IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 9/1 iphe. 3-4
  • Ngaba Amakhubalo Ethamsanqa Anokukukhusela?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Amakhubalo Ethamsanqa Anokukukhusela?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iphulo Lokufuna Ukukhuseleka
  • Amandla Athandabuzekayo Amakhubalo
  • Ngaba Lungafumaneka Ukhuseleko Lokwenene?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Uyakhumbula Na?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Iinkolelo—Kutheni Zingapheli?
    Vukani!—1999
  • Ngaba Ulawulwa Ziinkolelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 9/1 iphe. 3-4

Ngaba Amakhubalo Ethamsanqa Anokukukhusela?

IKRISTALE esepokothweni yendoda yaseBrazil. Ingqekembe yethamsanqa yembaleki yaseMerika. Umnqamlezo weNgcwele uBrigid ojinga phezu kwebhedi kwikhaya lentsapho yaseIreland. Izigidi zabantu zisebenzisa izinto ezifana nezo njengamakhubalo okanye amaqwili ethamsanqa.a Zikholelwa kwelokuba ukuba nala makhubalo kunokushenxisa iingozi kuze kuzise ithamsanqa.

Ngokomzekelo, makhe siqwalasele iBrazil. Ngokutsho kwephephancwadi iVeja, abemi baseBrazil abaninzi baphatha “amatye amancinane namatye anqabileyo kodwa angenaxabiso likhulu kangako ekuthiwa anamandla okutsala ithamsanqa namandla omzimba nawengqondo kulowo unaloo matye.” Besoyika ukungabonisi ntlonelo kumandla obugqi, abanye kwelo lizwe baxhoma umfuziselo okanye umbhalo wonqulo eludongeni lwekhaya labo. Bambi bade basebenzise iBhayibhile njengekhubalo elingcwele; bayibeka phezu kwetafile, ngamaxesha onke ivulwe kwiNdumiso 91.

Ngokufanayo emazantsi eAfrika, kusetyenziswa umuti, okanye iyeza lesintu, kungekuphela nje ngenxa yokuba liphilisa, kodwa kwanangenjongo yokuzikhusela kwilishwa. Ukugula, ukufa, iingxaki zemali, kwanokuthandana okuye akwaphumelela ngokufuthi kuthiwa kungumphumo wokushwatyulelwa ziintshaba okanye kungumphumo wokusilela ukwanelisa izinyanya. Ngokuqhelekileyo umuti ufumaneka kwixhwele lasemaphandleni, elenza umxube wezityalo, wemithi okanye amalungu ezilwanyana. Noko ke, okubangel’ umdla kukuba, umuti awusetyenziswa emaphandleni kuphela; usetyenziswa ngokubanzi kwizixeko zaseMzantsi Afrika. Oosomashishini nabanezidanga zaseyunivesithi baphakathi kwabo bathembele kumuti.

Kwakhona iphulo lokufuna ithamsanqa lixhaphakile kumazwe aseYurophu. Incwadi ethi Studies in Folklife Presented to Emyr Estyn Evans isixelela oku: “Phantse kuzo zonke iziphaluka okanye iidolophu eIreland unokubona iziporo zamahashe zibotshelelwe eminyango okanye phezu kwayo kwizindlu ezithile okanye ezisemacaleni.” Enye into exhaphake ngakumbi kwelo lizwe yiminqamlezo eyenziwe ngengcongolo ejinga phezu kwebhedi neminyango ngenjongo yokuzisa ithamsanqa. Abakhi-mkhanya bathi, abemi abaninzi baseIreland babonakala ngathi abazithabathi nzulu kangako ezo nkolo. Sekunjalo, bambalwa abazigatya ngokupheleleyo.

Iphulo Lokufuna Ukukhuseleka

Yintoni etsala abantu kwiinkolo ezinjalo? Kuyabonakala ukuba zifeza intswelo esisiseko yokhuseleko abantu abanayo. Eneneni, bangaphi abaziva bekhuselekile emakhayeni abo, singasathethi ke xa behamba ezitratweni ebusuku? Wongezelele koko uxinezeleko lokuziphilisa nokunyamekela abantwana. Ewe, siphila koko iBhayibhile ikubiza ngokuthi “ngamaxesha eenkathazo.” (2 Timoti 3:1, The New English Bible) Ngoko kungokwemvelo ukuba abantu babe nomnqweno onamandla wokufuna ukukhuseleka.

Ngokukhethekileyo oku kusenokuba njalo kwiindawo ekuxhaphake kuzo iindlela ezahlukahlukeneyo zokusebenzelana nelemimoya nomlingo. Ukoyika imimoya yabafileyo ethelekelelwayo okanye ukuba lixhoba lesiqalekiso sotshaba kunokwenza oko kufane kubizwe ngokuba kukukhuselwa likhubalo kubonakale kuyimfuneko. Nokuba imeko iyintoni na, iThe World Book Encyclopedia ithi: “Inkoliso yabantu inoloyiko olwenza izive inganqabisekanga. Iinkolo zinceda ekoyiseni uloyiko olunjalo ngokunikela unqabiseko. Ziqinisekisa abantu ukuba baya kufumana oko bakufunayo baze baphephe iinkathazo.”

Amandla Athandabuzekayo Amakhubalo

Ngenxa yoko, ehlabathini lonke abantu banxiba, baphathe baze babonise ngamakhubalo enziwe ngeendlela neentlobo ezahlukeneyo. Kodwa ngaba kusengqiqweni ukukholelwa kwelokuba amakhubalo enziwe ngabantu anokunikela naluphi na ukhuseleko lokwenene? Uninzi lwezinto ezisetyenziswa ngabantu abaninzi njengamakhubalo ziimveliso zorhwebo eziveliswa kakhulu. Ngaba kusengqiqweni ukukholelwa kwelokuba izinto ezenziwe kumzi-mveliso zinganamandla omlingo? Kwaneyeza elenziwe ngokukhethekileyo lixhwele lasemaphandleni lingumxube wezinto eziqhelekileyo—iingcambu, amachiza nezinye izinto ezifana nezo. Kungenzeka njani ukuba umxube onjalo ubenamandla omlingo? Ngaphezu koko, ngaba bukho nabuphi na ubungqina bokwenene bokuba abantu abasebenzisa amakhubalo baphila ixesha elide—okanye bonwabe ngakumbi—kunabo bangawasebenzisiyo? Ngaba abo benza amakhubalo anjalo omlingo ababingawo amaxhoba okugula nokufa?

Kunokuba inike abantu ukhuseleko lokwenene nemvakalelo yokulawula ubomi babo, inkolelo yokusetyenziswa kwamakhubalo enyanisweni ayibakhuthazi abantu ukuba bajamelane ngobulumko neengxaki zabo kodwa ibakhuthaza ukuba bajonge kwithamsanqa njengozifo-zonke. Kwakhona ukuthembela kumandla amakhubalo kunokunika lowo uwasebenzisayo imvakalelo ephosakeleyo yonqabiseko. Umntu ophantsi kwempembelelo yotywala usenokuthi amalungu omzimba wakhe nobuchule bakhe abuphazamisekanga, kodwa ukuba uzama ukuqhuba, kusenokwenzeka azenzakalise okanye enzakalise abanye. Ngokukwanjalo lowo uthembela kumandla ekhubalo usenokuzenzakalisa. Ecinga ukuba ukhuselekile, usenokutyekela ekuzibekeni esichengeni okanye enze izigqibo zobuyatha.

Ukukholelwa kumandla amakhubalo kubangela nezinye iingxaki ezinzulu ezingaqondwayo zizigidi eziwasebenzisayo. Ziyintoni ezi ngozi, yaye ngaba ikho enye indlela efanelekileyo yokuphepha ukwenzakala? Inqaku elilandelayo liza kuphendula le mibuzo.

[Umbhalo osemazantsi]

a IWebster’s Ninth New Collegiate Dictionary ichaza “iqwili” ‘njengekhubalo (njengento yokuhombisa) ngokufuthi elibhalwe amagama athile omlingo okanye uphawu lokukhusela lowo ulinxibileyo kwizinto ezimbi (njengesifo okanye ubugqwirha) okanye ukumnceda.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share