Yiza KwiNdibano Yesithili ‘Yabadumisi Abanovuyo’
ONJANI wona ukuba mhle umxholo oye wakhethelwa iindibano zesithili zowe-1995: “Abadumisi Abanovuyo”! Anjalo kanye amaNgqina kaYehova. Ngabadumisi bakabani? Kakade ke, ngabakaYehova uThixo!
UYehova akanakulinganiswa namntu, akanakuthelekiswa namntu, akanakufaniswa namntu, wahlukile ngeendlela ezininzi. Unamandla onke, wazi izinto zonke, ugqibelele ngokusesikweni, yaye uluthando lumntwisiwe. Ngaphezu kwabo bonke abanye, ufanelwe kukuba simnqule yaye simdumise.
Ngokuqinisekileyo sifuna ukumdumisa sinovuyo! Ukusinceda senze oko, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lilungiselele ucwangciso oluhle lwendibano yeentsuku ezintathu, oluya kuqalisa ngehlobo lowe-1995. Ezi ntsuku zintathu ziya kuba zezivuyisayo ngokwenene, yaye wonke umntu oliNgqina likaYehova uya kufuna ukwenza konke anako ukuze abekho ukususela kwingoma yokuvula ngentsasa yangoLwesihlanu kuse kwingoma nomthandazo wokuqukumbela emva kwemini ngeCawa.