IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 2/15 iphe. 3-4
  • IParadisi Okanye Indawo Yokulahla Inkunkuma—Ukhetha Yiphi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IParadisi Okanye Indawo Yokulahla Inkunkuma—Ukhetha Yiphi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oku Akwenzeki ‘KwiParadisi’ Kuphela
  • Ayinabungozi Kangako Kodwa Iphazamisa Kakhulu
  • Onjani Wona Ukuba Mkhulu Umsebenzi!
  • Vuyela Umhlaba Ococekileyo Osemnyango!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukushenxisa Ungcoliso Entliziyweni Nasengqondweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ungcoliso—Ngubani Olubangelayo?
    Vukani!—1990
  • Lubaluleke Kangakanani Ucoceko?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 2/15 iphe. 3-4

IParadisi Okanye Indawo Yokulahla Inkunkuma—Ukhetha Yiphi?

AKUKHO mntu wayenokungamqondi oko wayekuko: wayengumkhenkethi waseYurophu ofuna ukuphumla yaye olangazelela ukunandipha ukukhanya kwelanga kwisiqithi esiyiparadisi. Enqumla kwiingqumba ezinkulu zentlabathi ezigudle unxweme, wahamba ngononophelo phakathi kwenkunkuma yeebhotile ezilahliweyo, iinkonkxa, neeplastiki, amaphepha okusongela iitshungama neelekese, amaphephandaba namaphephancwadi. Kubonakala ukuba uyacaphuka, wayezibuza ukuba ngaba yiloo paradisi awayesiza kuyo na le.

Ngaba wakhe wehlelwa yinto efana nale? Kutheni abantu bephupha ngokuya kuchithela ikhefu kwiparadisi ethile, kodwa bakufika apho, kubonakale ngathi abaphozisi maseko ekuyenzeni ibe yindawo yokulahla inkunkuma yokwenene?

Oku Akwenzeki ‘KwiParadisi’ Kuphela

Oku kungakhathalelwa kobuhle, ukubukeka nococeko akuphelelanga ‘kwiiparadisi’ abakhenkethi abaninzi abatyelela kuzo. Ibutho labantu namhlanje lithwaxwa ngokunzulu lungcoliso phantse kuyo yonke indawo. Amashishini amaninzi abangela ungcoliso ngenxa yokukhupha iitoni zokungcola. Ukungcola okuyityhefu okulahlwa nje naphi na nokuchitheka kweoli ngempazamo kusongela ukonakalisa imimandla emikhulu yomhlaba wethu, kuyenze kube nzima ukuphila kuyo.

Neemfazwe ziyangcolisa. Njengoko ihlabathi lalibukele lisoyika, imfazwe eyayisiliwa kwiPersian Gulf ngowe-1991 yabangela uloyiko olungakumbi. Imikhosi yaseIraq ngabom yatshisa imithombo yeoli enokuba ngama-600, iguqulela iKuwait ekubeni “ngumbono wesihogo wesityhilelo,” njengoko iphephandaba laseYurophu layichazayo. Iphephancwadi laseJamani iGeo lasibiza esi sihogo ngokuthi “yeyona ntlekele inkulu yakha yenziwa ngabantu kwimeko-bume.”

Ekupheleni kwemfazwe, ngokukhawuleza kwaqaliswa umsebenzi wokucoca. Ukucima imithombo yeoli eyayisitsha kukodwa kwaba ngumsebenzi onzima nowathabatha iinyanga ezininzi. Intlangano Yezempilo Yehlabathi yathi ukwanda kongcoliso eKuwait kusenokubangela umlinganiselo wokufa apho wande nge-10 ekhulwini.

Ayinabungozi Kangako Kodwa Iphazamisa Kakhulu

Amawaka-waka eendlela ezingenkulu kangako zokungcoliswa kwemeko-bume ayimizekelo yeendlela eziphawulekayo nezinkulu zokungcoliswa kwemeko-bume. Abantu abangcolisa iindawo zikawonke-wonke nababhali beendonga “abangamagcisa” banokuba ngabangcolisi abangenabungozi kangako, kodwa sekunjalo banegalelo ekuthinteleni isijikelezi-langa esinguMhlaba ekubeni yiparadisi.

Kwezinye iindawo ukubhalwa kweendonga kuqheleke kangangokuba abemi baye “bangayiboni imibhalo esezindongeni.” Imibhalo ibhalwa koololiwe abahamba kwindlela ephantsi komhlaba, kwiindonga zezakhiwo, nakwizindlu zeemfonomfono. Imibhalo ayisapheleliswanga kwiindonga zezindlu zangasese zikawonke-wonke.

Ezinye izixeko zizele zizakhiwo eziwayo nezingasasetyenziswayo. Iindawo zokuhlala zonakaliswa ngamakhaya neeyadi ezingacocekanga. Iinqwelo-mafutha ezindala, oomatshini abalahliweyo, nobutyobo bezinto ezindala ezingenaxabiso zenza inkunkuma kwiiyadi zeefama ebezinokukhangeleka kakuhle ukuba bezingekho.

Kwezinye iindawo abantu babonakala bengakukhathalele ukuhlala bengcolile emizimbeni. Ukuhamba komntu onxibe nozilungise ngendlela yokungakhathali phakathi kwabantu kusenokungabi yonto eyamkelekileyo nje kuphela koko kusenokude kube sefashonini. Abo bathanda ubuhomba nokucoceka bajongwa njengabantu ekungekho yabo nabangalandeliyo.

Onjani Wona Ukuba Mkhulu Umsebenzi!

Elinjani lona ukuba likhulu iphulo lokucoca ebekuya kufuneka lenziwe ukuguqulela unxweme, amahlathi, neentaba zekhaya lethu elingumhlaba kwiparadisi eboniswa kumaqweqwe amaphephancwadi aqheleqhele anikwa abakhenkethi—kungasathethwa ngoko bekuya kufuneka kwenziwe kwizixeko, iidolophu, neefama nakubantu ngokwabo!

Kamva ngaloo mini umkhenkethi okhankanywe ngaphambili wavuya kukubona iqela labantu licoca obo butyobo kuloo mmandla. Noko ke, lashiya iingceba zeglasi ezaphukileyo, iziciko zeebhotile, izivalo zeenkonkxa, nezitompi ezininzi zemidiza. Ngoko nasemva kokucoca, kwakusekho ubungqina obuninzi bokuba umhlaba wawubonakala njengendawo yokulahla inkunkuma kunokuba ubonakale njengeparadisi.

Ukucocwa komhlaba wonke ukuze kuhlangulwe esi sijikelezi-langa singuMhlaba ekubeni yindawo yokulahla inkunkuma kuya kufuna ukuba kushenxiswe zonke ezo ntsalela zinjalo zezi zinto zonakalisayo. Ngaba akho amathemba okuba ukucoca okunjalo kuya kwenzeka? Ukuba akho, kuya kwenziwa njani? Ngubani oyakwenza oko? Nini?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share