Yiza KwiNdibano YeSithili “Yokoyika UThixo”
PHANTSI koMthetho kaMoses abakhonzi bakaYehova bamaxesha amandulo kwakufuneka bahlanganisane kathathu nyaka ngamnye ukwenzela imisitho ethile. Ezi yayisiba zizihlandlo ezivuyisayo nezakhayo ngokomoya.—Duteronomi 16:16.
Kula maxesha ngokufanayo abakhonzi bakaYehova bahlanganisana kathathu nyaka ngamnye: kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye, indibano yesiphaluka yeentsuku ezimbini nendibano yesithili yeentsuku ezintathu okanye ezine. Ebudeni bowe-1994, amaNgqina kaYehova aya kuhlanganisana kwiNdibano yeSithili “Yokoyika uThixo.”
ILizwi likaThixo alishiyi mathandabuzo ngendlela ekubaluleke ngayo ukoyika uThixo. Olo hlobo loloyiko ilukhankanya izihlandlo ezingama-200. Ukoyika uThixo kuyakhusela, njengoko kunokubonwa kwiMizekeliso 16:6 ethi: “Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.” Kaloku, kwiNdumiso 111:10 sixelelwa ukuba ingqalo yobulumko kukoyika uThixo!
Kunokuthiwa zimbini iinkalo zokoyika uThixo. Phakathi kwezinye izinto, uloyiko olunjalo luphenjelelwa luthando. Siyoyika ukungamkholisi uThixo ngenxa yothando lwethu olukhulu ngaye. (IMizekeliso 27:11) Kwakhona, ubulumko esinabo buya kusinceda similisele ukoyika uThixo ezingqondweni zethu, ekubeni sisazi ukuba uThixo “ungumlilo odlayo” kubo bonke abenza okuphosakeleyo.—Hebhere 12:29.
KwiNdibano yethu yeSithili “Yokoyika uThixo,” siya kuyalelwa size sikhuthazwe kakhulu ukuba sikhulise ukoyika uThixo. Imfundiso enjalo iya kunikelwa ngeentetho, imiboniso nangomdlalo, kwanangokubaliswa kwamava.
Kwananjengokuba amaSirayeli akudala ayalelwa ukuba angezi ezindibanweni zawo ephaca, ngoko nathi sifanele sifune ukufak’ isandla kuvuyo nakwimpumelelo yeendibano zethu. (Duteronomi 16:17) Oku sinokukwenza ngokubonakalisa intlonelo ngetafile kaYehova. Njani? Ngokufika kwangethuba, ngokunikela ingqalelo ngokupheleleyo koko kuthethwa eqongeni, ngokuthelela ngentliziyo iphela ekuvumeni iingoma. Asiyi kuncokola okanye sizulazule ebudeni bocwangciso. Kwakhona siya kufuna ukuzinikela kangangoko sinako kwinkonzo yokusebenza ngokuzithandela. Ukulungelelaniswa kweNdibano kuquka amasebe amaninzi, onke afuna abasebenzi. Kwakhona siya kufuna ukwenza iminikelo yemali ngokomlinganiselo wendlela uYehova asisikelele ngayo.
Ngamnye kubakhonzi bakaYehova makacebe kwangoku ukubakho kuzo zontathu iintsuku zeNdibano yeSithili “Yokoyika UThixo,” ukususela kwingoma yokuvula kusasa ngoLwesihlanu de kube ngumthandazo wokuqukumbela emva kwemini ngeCawa.