Ngaba Lungafumaneka Ukhuseleko Lokwenene?
UMBHALI-ZINCOKO uRalph Waldo Emerson wakha wathi: “Abantu abangaqiqiyo bakholelwa kwithamsanqa . . . Abantu abaphilileyo engqondweni bakholelwa kwizizathu nemiphumo.” Ewe, umntu okholelwa kumandla amakhubalo omlingo nawethamsanqa uvumela ubomi bakhe bulawulwe ngamandla angabonakaliyo. Uyiphosa kwelokulibala ingqiqo nengqondo aze azichanabe kuloyiko olungekho ngqiqweni lweenkolo.
Noko ke, iBhayibhile inokumkhulula ubani kuloyiko olunjalo. Ibonisa ukuba amakhubalo awaloncedo, awanamandla. Ikubonisa njani oko? Kaloku, ngokutsho kweThe New Encyclopædia Britannica, “kucingwa ukuba amakhubalo afumana amandla kunxibelelwano lawo [phakathi kwezinye izinto] namandla okwemvelo.” La mandla asenokuba ‘yimimoya yabafileyo’ okanye ‘amandla ethamsanqa.’ Kodwa ngokucacileyo iBhayibhile ibonisa ukuba abafileyo “abazi lutho.” (INtshumayeli 9:5) Ngaloo ndlela, akukho mimoya yabafileyo inokunceda okanye yenzakalise abaphilayo; kungekho nawaphi na amandla angabonakaliyo anjengethamsanqa anokukusebenzela.
Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uThixo wabagweba abo bamshiyayo, abo bayilibalayo intaba yakhe engcwele, ‘abamlungiselelayo [uthixo, NW] uThamsanqa isithebe, bamzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo.’ Kunokuba bakhuseleke, abo babekholelwa kwithamsanqa bagwetyelwa intshabalalo. UYehova uThixo wathi, “Ndinimisele ikrele.”—Isaya 65:11, 12.
Ngokuqhelisela ubugcisa bomlingo, ngokufanayo uhlanga lwamandulo lwaseBhabhiloni lwalukholelwa ekukhuselweni ngamandla angummangaliso. Kodwa iBhabhiloni yahlelwa yintlekele sekunjalo. Umprofeti uIsaya wacel’ umngeni wathi, “Khawumise ngeentshwabulo zakho, nangobugqwirha bakho obuninzi. Mhlawumbi zingakunceda . . . Kodwa akunjalo! phezu kwawo nje amaqhinga akho amaninzi akunamandla.” (Isaya 47:12, 13, The New English Bible) Ekuhambeni kwexesha olo hlanga lwatshabalala ngokupheleleyo. Ukukholelwa kwalo kubugqwirha kwangqineka kulilize. Ngokufanayo, akukho khubalo lomlingo linokwenza nto ekukuncedeni okanye ekukukhuseleni.
Uhlobo Lonqulo-zithixo
Sekunjalo, abanye basenokungaboni ngozi ekuphatheni ikristale, unyawo lomvundla, okanye imbasa yonqulo. Ngaba ezi zinto asizozinto nje ezingenabungozi? IBhayibhile ayivumelani noko. Ithi izinto zobugqi zinobungozi.
Ukusetyenziswa kwamakhubalo kuluhlobo lonqulo-zithixo—into egwetywa ngokucacileyo eLizwini likaThixo. (Eksodus 20:4, 5) Liyinyaniso elokuba, umntu usenokungavakalelwa kukuba ngokungqalileyo unqula ikhubalo. Kodwa ngaba ukuba nalo akubonakalisi isimo sengqondo sokuhlonela nokunqula amandla angabonakaliyo obugqi? Yaye ngaba aliyonyaniso elokuba ngokufuthi kunikelw’ ingqalelo ebonisa ukunqula (njengokuncamisa) kumakhubalo? Kanti iBhayibhile, kweyoku-1 kaYohane 5:21, inikela esi siluleko kumaKristu: “Zigcineni kuzo izithixo.” Ngaba oku bekungayi kuquka izinto ezigqalwa njengamakhubalo?
Umgibe Wobugqi
Ngokusebenzisa amakhubalo, abaninzi baye babanjiswa ngumgibe wobugqi. Liyinyaniso elokuba, bambi basenokuphatha ikristale okanye iyeza lomlingo ngenxa yesiko kungekhona ngenxa yenkolelo. Kodwa kanye njengokuba ukudlala ngothando nonongogo kusenokukhokelela ekufumaneni uGawulayo, ukudlala ngobugqi nako kusenokuba nemiphumo eyintlekele. Kwakungezizathu ezisengqiqweni le nto uThixo wawalelayo amaSirayeli ekuqheliseleni umlingo, ukuvumisa nasekuxeleni ithamsanqa. IBhayibhile ilumkisa ngelithi, “Balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.”—Duteronomi 18:10-14.
Kutheni kukho esi salelo singqongqo kangaka? Kungenxa yokuba amandla angabonakaliyo aphembelela uqheliselo olunjalo asiyomimoya yabafileyo ingengawo namandla ethamsanqa kodwa nguSathana uMtyholi needemon zakhe.a Yaye ukusetyenziswa kwamakhubalo kunxulumene ngokungqalileyo nonqulo lweedemon. IVine’s Expository Dictionary of Old and New Testament Words ithi: “Kubugqwirha, ukusetyenziswa kweziyobisi, enoba zeziqhelekileyo okanye ezinobungozi, ngokuqhelekileyo kwakuphelekwa kukushwabula nokubongozwa kwamandla obugqi, yaye kwakufumaneka namakhubalo ahlukahlukeneyo, njl.”
Ngoko ke lowo unekhubalo lobugqi uzibandakanya ekusebenzelaneni nemimoya. Uzibeka esichengeni sokuwela ngaphantsi kwempembelelo embi nolawulo ‘lothixo weli phakade’—uSathana uMtyholi. (2 Korinte 4:4) Ngoko, ngesizathu esilungileyo, iBhayibhile isiyalela ukuba siphephe zonke iintlobo zokusebenzelana nemimoya.—Galati 5:19-21.
Ukukhululeka Kumakhamandela Eenkolo
Sekunjalo iThe World Book Encyclopedia ithi: “Mhlawumbi iinkolo ziya kuba nendima ebomini lo gama nje abantu besoyikana yaye bengaqinisekanga ngekamva.” Kodwa amaNgqina kaYehova anceda abaninzi ukuba bazikhulule kwiinkolo ezenzakalisayo. Elinye ibhinqa laseMzantsi Afrika likhumbula oku: “Ndandikhathazwa yimimoya engendawo, yaye indlu yam yayizele ngumuti ukuze undikhusele kuyo.” AmaNgqina kaYehova alinceda layibona ingozi yokudlala ngobugqi. Lasabela njani? Lithi, “Ndaqalisa ukulahla yonke into endandinayo eyayinxulumene nobudemon. Impilo yam yaphucuka. Ndahlulela ubomi bam ukuze ndikhonze uYehova ndaza ndabhaptizwa.” Ngoku likhululekile kwiinkolo nasekusebenzelaneni nemimoya.
Kwakhona, khawuqwalasele ixhwele laseNigeria elalidibanisa ukusebenzelana nemimoya nobuchule balo bokuphilisa. Ngokufuthi lisebenzisa izisongelo neziqalekiso, ngokwesiko lalo lalidla ngokuwagxotha amaNgqina kaYehova ekhayeni lalo xa elityelela. Ngesinye isihlandlo lada lalungiselela iyeza elikhethekileyo, laza lashwabula phezu kwalo, laza lalivuthelela ebusweni beli Ngqina! Lakhwaza lathi, “Ngeentsuku ezisixhenxe uya kube ufile!” Kwiintsuku ezisixhenxe kamva eli Ngqina laphinda labuya, nto leyo eyabangela eli xhwele liphume endlwini lingxamile, licinga ukuba libona isithunzela! Ngoku umlingo walo wabhenceka njengongenamsebenzi, lasivuma isifundo seBhayibhile laza ekugqibeleni laba liNgqina.
Nawe ungakhululeka kumakhamandela oloyiko neenkolo. Kuyavunywa ukuba, oku kusenokuba nzima. Mhlawumbi ukhulele kwindawo apho ukusetyenziswa kwamakhubalo kuxhaphakileyo khona. AmaKristu kwiEfese yamandulo ajamelana nocelomngeni olunjalo. Ayephila kwindawo eyayiphenjelelwe ngamandla kukusebenzelana nemimoya. Enza ntoni esakuba efunde inyaniso yeLizwi likaThixo? IBhayibhile ithi: “Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, yazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.”—IZenzo 19:19.
Ukuzuza Inkuseleko KaThixo
Ukuba ulahla zonke izinto zobugqi, ngaba akusayi kusala ungakhuselekanga? Ngokwahlukileyo koko, “uThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.” (INdumiso 46:1) Inkuseleko kaThixo iya kubonakala ngokukhethekileyo xa etshabalalisa le nkqubo ingendawo yezinto. “Iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo.”—2 Petros 2:9; thelekisa INdumiso 37:40.
Okwangoku, ‘sonke sisafikelwa lixesha nasisihlo.’ (INtshumayeli 9:11) UThixo akathembisi ukuba abakhonzi bakhe baya kuphila ubomi “obungenazingxaki” okanye uya kubakhusela kuzo zonke iingozi ezinokubahlela. Sekunjalo, uthembisa ukubukhusela ubumoya bethu nolwalamano lwethu naye. (INdumiso 91:1-9) Njani? Phakathi kwezinye izinto, usinika imithetho nemigaqo enokuba yingenelo kuthi nenokusikhusela kwimpembelelo kaSathana eyonakalisayo. (Isaya 48:17) Ngokuzuza ulwazi ngeendlela zikaYehova, ‘ukunkqangiyela kuya kusigcina, ukuqonda kusilondoloze’—ngokomzekelo, kwizinto ezingeyongenelo okanye ezenzakalisayo.—IMizekeliso 2:11.
Enye indlela uThixo asikhusela ngayo kungokusinika “incamisa yamandla” ngamaxesha ovavanyo. (2 Korinte 4:7) Yaye xa iimeko zisongela ukumoyisa umKristu, umnika “uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda” ukuze lugcine intliziyo neengqiqo. (Filipi 4:7) Ewe, umKristu uxhotyiselwe ‘ukumisa abuchase ubuqhinga boMtyholi.’—Efese 6:11-13.
Ungayifumana njani inkuseleko enjalo? Qalisa ngokufunda ngoYehova nangoNyana wakhe, uYesu Kristu. (Yohane 17:3) AmaNgqina kaYehova anokwenza lukhulu ekukuncedeni kule nkalo. Njengokuba uhlakulela ulwalamano olufudumeleyo noYehova, uya kuqalisa ukufumana inkuseleko yakhe yobubele. Njengoko sifunda kwiNdumiso 91:14 uThixo uthi: “Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.”
Eneneni, ukuba uthembekile kuye, ekugqibeleni uThixo uya kukusikelela ngobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elizayo. UYehova ubaqinisekisa abo baya kuba bephila ngelo xesha ngokuthi: “Kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.” (Mika 4:4) Izifo nokufa akusayi kuba khona. (ISityhilelo 21:4) Noko ke, kwanangoku, unokunandipha umlinganiselo othile wenkuseleko—ukuba uhlakulela ulwalamano olusenyongweni noYehova. Njengomdumisi, uya kukwazi ukuthi: “Uncedo lwam luvela kuYehova, uMenzi wezulu nehlabathi.”—INdumiso 121:2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadana enemifanekiso ethi Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
AmaKristu e-Efese ahlukana nazo zonke izinto ezazinxulumene nobugqi
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngaphantsi koBukumkani bukaThixo, akusayi kubakho loyiko