Vuyela Umhlaba Ococekileyo Osemnyango!
HAYI indlela esinokuvuya ngayo kuba uYehova, uThixo wolungelelwano nococeko, eya kuyizalisekisa injongo yakhe yamandulo yokwenza umhlaba wonke ukuba ube yiparadisi! (Isaya 11:6-9) Uyathembisa: “Ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.” ‘UThixo akanako ukuxoka,’ ngoko la asingomazwi obuxoki.—Isaya 55:11; Hebhere 6:18.
Sinokukhululeka kuba uYehova ngothando eya kungenelela ngaphambi kokuba abantu bagabadele, bafikelele kumkhamo apho ukonakaliswa kwendalo kungenakuba salawuleka!—ISityhilelo 11:18.
UYehova uya kubashenxisa abo bangaguqukiyo ekungcoliseni ngabom nabantu abaya kuthi ngemvukelo bayityeshele imigaqo yakhe yolungelelwano nococeko. Akukho bani uya kuvunyelwa ukuba abeke engozini iParadisi ebuyiselweyo.—IMizekeliso 2:20-22.
Ebudeni bolawulo loBukumkani bukaThixo, phantsi kolwalathiso lukaKristu Yesu, abantu baya kufundiswa indlela yokushenxisa nabaphi na oonobangela bokungcolisa umhlaba abaya kube besasele. Ngelo xesha—kungekhona ngoku—kuya kube kunyanzelekile ukuba bonke abakhonzi bakaThixo babandakanyeke ngenkuthalo kwimilinganiselo yobuqu nanjengeqela eya kuba luncedo ekucocweni komhlaba wonke okungenakulinganiswa nanto.—Thelekisa uHezekile 39:8-16.
Abasindi bale nkqubo ingendawo yezinto ikhoyo ngoku baya kuxhasa olu cwangciso lokucocwa komhlaba ngozinikelo nangenzondelelo efana naleyo banayo kwiphulo lokucoca ngokomoya lanamhlanje.—INdumiso 110:3.
Umhlaba ocociweyo ngokuqinisekileyo uza kubakho, usandulelwa lelona phulo likhulu lokucoca lakha lakho, eliya kufezwa ngoBukumkani bukaThixo. Zonke iindlela zongcoliso ziya kushenxiswa. Akuyi kubakho zindonga zirhoqoziweyo. Akuyi kubakho zibhotile zilahliweyo, iinkonkxa, iingxowa zeplastiki, amaphepha okusongela iitshungama neelekese, amaphephandaba namaphephancwadi aya kwenza inkunkuma kulo naluphi na unxweme okanye indawo eyiparadisi.
Vuyela umhlaba ococekileyo osemnyango!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngaba uya kube unenxaxheba ekucocweni komhlaba wonke okuza kwenziwa?