Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wakuxabisa ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khawubone enoba ungakwazi na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
▫ Luluphi uncedo olusebenzisekayo olunokunikelwa kwabagulayo nabakhulileyo ebandleni namhlanje?
Kwibandla lamaKristu okuqala, kwakugcinwa uludwe lwabahlolokazi abafuna ukuxhaswa ngezinto eziphathekayo. (1 Timoti 5:9, 10) Ngokukwanjalo namhlanje, abadala basenokwenza uludwe lwabo bagulayo nabakhulileyo abafuna ingqalelo ekhethekileyo. Noko ke, akufanelwe kuyekelwe kubadala kuphela ukuthabatha amanyathelo okuqala kule nkalo. Bonke ebandleni bamele baziphaphele iintswelo ezinjalo. (1 Timoti 5:4-8)—8/15, iphepha 28-9.
▫ Ngaba ibali leBhayibhile elingoYona owaginywa sisilwanyana sasemanzini alikholeleki?
Akunjalo, enoba ngumnenga, ukrebe omkhulu, okanye ukrebe obizwa ngokuthi yiRhincodon typus unokumginya umntu. Ngokubhekele phaya, uYesu waqinisekisa ukuba ingxelo engoYona iyinyaniso. (Mateyu 12:39, 40)—8/15, iphepha 32.
▫ Yiyiphi ingozi ebangelwa yinkolelo yokusebenzisa amakhubalo?
Enyanisweni ukusetyenziswa kwawo akubakhuthazi abantu ukuba bajamelane ngobulumko neengxaki zabo kodwa kubakhuthaza ukuba bajonge kwithamsanqa njengozifo-zonke. Kwakhona anika lowo uwasebenzisayo imvakalelo ephosakeleyo yonqabiseko. Okubaluleke nangakumbi, umntu okholelwa kumandla amakhubalo omlingo nawethamsanqa usenokuvumela ubomi bakhe bulawulwe ngamandla angabonakaliyo eedemon.—9/1, iphepha 4.
▫ Ziziphi izinto ezine ezinokuba luncedo ekwenzeni umtshato uhlale uhleli?
Kukulungela ukuphulaphula, ukukwazi ukucela uxolo, ukukwazi ukunikela inkxaso ngokweemvakalelo ngamaxesha onke, nomnqweno wokubambana ngothando. (1 Korinte 13:4-8; Efese 5:33; Yakobi 1:19)—9/1, iphepha 20.
▫ Yiyiphi enye indlela uYehova abanika ngayo unyamezelo abo bagaxeleka kwizilingo?
UYehova ukwenza oku ngemizekelo yonyamezelo ebhalwe eLizwini lakhe, iBhayibhile. (Roma 15:4) Njengoko sicinga ngale, sikhuthazwa ukuba sinyamezele, size sifunde lukhulu ngendlela yokunyamezela.—9/15, iphepha 11-12.
▫ Kuyintoni ukuhlonel’ uThixo?
Ukuhlonel’ uThixo kuthetha ukuhlonela uYehova okusishukumisela ekubeni senze oko kumkholisayo, naxa sijamelene nezilingo ezinzima, ngenxa yokuba simthanda ngokusuk’ entliziyweni uThixo.—9/15, iphepha 15.
▫ Sifanele siyijonge njani inceba kaThixo?
Asifanele siyithabathe lula inceba kaThixo ebalaseleyo. Sifanele sifane noPawulos size sibonise uxabiso ngendlela esilwisana ngayo nokungafezeki kwethu. (1 Korinte 9:27) Ngale ndlela siya kubonisa ukuba, naxa sijamelene neemeko ezinzima, sinomnqweno onyanisekileyo wokwenza okulungileyo.—10/1, iphepha 23.
▫ Kutheni kufanelekile ukuba uPawulos adwelise ukuzeka kade umsindo njengenkalo yokuqala yothando?
Kuye kwathiwa ubudlelane bamaKristu abunakubakho kungekho ukuzeka kade umsindo, okanye kungekho ukunyamezelana ngomonde. Oku kunjalo ngenxa yokuba sonke asifezekanga, yaye ukungafezeki neentsilelo zethu kuba luvavanyo kwabanye. Ngoko ke, ukuzeka kade umsindo kubalulekile ukuba abazalwana baza kuhlalisana ngothando.—10/15, iphepha 21.
▫ Ngaba amaKristu okuqala ayelisebenzisa igama likaThixo?
Ubungqina buyavuma. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuThixo benjenje: “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) Yaye ekupheleni kobulungiseleli bakhe, wathandaza wathi: “Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bone, bephuma ehlabathini.” (Yohane 17:6) Ngaphandle koko, imibhalo yokuqala yeSeptuagint yayinalo igama likaThixo likwimo yeTetragrammaton yesiHebhere.—11/1, iphepha 30.
▫ Yiyiphi imizekelo yeBhayibhile ebonisa ukuba indlela esizijonga ngayo iimpazamo zethu inokubuchaphazela ubomi bethu?
Ngobuntamo lukhuni uKumkani uSawule wasigatya isiluleko, yaye wenza iimpazamo eziphindaphindiweyo, nto leyo eyabangela ukuba ekugqibeleni afe engenayo inkoliseko kaThixo. (1 Samuweli 15:17-29) Kwelinye icala, phezu kwazo nje iimpazamo nezono awazenzayo, uKumkani uDavide waguquka waza wakwamkela ukulungiswa yaye wahlala ethembekile kuYehova. Le mizekelo yeBhayibhile ibonisa ukuba ukuzivuma iimpazamo zethu kusinceda silondoloze ulwalamano olulungileyo noThixo size ke ngoko sihlale sinethemba lobomi obungunaphakade. (INdumiso 32:1-5)—11/15, iphepha 29-30.
▫ UYehova ubanceda njani abantu bakhe xa bebandezelekile ngenxa yentlekele ebangelwe ngamandla emvelo okanye zezinye izinto?
UYehova akabancedi ngokuguqula amandla emvelo ngomlingo okanye ngesinye isenzo esingaphezu kwamandla okwemvelo, kodwa ngamanye amandla ethi inkoliso yabantu ingawaqondi ngokwenyaniso—uthando. Ewe, uYehova ubathanda ngokwenene abantu bakhe, yaye ukhulisa phakathi kwabo ukuthandana gqitha kangangokuba uyakwazi ukuphumeza oko kubonakala kungumlingo. (1 Yohane 4:10-12, 21)—12/1, iphepha 10.