“Yenza Unako-nako”
1 Xa sasizahlulela kuYehova, sathembisa ukumnika okona kulungileyo sinako. Ngokufanelekileyo, umpostile uPetros wakhuthaza amaKristu enkulungwane yokuqala ukuba enze unako-nako ukuqinisekisa ukuma kwawo phambi koYehova. (2 Pet. 1:10) Ngokuqinisekileyo nathi kufuneka senze unako-nako ukuze sikholise uYehova ekumkhonzeni namhlanje. Kubandakanya ntoni oku? Njengoko ulwalamano lwethu noYehova luqina size sicamngce ngazo zonke izinto asenzele zona, iintliziyo zethu zisishukumisela ekubeni sihlale sisenza konke okusemandleni ethu enkonzweni yakhe. Sifanele siphucule umgangatho, yaye xa kunokwenzeka, sibandise ubulungiseleli bethu.—INdu. 34:8; 2 Tim. 2:15.
2 Omnye umzalwana oselula owayefuna ukwenza okungakumbi kubulungiseleli wafumanisa ukuba isifundo esithe rhoqo seLizwi likaThixo siye salwenza nzulu uxabiso lwakhe ngoYehova saza samshukumisela ekubeni abe nenzondelelo ngakumbi. Oku kwamshukumisela ekubeni angenele inkonzo yobuvulindlela. Omnye udade owayenengxaki ekuthetheni nabantu angabaziyo waqhelisela ezinye zeentshumayelo ezikwincwadi ethi Ukuqiqa yaye kungekudala waqalisa ukuba nempumelelo ngakumbi kubulungiseleli bakhe. Waqhuba isifundo seBhayibhile kunye nesibini esayamkelayo inyaniso.
3 Kuvuyele Oko Ukwaziyo Ukukwenza: Bambi kuthi basebunzimeni obukhulu obunjengempilo enkenenkene, inkcaso yentsapho, ubuhlwempu, okanye ukungafumani ntsabelo entsimini. Ezinye iingxaki ezininzi ezixhaphakileyo kule mihla yokugqibela zisenokuyisikel’ umda inkonzo yethu. (Luka 21:34, umbhalo osemazantsi weNW; 2 Tim. 3:1) Ngaba oku kuthetha ukuthi asikwazi ukwenza ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuYehova? Akunjalo ukuba senza unako-nako kwinkonzo yakhe.
4 Akubobulumko ukuzithelekisa nabanye. Kunoko, iZibhalo zisikhuthaza ukuba “ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe.” Ukuzibhokoxa ngokupheleleyo kangangoko sinako kuyamkholisa uYehova yaye kusenza sibe “nonobangela wokugcoba.”—Gal. 6:4; Kol. 3:23, 24.
5 Kwanga singawathobela amazwi kaPetros athi ‘masenze unako-nako ukuze ekugqibeleni sifunyanwe nguThixo singenabala kwaye singenasiphako yaye siseluxolweni.’ (2 Pet. 3:14) Loo moya uya kusenza sizive sinqabisekile yaye uya kusinika uxolo lwengqondo olunikelwa nguYehova kuphela.—INdu. 4:8.