sithandelo belusetyenziswe kwezinye izinto ezihlonelwayo ngabantu abaninzi, besiya kuba yintoni isigqibo?”

Ngokucacileyo, akukho mntu uchubekileyo ebeya kufuna ukuhlonela izinto ezingeyonyaniso ekuthiwa zashiywa ngabangasekhoyo. Kodwa ngaba leyo kuphela kwenkalo efanele ukuqwalaselwa?

Ithini IBhayibhile?

IBhayibhile ayitsho ukuba abantu bakaThixo abanyuliweyo, amaSirayeli amandulo, ayehlonela izinto zabangasekhoyo ezisetyenziswa elunqulweni ngoxa ayesebukhobokeni eYiputa. Liyinyaniso elokuba, usolusapho uYakobi wafela eYiputa aza amathambo akhe athwalwa aya kungcwatyelwa kwilizwe lakwaKanan ‘emqolombeni osentsimini yaseMakapela.’ Nonyana wakhe uYosefu wafela eYiputa, aza amathambo akhe kamva athatyathwa aza angcwatyelwa kwelakwaKanan. (Genesis 49:29-33; 50:1-14, 22-26; Eksodus 13:19) Noko ke, akukho apho iZibhalo zibonisa khona ukuba amaSirayeli ayekhe awanqula amathambo kaYakobi nakaYosefu njengezinto ezashiywa ngabangasekhoyo.

Kwakhona, qwalasela okwenzekayo kwimeko yomprofeti uMoses. Ngokolwalathiso lukaThixo, wawakhokela amaSirayeli iminyaka engama-40. Wandula ke, xa wayeneminyaka eli-120, wenyuka iNtaba yeNebho, walibona iLizwe Ledinga, waza wafa. UMikayeli osisiphatha-zithunywa zezulu wabangisana noMtyholi ngomzimba kaMoses, ibe uSathana wathintelwa kuwo nawuphi na umzamo wokuwusebenzisela ukubambisa amaSirayeli ukuba anqule izinto zabangasekhoyo. (Yuda 9) Nakubeni kuqondakala ukuba akuzilela ukufa kukaMoses, awazange awahlonele amathambo akhe. Enyanisweni, uThixo wenza ukuba into enjalo ingenzeki ngokuwungcwabela umzimba kaMoses kwingcwaba elingaziwayo kwindawo engaziwayo ngabantu.—Duteronomi 34:1-8.

Abantu abathile abakhuthaza ukuhlonelwa kwezinto zabangasekhoyo bacaphula eyesi-2 yooKumkani 13:21, ethi: “Kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha [umprofeti]. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.” Lo yayingummangaliso owawubandakanya amathambo angaphiliyo omnye wabaprofeti bakaThixo. Kodwa uElisha wayefile yaye ‘engazi lutho’ ngexesha lokwenzeka kwalo mmangaliso. (INtshumayeli 9:5, 10) Ngenxa yoko, olu vuko lwenziwa ngamandla kaYehova uThixo asebenza ngokungummangaliso, awawasebenzisa ngomoya wakhe oyingcwele, okanye amandla asebenzayo. Kukwafanele kuphawulwe ukuba iZibhalo azithi amathambo kaElisha ayekhe anqulwa.

Bambi kwiNgqobhoko baxhasa ukuhlonelwa kwezinto zabangasekhoyo ngenxa yoko kuthethwa kwiZenzo 19:11, 12, apho sifunda ukuba: “Waye noThixo esenza ngezandla zikaPawulos [umpostile] imisebenzi yamandla engahlali isihla; ngokokude kusiwe nakwimilwelwe iiqhiya nemibhinqo, ivela emzimbeni wakhe, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo.” Nceda uphawule ukuba yayinguThixo owenza loo misebenzi yamandla engahlali isihla esebenzisa uPawulos. Lo mpostile akazange ayenze imisebenzi enjalo ngokunokwakhe, ibe akazange akwamkele ukuhlonelwa okwakuvela kuye nawuphi na umntu.—IZenzo 14:8-18.

Kuchasene Neemfundiso ZeBhayibhile

Enyanisweni, ukunqula izinto zabangasekhoyo kuchasene neemfundiso eziliqela zeBhayibhile. Ngokomzekelo, inkalo eyimfuneko ekuhloneleni okunjalo kukukholelwa ekungafini komphefumlo womntu. Izigidi zamalungu azinikeleyo eecawa zikholelwa ukuba imiphefumlo yabo bonke abo bamiselweyo nabahlonelwayo ‘njengeengcwele’ iyaphila ezulwini. Aba bantu banyanisekileyo bayathandaza kwezi “ngcwele,” befuna inkuselo yazo yaye bezicela ukuba zibathethelele kuThixo. Enyanisweni, ngokwenye intshumayelo, amaKatolika athi izinto ezashiywa ngabangasekhoyo ‘zinamandla iNgcwele enawo okuxolelanisa noThixo.’

Noko ke, ngokweBhayibhile, umphefumlo womntu uyafa. Abantu abanayo imiphefumlo engafiyo ekwaziyo ukuphila ngaphandle komzimba emva kokufa. Kunoko, iZibhalo zithi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” (Genesis 2:7) Kunokuba ifundise ukuba abantu banemiphefumlo engafiyo, iBhayibhile ithi: “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4) Oku kusebenza kubo bonke abantu—kuquka nabo kamva bamiselwa ‘njengeengcwele’—ngenxa yokuba sonke sazuz’ ilifa isono nokufa kumntu wokuqala, uAdam.—Roma 5:12.

Ukuhlonela “iingcwele” kufanele kuphetshwe ngenxa yokuba azizange zigunyaziswe ukuxolelanisa nabani na noThixo. UYehova uThixo wayalela ukuba kuphela nguNyana wakhe, uYesu Kristu, onokukwenza oku. Umpostile uPawulos wathi uYesu “akazange asifele nje kuphela—wavuka ekufeni, yaye umi ngasekunene kukaThixo ibe uyasithethelela.”—Roma 8:34, The Jerusalem Bible; thelekisa uYohane 14:6, 14.

Esinye isizathu sokukuphepha ukuhlonela “iingcwele” nezinto ezinqulwayo ezazishiyayo sikoko iBhayibhile ikuthethayo ngokunqula izithixo. Omnye weMithetho Elishumi eyanikelwa kumaSirayeli wathi: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele.” (Eksodus 20:4, 5) Kwiinkulungwane kamva, umpostile uPawulos wawaxelela oku amaKristu awayekhonza kunye nawo: “Zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.” (1 Korinte 10:14) Ngokufanayo, umpostile uYohane wabhala oku: “Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo.”—1 Yohane 5:21.

Ngoko ke, ukuhlonela “iingcwele” ezimiselweyo nokunqula izinto ezazishiyayo akuxhaswa yiBhayibhile. Noko ke, bambi abantu banomnqweno wokuba kubekho into egqalwa njengengcwele enokubonwa ize ichukunyiswe nekucingelwa ukuba inamandla okusindisa. Eneneni, abaninzi bazigqala izinto zabangasekhoyo abazinqulayo njengekhonkco elibonakalayo elidibanisa izulu nomhlaba. Nceda ukhe ucinge ngale nkalo okomzuzwana.

Asingakubona nakuchukumisa izinto ezinqulwayo ezashiywa ngabangasekhoyo athi umntu enze ngokuvisisana namazwi kaYesu angendlela uThixo afuna ukunqulwa ngayo. UYesu wathi: “Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:23, 24) UYehova uThixo “unguMoya,” akabonakali emehlweni abantu. Ukumnqula “ngoMoya” kuthetha ukuba inkonzo yethu engcwele kuThixo ishukunyiswa yintliziyo ezele luthando nokholo. (Mateyu 22:37-40; Galati 2:16) Asinakumnqula uThixo ‘ngenyaniso’ ngokuhlonela izinto zabangasekhoyo kodwa kuphela ngokuchasa ubuxoki bonqulo, sifunde ukuthanda kwakhe njengoko kutyhilwe eBhayibhileni, size sikwenze.

Ngoko ke, akumangalisi ukuba umphengululi uJames Bentley ekuvuma ukuba ‘amaHebhere amandulo ayengazinquli izinto zabangasekhoyo.’ Kwakhona uthi ebudeni beenkulungwane ezine phakathi kokufa kukaStefano nokukhutshwa emangcwabeni kwesidumbu sakhe nguLucian, isimo sengqondo samaKristu ngakwizinto zabangasekhoyo saguquka ngokupheleleyo. Noko ke, ngenkulungwane yesihlanu yeXesha lethu Eliqhelekileyo iNgqobhoko ewexukileyo ibisele ikuyekile ukunamathela kwiimfundiso zeBhayibhile ezicacileyo ezingokunqula izithixo, imeko yabafileyo nendima kaYesu Kristu njengalowo ‘usithethelelayo.’—Roma 8:34; INtshumayeli 9:5; Yohane 11:11-14.

Ukuba sifuna unqulo lwethu lumkholise uThixo, sifanele siqiniseke ukuba alunxibelelananga nalo naluphi na uhlobo lokunqula izithixo. Ukuze lwamkeleke, unqulo lwethu lufanele lusiwe kuMdali, uYehova uThixo, ingekuko kuyo nayiphi na into yomntu ongasekhoyo okanye isidalwa. (Roma 1:24, 25; ISityhilelo 19:10) Kwakhona simele sibe nolwazi oluchanileyo lweBhayibhile size sakhe ukholo olomeleleyo. (Roma 10:17; Hebhere 11:6) Yaye ukuba sihamba ngendlela yonqulo oluyinyaniso, siya kwenza ngokuvisisana nobungqina oboyisayo beZibhalo bokuba ukuhlonela izinto zabangasekhoyo akumkholisi uThixo.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Amathambo kaElisha akazange anqulwe nangona ayebandakanyeke eluvukweni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share