Imibuzo Evela Kubafundi
Yintoni anokuyenza umKristu xa engalifumani iqabane lomtshato elifanelekileyo?
Nangona singamaKristu azinikeleyo, sisenokubandezeleka xa oko sikulindele ngokunyanisekileyo kungenzeki. Iimvakalelo zethu zichazwe kakuhle kwiMizekeliso 13:12 ethi: “Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo.” Le yindlela wambi amaKristu aye avakalelwa ngayo xa ebenomnqweno wokutshata kodwa engafumani qabane lifanelekileyo. Oku kunjalo ngokukodwa kwabo umpostile uPawulos abachaza ‘njengabatshiswa yinkanuko.’—1 Korinte 7:9, NW.
UYehova wabenza abantu banomnqweno wokufumana umphelelisi wokwenene kuthile wesini esahlukileyo. Ngenxa yoko, akumangalisi ukuba iimvakalelo ezilolo hlobo ziwafikela ngamandla amaKristu amaninzi angatshatanga. (Genesis 2:18) Ezi mvakalelo ziqhelekileyo zisenokuba namandla apho ibutho labantu ligxininisa kakhulu ekutshateni (okanye ukutshata kubudala obuthile) okanye xa amaKristu angatshatanga engqongwe zizibini ezitshatileyo nezonwabileyo ebandleni. Noko ke, akulunganga ukuvumela ukuxhalaba kuqhubeke ixesha elide. Ngoko amaKristu anyanisekileyo anokuqhubana njani nale meko ngaphandle kokukhathazeka ngokugqithiseleyo?
Oku akulula, yaye abanye abafanele bakujonge ukuxhalatyiswa koku ikukuzibaxa izinto okanye kuyingxaki nje engenamsebenzi. Kodwa ubukhulu becala, ukukwazi ukujamelana okanye ukuyilungisa imeko kuxhomekeke kumanyathelo umntu ongatshatanga anokuwathabatha.
Sifumana isikhokelo kulo mgaqo usebenzisekayo weBhayibhile othi: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” (IZenzo 20:35) Loo mazwi athethwa ngumntu owayengatshatanga uYesu Kristu, yaye wayekwazi kakuhle oko wayekuthetha. Ukwenzela abanye izinto unentshukumisa yokungazingci sisalathiso esilungileyo ekuncedeni ngamnye wethu ukuba oyise iimvakalelo ezibangelwe kukulinda okubanjezelweyo. Kuthetha ntoni oku ngokuphathelele umKristu ongatshatanga?
Zabalazela ukwenzela intsapho yakho nabanye ebandleni izenzo zobubele, uze wandise umsebenzi wakho kubulungiseleli. Eli cebiso asikokuthi nje, ‘Zigcine uxakekile, ngoko uya kulibala ngombandela wokufuna ukutshata.’ Akunjalo. Ngokuzixakekisa ngale misebenzi yobuKristu enemveliso, uya kufumanisa ukuba uba ‘ngoqinileyo entliziyweni, unegunya lokwenza ngokuthanda kwakho’ yaye unokuyisebenzisa imeko okuyo ngoku ngendlela eyingenelo.—1 Korinte 7:37.
Bambi ebebekunqwenela ngamandla ukutshata baye bakuvumela oku ukuba kuzithimbe ngokupheleleyo iingqondo zabo. Bade bafikelela kwinqanaba lokude babhengeze kumaphephandaba ukuba bafuna iqabane. Noko ke, hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukugxininisa ngakumbi ekuqondeni iingenelo ezinokuzuzwa kwixesha laxa ungekatshati.—Nceda ubone amanqaku athi: “Ukungatshati Kodwa Ufanelekele Inkonzo KaThixo” nelithi “Ukungatshati—Kuyindlela Yobomi Enomvuzo” kwiMboniselo kaNovemba 15, 1987 nelithi “Ngaba Umtshato Ukuphela Kwesikhokelo Solonwabo?” kwiMboniselo kaMeyi 15, 1992.
Thandaza kuYehova ukuba akuncede unyamezele imeko yokungatshati. (Filipi 4:6, 7, 13) AmaKristu amaninzi angatshatanga aye afumanisa ukuba ngokusebenzisa ixesha lawo ekufundisiseni nasekucamngceni ngeLizwi likaThixo nangokubakho aze abe nesabelo kwiintlanganiso zamaKristu, ‘ahlaziyeka emiphefumlweni ngokongezelelekileyo,’ njengoko uYesu wathembisayo kwabo bamlandelayo. (Mateyu 11:28-30, NW) Oku kubancedile ukuba bakhulise ubumoya, ukuze babe baya kuba ngamadoda okanye abafazi abalunge ngakumbi ukuba ekuhambeni kwexesha kuyenzeka bafumane iqabane elifanelekileyo.
Ungaze ulibale ukuba uYehova uyayiqonda imeko yabo bonke abantu abangatshatanga abamkhonzayo. Uyazi ukuba usenokuvakalelwa kukuba imeko ojamelene nayo ngoku ubungasayi kukhetha yona. Kwakhona uBawo wethu onothando wasezulwini uyakuqonda oko kuya kuba yingenelo ehlala ihleli kuwe, ngokwasemoyeni nangokweemvakalelo. Ngokulandelayo unokuqinisekiswa kukwazi ukuba: Ngokulindela ngomonde kuYehova nangokusebenzisa imigaqo yeLizwi lakhe kubomi bemihla ngemihla, unokuqiniseka ukuba uya kuzanelisa ezona ntswelo zakho zibalulekileyo ngendlela eyingenelo ehlala ihleli kuwe.—Thelekisa INdumiso 145:16.