IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 2/15 iphe. 7
  • Vuyela Umhlaba Ococekileyo Osemnyango!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Vuyela Umhlaba Ococekileyo Osemnyango!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • IParadisi Okanye Indawo Yokulahla Inkunkuma—Ukhetha Yiphi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukushenxisa Ungcoliso Entliziyweni Nasengqondweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • UYehova Uthanda Abantu Abacocekileyo
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • Ucoceko—Ngokwenene Luthetha Ukuthini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 2/15 iphe. 7

Vuyela Umhlaba Ococekileyo Osemnyango!

HAYI indlela esinokuvuya ngayo kuba uYehova, uThixo wolungelelwano nococeko, eya kuyizalisekisa injongo yakhe yamandulo yokwenza umhlaba wonke ukuba ube yiparadisi! (Isaya 11:6-9) Uyathembisa: “Ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.” ‘UThixo akanako ukuxoka,’ ngoko la asingomazwi obuxoki.—Isaya 55:11; Hebhere 6:18.

Sinokukhululeka kuba uYehova ngothando eya kungenelela ngaphambi kokuba abantu bagabadele, bafikelele kumkhamo apho ukonakaliswa kwendalo kungenakuba salawuleka!—ISityhilelo 11:18.

UYehova uya kubashenxisa abo bangaguqukiyo ekungcoliseni ngabom nabantu abaya kuthi ngemvukelo bayityeshele imigaqo yakhe yolungelelwano nococeko. Akukho bani uya kuvunyelwa ukuba abeke engozini iParadisi ebuyiselweyo.—IMizekeliso 2:20-22.

Ebudeni bolawulo loBukumkani bukaThixo, phantsi kolwalathiso lukaKristu Yesu, abantu baya kufundiswa indlela yokushenxisa nabaphi na oonobangela bokungcolisa umhlaba abaya kube besasele. Ngelo xesha—kungekhona ngoku—kuya kube kunyanzelekile ukuba bonke abakhonzi bakaThixo babandakanyeke ngenkuthalo kwimilinganiselo yobuqu nanjengeqela eya kuba luncedo ekucocweni komhlaba wonke okungenakulinganiswa nanto.—Thelekisa uHezekile 39:8-16.

Abasindi bale nkqubo ingendawo yezinto ikhoyo ngoku baya kuxhasa olu cwangciso lokucocwa komhlaba ngozinikelo nangenzondelelo efana naleyo banayo kwiphulo lokucoca ngokomoya lanamhlanje.—INdumiso 110:3.

Umhlaba ocociweyo ngokuqinisekileyo uza kubakho, usandulelwa lelona phulo likhulu lokucoca lakha lakho, eliya kufezwa ngoBukumkani bukaThixo. Zonke iindlela zongcoliso ziya kushenxiswa. Akuyi kubakho zindonga zirhoqoziweyo. Akuyi kubakho zibhotile zilahliweyo, iinkonkxa, iingxowa zeplastiki, amaphepha okusongela iitshungama neelekese, amaphephandaba namaphephancwadi aya kwenza inkunkuma kulo naluphi na unxweme okanye indawo eyiparadisi.

Vuyela umhlaba ococekileyo osemnyango!

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ngaba uya kube unenxaxheba ekucocweni komhlaba wonke okuza kwenziwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share